UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa
IiNkonzo
Ezempilo
Ugonyo
Ugonyo
Ugonyo
UBUME
IINKONZO
AMAPHULO
IINDABA
IINTETHO
USHICILELO
IIKOMITI
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
INKCAZELO:
Ugonyo lukhusela abantu abadala nabantwana kwizifo ezinobungozi kodwa zinokuthintelwa. UMbutho weMpilo kaZwelonke uthi ugonyo luhlangula ubomi bezigidi ezithathu zabantu ngonyaka.
Umntwana wakho angakhuseleka kwezi zigulo zilandelayo ukuba uthe wagonywa
Kufuneka agonywe nini umntwana wakho?
ISebe lezeMpilo licebisa oomama ngokumandla ukuba bakhusele abantwana babo kwizifo ezosulelayo ngokuthi babase ukuba baye kugonywa ukususela ekuzalweni kwabo ukuya kwiminyaka emihlanu ubudala. Ugonyo lufumaneka simahla kuwo onke amaziko ezonyango. Eli Sebe liqhuba amaphulo ogonyo, baze abasebenzi bezempilo bathunyelwe kwizikolo zamabanga aphantsi ukuya kugonya abantwana. Eli Phondo liceba iphulo elikhulu logonyo ukulwa nerhashalala kunye nepoliyo ngonyaka ka-2004.
Ugonyo lukhuselekile. Nangona zisenokuba kho iziphumo ezingalunganga emva kogonyo, zisoloko zingenabungozi bungako yaye ziphela ngokukhawuleza. Qhagamshelana nekliniki ekufutshane nawe ukufumana iingcebiso ukuba uxhalabile.
UMNTWANA WAKHO ANGAKHUSELEKA KWEZI ZIGULO ZILANDELAYO UKUBA UTHE WAGONYWA
Ipoliyo ibangwa ziintsholongwane (iintsholongwane zepoliyo), ezithi zihlasele imithambo-luvo, zibangela ukutyhafa okanye ukushwabana komlenze okanye kwengalo xa ithe yanobuzaza, isenokuchaphazela izihlunu zemiphunga okanye ukuphefumla.
Irhashalala ibangela icesina kunye nerhashalala yaye ingakhokhelela kutyatyazo nokuphelelwa ngamanzi emzimbeni, ukungeva ngeendlebe, izigulo zamehlo, ukukrala kwemiphunga, ukonakala kwengqondo kunye nokufa.
I-Haemophilus Influenza Type B (Hib) sisigulo esinobungozi kakhulu esihlasela ikakhulu abantwana abangaphantsi kweminyaka emihlanu ubudala, yaye ukubulawa sesi sifo kuqhelekile kubantwana abangaphantsi konyaka ubudala. Abanye babantwana abasindayo kwesi sifo bathi babe nomonakalo osisigxina ofana nobumfama, ukungeva ngeendlebe, ukonakala kwengqondo okanye ukushwabana kwamalungu omzimba.
I-Pertussis (unkonkonko) uqala ngentloko ebuhlungu, icesina nokhohlokhohlo. Uhlaselo lokhohlokhohlo olukhulu luthi lwenze kube nzima ukuba umntwana atye, asele okanye aphefumle.
Uminxano-mihlathi (ukuqina kwemihlathi) lwenzeka xa ityhefu evela kwintsholongwane yominxano-mihlathi esuka emhlabeni ithi ingene enxebeni okanye umkrwelo. Le ntsholongwane ingabangela inkantsi yezihlunu, iingxaki zokuphefumla nezentliziyo, kunye nokufa. Amathuba okubulawa yile meko maninzi kakhulu.
Isifo sokudumba kwenwebu yobuchopho esibangelwa sisifo sephepha sisifo esinobungozi kakhulu nesinokuhlasela wonke umntu singakhethi budala butheni. Abo bafumana isifo sephepha bathi bakhathazwe kukukhohlela ithuba elide, iintlungu zesifuba, ukubila ebusuku, ukwehla ngokwasemzimbeni kwanokufa xa sithe asanyangwa. Kubantwana abancinane intsholongwane yesifo sephepha ingahlasela ingqondo ibangele ukudumba kwenwebu yobuchopho, okanye ingangena egazini ize yandele kwamanye amalungu omzimba. Isifo sephepha singababulala abantu abancinci. Olona khuseleko lwabantu abasebancinci kwisifo esibangelwa yintsholongwane yesifo sephepha lugonyo lwe-BCG.
Olu ludwe lwenkqubo yogonyo lulapha ngezantsi lubonakalisa ubudala bogonyo ngalunye. Kubalulekile ukuba ugonyo lugqitywe njengoko lucacisiwe kolu luhlu.
KUFUNEKA AGONYWE NINI UMNTWANA WAKHO?
Ubudala
Ugonyo
Indlela yokugonya
Ekuzalweni
Inaliti engalweni yasekunene Amathontsana emlonyeni
Xa eneenyanga ezintandathu ubudala
Xa eneenyanga ezilithoba ubudala
Ugonyo lwerhashalala
Ugonyo lwerhashalala
Amathontsana emlonyeni Inaliti kwingalo yasekhohlo Inaliti kwingalo yasekunene
Xa eneminyaka emihlanu ubudala
Amathontsana emlonyeni Inaliti kwingalo yasekhohlo
IMIYALELO:
Ugonyo luyafumaneka kuzo zonke iikliniki zoncedo lwezempilo nakumaziko ezempilo, nakulawo omgangatho ophezulu.Kufuneka usoloko uphethe itshati okanye ikhadi elibizwa ngokuba yiTshati yeNdlela esinga eMpilweni ngalo lonke ixesha usiya ekliniki ukuqinisekisa ukuba ugonyo luhamba ngendlela eyiyo.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
Lonke ugonyo olukuluhlu lwesiqhelo lufumaneka simahla kuzo zonke iindawo zoncedo lwezonyango kunye namaziko.
Le nkcazelo iyafumaneka nangesi Xhosa
YAYAMENE
Uvavanyo Nokuqwalaselwa Kokukhula Kwabantwana (IiNkonzo)
Inkonzo Ehlanganisiweyo Yolawulo Lwezigulo Zabantwana (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
