UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iziganeko
UMHLA:
IBAKALA:
Usuku/Iveki/Inyanga ekujoliswe kuyo
INDAWO:
INKCAZELO:
Icuba likwindawo yesibini kwezona zinto zibangela ukufa ehlabathini, ngokusuba umphefumlo omnye kwelishumi kwihlabathi jikelele (malunga nezigidi ezintlanu zisutywa kukufa ngenxa yalo ngonyaka). Isiqingatha sabantu abatshayayo namhlanje ? siya kuphela sibulawa licuba"
Umbutho Wezempilo Wehlabathi
Umxholo wosuku lokwazisa ngeengozi zecuba lwalo nyaka uphethe indaba yolawulo lwecuba nentlupheko.
Ukubhiyozela oku, iSebe lezeMpilo liza kube libambe isiganeko sesizwe kwiHolo Yoluntu yaseSalt River, eKapa, apho uMphathiswa wezeMpilo aya kube ethetha namakhosikazi asuka kumzi-mveliso okufutshane apho.
Iintshukumo ezininzi sele zicwangciselwe eso siganeko, ntshukumo ezo zifana nobungqina obusuka kowayesakutshaya ngeendlela icuba eliyichaphazela ngayo impilo yomntu kwanemibuliso ngokubethwa kwamagogogo ukubonisa ukubethwa kwezinto ezimbi eziza necuba ngokuthi umntu ayeke ukutshaya ze akhuthaze nabanye ukuba benze njalo.
Eli Sebe sele likhuphe ulwazi ngeendlela ezimbi icuba elizichaphazela ngayo iintlanga ngeentlanga.
Ukutshaya Namakhosikazi
Ulutsha Nokutshaya
UQHAGAMSHELWANO:
Inombolo Yomnxeba Yokuyeka Ukutshaya: 011 720 3145
Imibuzo:
Zanele Mthembu
UMlawuli weBhunga Lesizwe Elichasene Nokutshaya
UMNINI-MCIMBI:
YAYAMENE
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
