UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa
IiNkonzo
Ezempilo
Unonophelo Lwasekhaya
Uncedo lwasekhaya
Uncedo lwasekhaya
UBUME
IINKONZO
AMAPHULO
IINDABA
IINTETHO
USHICILELO
IIKOMITI
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
INKCAZELO:
Uncedo lwasekhaya (i-HBC ngamafutshane kwisiNgesi) kukunikezelwa kweemfuno zoncedo lokonga ngabanikezeli abasesikweni okanye abangekho sikweni, kubantu emakhayeni abo. Le nkonzo iyafumaneka kubantu abaneemfuno ngokwasengqondweni, emzimbeni, emphefumlweni nasentlalweni. Phakathi kwabantu abalulungeleyo olu ncedo ngabo banesifo sokushwabana icala lomzimba, abaphila noGawulayo nentsholongwane yakhe, abaphazamisekileyo ngokwasemzimbeni nangokwasengqondweni, abantu abadala ababuthathaka, okanye abantu abagula kakhulu. Uncedo olunikezelwayo lwenzelwe ukugcina nokubuyisela iqondo eliphezulu lozinzo nolonwabo, ukusebenza kunye nempilo, kuquka nokufa okundilisekileyo.
Ngubani onikezela ngoncedo lwasekhaya?
Uqeqesho lwabantu abanikezela ngolu ncedo
NGUBANI ONIKEZELA NGONCEDO LWASEKHAYA?
Iinkonzo zoncedo lwasekhaya kwiNtshona Kapa zithi zinikezelwe yimibutho engajonganga ngeniso nethi ifake izicelo zomsebenzi ofun' ukwenziwa ze ifumane inkxaso-mali kuRhulumente wePhondo. Abaguli abafuna inkathalo eqhubekayo ekhaya besakube bekhululwe esibhedlele, bathi bathunyelwe kwiziko lezempilo elikwiCandelo lezempilo kwindawo abahlala kuyo. Umongikazi ekliniki okanye kwiziko lezempilo uye athumele umguli kumbutho ongajonganga ngeniso emele iinkonzo zoncedo lwasekhaya kwindawo ohlala kuyo. UmLawuli wombutho lowo (umongikazi) uya kuthi avavanye iimfuno zomguli ekhayeni lakhe aze abenzele isicwangciso. Umongikazi uya kuthi ke atyumbe umntu oza kunikezela ngoncedo kumguli lowo. Umnikezeli ngoncedo uya kuthi anikezele ngeenkonzo ngokomyalelo okwisicwangciso soncedo, aze umongikazi atyelele umguli lowo ukuqinisekisa ukuba isicwangciso siyaqhutywa.
Uncedo lwasekhaya asiloncedo oluthatha iiyure ezingama-24, yaye aluthathi ndawo yosapho njengabantu abanceda umguli. Lwenzelwe kuphela iinkonzo zokuncedisa nokuxhasa ukunqanda ukuxakekiswa kwabanikezeli ngoncedo abasoloko benyanzeleka ukuba banyamekele izizalwane zabo ezigulayo.
Abanikezeli ngoncedo abavela kwimibutho eyahlukeneyo kuye kufuneke ukuba bagqibe izifundo zonikezelo ngoncedo lwasekhaya ezithi ziququzelelwe liSebe lezeMpilo. Uqeqesho oluqhubekekayo luqhutyelwa kwezo ndawo zoncedo, luye lunikezelwe leli Sebe ukuqinisekisa ukuba nakho kwabanikezeli ngoncedo ukwenza umsebenzi abawuqeqeshelwayo.
Abasebenzi bezoncedo kulindeleke ukuba bancede abaguli kunye namalungu eentsapho zabo ukuba baphile bekwazi nokuzimela. Abasebenzi abasebenza ngokuzithandela nabo baye bafunwe ukuncedisa iinkonzo ezinikelwa ngabasebenzi boncedo. Bathi bezinikele njengamaqabane, bathuthe amayeza, bathunywe nasezivenkileni, njalo njalo.
IMIYALELO:
Nceda uqaphele ukuba le nkonzo ayikho kuzo zonke iindawo. Qhagamshelana noMlawuli weNkqubo yonyango lwasekhaya okwingingqi yakho ukufumana ulwazi malunga neendawo olufumaneka kuzo:
Inombolo yomnxeba: 044 874 2172
Inombolo yomnxeba: 023 348 1408
Inombolo yomnxeba: 022 487 9305
Inombolo yomnxeba: 021 918 1508
Inombolo yomnxeba: 021 483 5662;
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
Zonke iindleko ezifihlakeleyo nezenziwe ngoomahlulelane bemibutho engajonganga nzuzo azixhaswa ngokwaneleyo, yaye ukuze kunqandwe iimpawu zokuxhomekeka, umnikelo ongephi ungenziwa kumahlulelane wemibutho engajonganga nzuzo ukuhlawulela iindleko zezothu
Le nkcazelo iyafumaneka nangesi Xhosa
YAYAMENE
Unonophelo Lwempilo Yabantu Abadala (IiNkonzo)
Iinkonzo Zokunyangela Ukubuyela Kwimo Yesiqhelo (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
