UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ezotyelelo & Nezohambo
INKCAZELO:
Enye yeenjongo zale nkqubo kukuncedisa iinkampani zaseMzantsi Afrika ukuba zibhengeze iimveliso zazo zezotyelelo kumazwe angaphandle ngokuthi zivelise iincwadana ezineenkcukacha, amaphetshana angotyelelo kweli lizwe, ukuya kubonisa ngeemveliso zazo ngeendlela ezininzi zokubhengeza, ulwazi olufakwe kwikhompyutha okanye nazo naziphi na izixhobo zokubhengeza ezotyelelo kumazwe angaphandle.
Imbuyekezo inikezelwa ngokuyilwa, ukuhlanganiswa, ukuveliswa, ukukhutshwa, ukuphinda kukhutshwe kwanokusasazwa kwezixhobo zokubhengeza ezo mveliso kumazwe angaphandle.
Uncedo luya kunikezelwa kuphela ngezixhobo ezanzelwe ukuthengisa nokubhengeza iimveliso zotyelelo kumazwe angaphandle.
IMIYALELO:
Amashishini anomdla kufuneka afake izicelo kwiSebe leMicimbi Yendalo Engqongileyo Nokhenketho ukuze bazibhalise njengamaqela athatha inxaxheba kule nkqubo. Izicelo zobhaliso ziya kuvavanywa ekuqinisekiseni ukuba ziyavumelana nomgaqo omisiweyo, emva koko, aya kwaziswa ukuba izicelo zabo zamkelwe na okanye zokhatyiwe.
Amaphetshana ezicelo ezigcwalisiweyo kufuneka zibuyiselwe kule dilesi ilandelayo:
Inombolo yefowuni: 012 310 3427
Luxanduva lwakho ukufumana ukwamkelwa ngaphambi kokuzifaka kwiindleko ezinento yokwenza nale nkqubo. Amaphtshana ezicelo agcwalisiweyo kufuneka athunyelwe kule dilesi ingentla apha.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
YAYAMENE
Uncedo-mali lwe-ITMAS Olukhuthaza Ukuthatyathwa Kwenxaxheba Kumboniso Wentengiso Wezizwe Ngezizwe (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
