UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ezempilo
INKCAZELO:
Iinkonzo zasemva kokubeleka ziyafumaneka emva kokuba umama nosana lwakhe olusandul' ukuzalwa bekhululwe kwiCandelo lokuBelekisa okanye ekliniki. Oku kusoloko kusenzeka emva kweeyure ezintandathu usana luzelwe ukuba umama nosana basempilweni entle.
Emva kokubelekwa, imfesane yosana kufuneka ijongwe kutyelelo olulandelayo lwasekliniki ntsuku zonke kangangeentsuku ezintathu, ukuqinisekisa ukuba ayosuleleki.
Abasebenzi basekliniki baye bancedise oomama ngokuncancisa okanye ngezinye iindlela zokondla, ukuqinisekisa ukuba umntwana ufumana ubisi olwaneleyo.
Ukuba umntwana uzelwe enobunzima obuncinane, oomama bayaqeqeshwa kwindlela ebizwa ngokuba yi-Kangaroo Mother Care (i-KMC ngamafutshane kwisiNgesi). Olu hlobo loncedo luchaphazela ukunxibisa usana isishuba (ilweyile) nokuluthwalisa umnqwazi, kwanokulubeka kakuhle luthi nkqo esifubeni sikanina enganxibanga, phakathi kwamabele akhe naphakathi kwiblawuzi ngawo onke amaxesha. Xa kunokwenzeka, usana malondliwe ngobisi lukanina. Inkqubela yomntwana ithi iqwalaselwe kumaxesha otyelelo alandelayo kwikliniki yohlobo olulodwa ye-KMC. Utata wosana okanye elinye ilungu losapho nalo lingayenza le KMC.
Impilo kamama ithathwa njengebaluleke ngokufanayo nelayo yosana lwakhe olusandul' ukuzalwa. Oomama bayaxilongwa ekliniki kumaxesha abo otyelelo olulandelayo ukuqinisekisa ukuba isibeleko sibuyele endaweni yaso yesiqhelo. Abasebenzi basekliniki baya kuthi bacebise umama ngeendlela zothintelo-nzala ezikhoyo / iindlela zocwangciso-ntsapho.
Abanye oomama bazamazamana neemfuneko zokuba ngoomama abatsha, kwaye abasebenzi basekliniki bakuqeqeshelwe ukubavavanya, ukubona ukuba abakhathazwa kusini na yimeko ebizwa ngokuba yi-'baby blues', ukudakumba emva kokubeleka okanye ukugula ngengqondo emva kokubeleka. Ukuba kukho ingxaki, umama anganikezwa iingcebiso, anikwe amayeza okanye iipilisi okanye athunyelwe kwizibhedlele ezikumgangatho ophezulu ukuya kwenziwa olunye uvavanyo anyangwe nokunyangwa.
IMIYALELO:
Ukuba utyelela okokuqala kwicandelo lezonyango, kuza kufuneka ugcwalise ifomu uze uvulelwe uqweqwe lokugcina amaphepha. Yiza nencwadana yakho yesazisi, nalo naliphi na iyeza okanye iipilisi ozisebenzisayo, kunye nekhadi lakho lasekliniki okanye elasesibhedlele, ukuba wawusele ubhalisile ngaphambili kwicandelo elo lezonyango. Yiza nekhadi lomntwana elibizwa ngokuba yiTshati yeNdlela esingisa eMpilweni.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
YAYAMENE
Iinkonzo Zokubeleka (IiNkonzo)
Ukuthintelwa Kokosulelwa Kosana Ngunina (IiNkonzo)
Ukuthintelwa kweempawu ezibonisa ukungalungi kosana olungekazalwa ngenxa yokusetyenziswa kotywala, kunye nonyango loko. (IiNkonzo)
IiNkonzo zeMvelo yaBantu (Iziphene zokuzalwa) (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
