UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ushishino & Noqoqosho
Inkqubo Yophuhliso Lwababoneleli Kumashishini Amnyama
Inkqubo Yophuhliso Lwababoneleli Kumashishini Amnyama
INKCAZELO:
Inkqubo Yophuhliso Lwababoneleli Kumashishini Amnyama yeSebe Leentengiso Norhwebo yinkqubo engu-80:20 yokwabelana ngeendleko kumashishini aphantsi kwabanini abamnyama, ngenkxaso-mali efikelela kwi-R100,000. Le nkqubo ke ikwabonelela nangeenkonzo zophuhliso lwamashishini ngenjongo yokunceda iinkampani ziphucule izakhono zazo ze zisebenze ngcono.
Ibe kanti inezabelo ezingama-51% ubuncinci eziphantsi kwamalungu amnyama ze ibe nabaphathi abalinani elivisayo abamnyama.
Ibe nengeniso engadlulanga kwi-R12 lezigidi zeerandi ngonyaka.
Ibe ikhe yasebenza ubuncinci ixesha elingunyaka.
Le nkqubo ke ijolise:
Ekukhawuleziseni ukufaka amashishini asakhasayo, asaakhulayo nalawo sele ekhulile kundoqo woqoqosho lwesizwe.
Ekuqinisekiseni ukuba ziyakheka iintsebenziswano phakathi kwamashishini asakhasayo, asakhulayo nasekhulile aphantsi kwabanini abamnyama kwanalawo makhulu abucala nawaseburhulumenteni.
Ukuhlanganisa iindlela zokunikezela iithenda kubantu ababesakuhleleleka kwanamalinge okunikezela iinkonzo kumashishini abucala.
Ekuncediseni elo shishini ukuba lizixhobise ngezakhono ngeenjongo zokukwazi ukungenela isicelo sethenda ngempumelelo kwanokufumana amathuba okwenza imisebenzi karhulumente.
IMIYALELO:
Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha:
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
YAYAMENE
Iinkqubo Zokuncedana Namashishini Asakhasayo Afikelele Kwiinkxaso-mali Nolwazi Kumashishini (IiNkonzo)
IiNkqubo zeNkxaso yokuXhobisa uQoqosho lwabaMnyama (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
