UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ubugcisa Nenkcubeko
INKCAZELO:
Iziko Lolondolozo Loovimba-mpepha laseKapa livumela uluntu ukuba lufikelele kwiimpepha zaseburhulumenteni kwaneempepha zabucala ezimashumi mabini nangaphezulu eminyaka ubudala. Lo vimba-mpepha usetyenziselwa ukugcina iinkcukacha zophando lwemfundo ephakamileyo, uphando lwaseburhulumenteni nolwabucala. Uphando lwenzululwazi ngomlibo wezilwanyana, izityalo nabantu lolona luphambili onokulufumana kwiimpepha zophando ezikulo vimba.
IMIYALELO:
Xa sele umfumene lo vimba umfunayo, gcwalisa iphetshana lokumbolekwa elineenkcukacha zakhe ze ulinikezele kwelo gosa. Igosa elo ke liya kumzisa kuwe loo vimba kwelo gumbi lokufundela.
Ukuze ubhale phantsi amanqaku abalulekileyo ngophando olwenzayo, kuya kufuneka ube nephepha nosiba - iipen azivumelekanga xa usebenza ngeempepha ezineenkcukacha ezikoovimba. Ungeza nayo ke kodwa yona ikhompyuthas yakho encinci kuba sinazo iindawo zokugxumeka iiplagi.
Iinkcukacha ezithile ofuna ukwenza iikopi zazo ungazifumana ngokuthi ukhuphe kuwe engxoweni loo malana. Xa ufuna ezi kopi ke gcwalisa iphetshana elifanelekileyo ze ulinikezele kwigosa leli ziko. Igosa eli ke liya kukuchazela ukuba ukuba ezi kopi ziya kufumaneka nini na.
Kwangokufanayo, izicelo zokwenza iikpopi zemifanekiso ziya kudla kwakuwe engxoweni. Kwakhona ke, xa ufuna iikopi zemifanekiso, gcwalisa iphetshana elifanelekileyo ze elinikezele kwigosa leli ziko. Uya kuchazelwa yakuvela ke le kopi. Kuya kuthi ke kufuneke uye naloo kopi isafuna ukuhlanjwa kwindawo ehlambisa imifanekiso bhanya-bhanya.
Nazi iinkcukacha zoqhagamshelwano zeli Ziko Lolondolozo Loovimba-mpepha:iNtloko
Inombolo Yomnxeba: 021 466 8100
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
YAYAMENE
iNkqubo Yesizwe Ezihambelayo Yokufumana Iinkcukacha Koovimba-mpepha (ekwabizwa ngokuba yiNAAIRS) (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
