UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa
Isebe Lezempilo
IiNkonzo
Ezempilo
Uncedo Lokubuyisela Kwisimo Sesiqhelo
UBUME
IINKONZO
AMAPHULO
IINDABA
USHICILELO
IZIGANEKO
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
INKCAZELO:
Izixhobo zohlobo lwe-Orthotic zizixhobo ezisetyenziselwa ukuphakamisa umgangatho wokushukunyiswa komzimba womntu okhubazekileyo, umzekelo, izinto ezifakelwa ezihlangwini, izixhobo ezibamba iqatha nenyawo, zinto ezo zizinzisa amaqatha emva kokufa kwamalungu athile omzimba. Izixhobo zohlobo lwe-Prosthetic, kwelinye icala, zizixhobo ezifakelwa emzimbeni endaweni yelungu elithile lomzimba emva kokonakalelwa lilungu elithile nokuba oko kwenzeka xa umntu ezalwa okanye ngenxa yengozi. Eli ziko libonelela ngeenkonzo zokufakela izixhobo zohlobo lwe-orthotic nezixhobo zohlobo lwe-prosthetic kuyo yomine imimandla yeNtshona Koloni ngaphandle kwaMazantsi eKapa/kweKaru, ndawo ezo loo msebenzi ziwunikele kwicandelo loshishino labucala.
Kuya kufuneka ukuba uthunyelwe kwiziko elise-Pinelands ngugqirha wezamathambo, ngunesi okanye unesi wezamathambo/yingcali kwezomzimba okanye kwezemisebenzi. Abasebenzi belo ziko babonelela ngenkqubo yokuhlangabezana neengxaki zabagulayo kwiikliniki ezincedisayo nezikwimimandla ngemimandla kanye kwiinyanga ezintathu.
IMIYALELO:
Abantu abakhubazeke ngokomzimba nabakhubazeke ngokwengqondo kufuneka baqale bazame ukufumanisa ukuba ikho kusini na inkonzo yonyango ekhoyo kwinqanaba lokuqala leenkonzo zonyango. Baya kuthunyelwa kwamanye amanqanaba angaphezulu ukuba kukho imfuneko yoko.Abaqalayo ukuya kwikliniki okanye kwisibhedlele senqanaba lesibini okanye kwisibhedlele senqanaba lesithathu baya kucelwa ukuba bagcwalise ifom baze bavulelwe ifayili. Yiza nencwadi-sazisi yakho kwaye umntwana yena makaphathelwe ikhadi i-Road to Health Card. Kuya kufuneka ukuba uthunyelwe kwiziko elise-Pinelands.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
Njengoko uMphathiswa wezeMpilo, uManto Tshabalala-Msimang, wathi wavakalisa ukusungulwa kwenkqubo yokunceda abakhubazekileyo simahla ukususela ngomhla woku-1 kujulayi 2003, le nkonzo ifanele ukufumaneka simahla. Oku kubandakanya izigulane zangaphandle
Le nkcazelo iyafumaneka nangesi Xhosa
YAYAMENE
Amacebo Okunceda Izigulane (IiNkonzo)
Iinkonzo Zokunyangela Ukubuyela Kwimo Yesiqhelo (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
