UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ubomi Bakho
Ulwaphulo-mthetho Nokhuseleko
Ukuhlala Ukhuselekile
UKUHLALA UKHUSELEKILE
Bambanani Nilwe Ulwaphulo-mthetho - Ukugcina Abantwana Bekhuselekile (IiNkcukacha Zoluntu)
iKhaya Elikhuselekileyo kuwo Onke Amanina Nabantwana Bethu" - Ukhuseleko lwamanina nolwabantwana bethu ngundoqo kuRhulumente wePhondo leNtshona Koloni. 
Iinombolo Zoqhagamshelwano Ezibalulekileyo (IiNkcukacha Zoluntu)
Olu ke luluhlu lweenombolo eziluncedo nezibalulekileyo onokuzigcina ecaleni komnxeba ukwenzela amaxesha kaxakeka. Unakho kanti nokwangeza iinombolo zakho ezibalulekileyo. 
Ikhaya Elikhuselekileyo Kusapho Lulonke (IiNkcukacha Zoluntu)
Isikhokelo Sokulumkisa Uluntu Ngomkhwa Wokuxhwilwa Kwezithuthi (IiNkcukacha Zoluntu)
Ukucela Uncedo Olungxamisekileyo (IiNkonzo)
Okwangoku, akukabikho nombolo inye yexesha likaxakeka eMzantsi Afrika. Ngoko ke kufuneka utsalele uthotho lweenombolo ezahlukeneyo xa ufuna iinkonzo ezahlukeneyo zikarhulumente zamaxesha kaxakeka, ngaphandle kokuba ke ukwingingqi yenqila yeSixeko saseKapa, esele inayo inombolo yayo enye yamaxesha kaxakeka engu-107. 
Ukukhuselwa Kubundlobongela Basekhaya (IiNkonzo)
Ukuba ulixhoba lobundlobongela basekhaya kwaye umntu okuphatha gadalalangumntu owalamene naye ngokwasekhaya, ungenza isicelo somyalelo wokhuseleko phantsi komthetho obizwa ngokuba yi-Domestic Violence Act. Umyalelo wokhuseleko uneemeko ezithile ezimisa ukuba lo mntu okuphatha gadalala angazenzi. Ukuba lo mntu ukuphatha gadalala uthe akazithobela ezi meko, angabanjwa. 
Ukunikezela Ngengxelo Yodlwengulo (IiNkonzo)
Ukuba uthe wadlwengulwa okanye wenzakaliswa ngokwesondo, ungagqithisa ingxelo malunga noku emapoliseni. Kukuzithandela kwakho ukuba uyigqithise le ngxelo nokuba ungayigqithisi emapoliseni kodwa ukuba awuyinikezeli, ityala lakho alisayi kuphandwa okanye kufakwe simangalo. Amapolisa awavumelekanga ukuba angavumi ukuphanda ityala lakho, kodwa ukuba awuyigqithisanga ingxelo, ityala lakho alisayi kuphandwa ... 
Iindawo Zokuhlala Zamakhosikazi Akhe Abephethwe Gadalala (IiNkonzo)
Kukho intaphane yamakhaya amakhosikazi abephethwe gadalala eNtshona Koloni abhaliswe neSebe leeNkonzo Zoluntu Nokupheliswa. Amakhosikazi adinga ukhuseleko angaqhagamshelana nekhaya elo ngqo, okanye acele unontlalo-ntle kwi-ofisi yesithili yeli sebe ekufutshane nawo okanye kwisikhululo samapolisa ngoncedo lokuqhagamshelana nendawo yokuhlala. 
Ukuqhagamshelana neForum yamaPolisa Yasekuhlaleni (IiNkonzo)
Ukuqhagamshelana, Ukubhalisa okanye Ukufumana Uqeqesho Nezixhobo Lweqela Elilwa uLwaphulo-mthetho Ekuhlaleni (IiNkonzo)
Iqela elilwa ulwaphulo-mthetho ekuhlaleni liqela labahlali basebumelwaneni nabathi bavumelane ekusekeni eli qela emva kokuxoxa lo mba kunye nabantu abahlala kummandla wabo. Injongo yeli qela kukukhuthaza ubudlelwane obufanelekileyo phakathi kwabahlali kwakunye nokusebenza njengo-'gcinikhaya' kulo mmandla, ngamanye amaxesha ngokujikeleza, kwaye ngamanye amaxesha ngokuhlala rhoqo belindele okunokwenzeka kwimisebenzi ... 
Ukuba Ngumntu Osebenzela Uxolo (IiNkonzo)
Abantu abasebenzela uxolo bahamba-hamba apha ekuhlaleni yaye bayafumaneka ukuncedisa kuyo nayiphi na imeko yengxwaba-ngxwaba engenazigalo. Ezinye iinkonzo ezinikezelwayo ziquka ukuya kwiziganeko ezinkulu, ezifana nemingcwabo, enokuba nobundlobongela. Abantu abasebenzela uxolo banceda iindawo abahlala kuzo ixesha elingangonyaka. Nabani na obudala buyiminyaka ephakathi kwe-18 nama-35, ongaphangeliyo, ofikeleleyo kwibanga ... 
Ukufumana Ukukhuselwa Njengengqina (IiNkonzo)
Ukuba ulingqina yaye woyikisela ukhuseleko lwakho ngezizathu zokuba lingqina, ungazifakela isicelo sokukhuselwa njengengqina. Ungoyikisela ukhuseleko lwakho okanye olwakhe nabani na osenyongweni kuwe. Ungoyika umntu omnye okanye iqela labantu. 
uNovemba 2002
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 27 uNovemba 2006
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
