UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ubomi Bakho
Ulwaphulo-mthetho Nokhuseleko
AmaPolisa
AMAPOLISA
Ukucela Uncedo Olungxamisekileyo (IiNkonzo)
Okwangoku, akukabikho nombolo inye yexesha likaxakeka eMzantsi Afrika. Ngoko ke kufuneka utsalele uthotho lweenombolo ezahlukeneyo xa ufuna iinkonzo ezahlukeneyo zikarhulumente zamaxesha kaxakeka, ngaphandle kokuba ke ukwingingqi yenqila yeSixeko saseKapa, esele inayo inombolo yayo enye yamaxesha kaxakeka engu-107. 
Ukufumana Uncedo NjengeXhoba loLwaphulo-mthetho (IiNkonzo)
Ukuba ulixhoba lolwaphulo-mthetho, ungenzakala ngokwasemphefumlweni. Kwixesha elidlulileyo, isikhululo samapolisa yayingeyondawo apho amaxhoba, ingakumbi kulwaphulo-mthetho lobundlobongela, anokuziva ekhululekile xa egqithisa ingxelo yawo kumapolisa, okanye indawo abanokuthi bafumane uncedo lonyango ekonzakaleni ngokwasemphufumlweni. 
Ukuba Ngumntu Osebenzisana Namapolisa (IiNkonzo)
Abantu abasebenzisana namapolisa ngamavolontiya aphuma ekuhlaleni anamagunya noxanduva olufanayo nolwamapolisa xa besemsebenzini. Ukuze ube ngumntu osebenzisana namapolisa kufuneka iimpepha zaseburhulumenteni zibe zithi akuzange wophula mthetho, futhi kufuneka ubuncinci ube waliphumelela ibanga leshumi. 
Ukufumana Ukukhuselwa Njengengqina (IiNkonzo)
Ukuba ulingqina yaye woyikisela ukhuseleko lwakho ngezizathu zokuba lingqina, ungazifakela isicelo sokukhuselwa njengengqina. Ungoyikisela ukhuseleko lwakho okanye olwakhe nabani na osenyongweni kuwe. Ungoyika umntu omnye okanye iqela labantu. 
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
