UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ulwaphulo-mthetho, uMthetho NobuLungisa
Ulutsha Olusemngciphekweni
Ukufumana Imibutho Yolutsha yaseMzantsi Afrika
Ukufumana Imibutho Yolutsha yaseMzantsi Afrika
INKCAZELO:
Kukho intaphane yemibutho eMzantsi Afrika esebenza nolutsha phantsi kwemiba emininzi neyahlukileyo. Le mibutho iquka imibutho engajonge ngeniso, imibutho yenkolo, amanyathelo afumana uncedo nenkxaso ngezimali kurhulumente. Ukuze ufumanise ukuba yeyiphi na imibutho ekhonyayo kwingingqi ohlala kuyo, ungaphendla ezi zikhundla zonxibelelwano ngekhompyutha
Isikhundla Solwazi seKomishoni Yesizwe Yolutsha Esinemibutho Yolutsha yaseMzantsi Afrika
Imibutho Engajonge Ngeniso Ezibhalise eNtshona Koloni
ISIKHUNDLA SOLWAZI SEKOMISHONI YESIZWE YOLUTSHA ESINEMIBUTHO YOLUTSHA YASEMZANTSI AFRIKA
IKomishoni Yesizwe Yolutsha igcina uluhlu database lwemibutho eli-135 eMzantsi Afrika esebenza nabantu abatsha.
Esi sikhundla solwazi singaphendlwa ngokwelona gama lingundoqo kuloo mba uwufunayo.
ISIKHUNDLA SOLWAZI SEENKOZO ZEMIBUTHO YEMSOBOMVO
Esi sikhundla solwazi siyafumaneka kwiSikhundla Sonxibelelwano Solutsha.
Ungasiphendla esi sikhundla solwazi ngokuthi ufake:
igama lombutho uhlobo lwenkonzo iphondo isithili/inqila.
Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe ungaqhagamshelana neZiko Elitsalelwa Iminxeba kule nombolo 08600 YOUTH (08600 96884).
IMIBUTHO ENGAJONGE NGENISO EBHALISE ENTSHONA KOLONI
Imibutho emininzi engajonge ngeniso eNtshona Koloni ibhaliswe kwiSebe leeNkonzo Zoluntu Nokupheliswa Kwentlupheko. Ukuze ufumanise ukuba yeyiphi na imibutho ekhonyayo kwingingqi ohlala kuyo, ungaphendla uluhlu lwemibutho ebhalisiwey kwikhompyutha.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
IKomishoni yoLutsha yeSizwe
YAYAMENE
Amaziko Ononophelo Lolutsha (IBakala Lezxhobo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
