UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ezempilo
INKCAZELO:
Ukosulelwa kosana ngunina kwenzeka xa intsholongwane kaGawulayo, intsholongwane ebangela uGawulayo, ithe yadluliselwa ukusuka kumama isiya kusana olungekazalwa ngethuba lokukhulelwa, ngethuba lokubeleka okanye ngethuba lokuncancisa.
Yintoni Inkqubo Yokunqanda Ukosulelwa Kosana Ngunina?
Ukondliwa Kosana
Impilo Nokukhula Kosana
Impilo Nokukhula Kukamama
Iinkcukacha Zoqhagamshelwano Eziluncedo
YINTONI INKQUBO YOKUNQANDA UKOSULELWA KOSANA NGUNINA
Xa umama esiya ekliniki, iCandelo lokubelekisa okanye isibhedlele, kutyelelo lwakhe lokuqala lwaphambi kokufumana usana, uye anikwe iingcebiso aze abuzwe ukuba uyafuna kusini na ukwenza uvavanyo lwentsholongwane kaGawulayo. Iziphumo ziba yimfihlelo, oko kuthetha ukuba ngumcebisi nomsebenzi kwiziko lezempilo kuphela abathi baxoxe ngeziphumo, bona bantu bajongene nonina wosana.
Ukuba umama wosana uthabatha uvavanyo lwentsholongwane kaGawulayo aze afumaniseke enayo le ntsholongwane, uya kuthi akhethe ukuba uyafuna ukungenela inkqubo yokunqanda ukosulelwa kosana ngunina engahlawulelwayo. Njengenxalenye yale nkqubo, umama wosana uya kuthi anikwe i-Nevirapine neZidovudine, iyeza elilwa nentsholongwane kaGawulayo.
Kubalulekile ukuqaphela ukuba:
Eli yeza linciphisa kuphela amathuba okudluliselwa kwentsholongwane esemzimbeni kamama kusana lwakhe ngethuba luzalwa. Ukudluliselwa kwayo ngethuba lokuzalwa kosana yinto eqhelekileyo, nenomlinganiselo ophakathi kwama-60 nama-86 eepesenti zokudluliselwa kwentsholongwane ukusuka kumama isiya elusaneni lwakhe.
Abantwana abafumana le ntsholongwane ngethuba oonina bebathwele okanye ngenxa yokuncanca ibele, abasayi kukhuselwa liyeza elilwa nentsholongwane kaGawulayo.
Eli yeza lisetyenziselwa kuphela ukuzama ukukhusela usana. Alizukunyanga mama unentsholongwane kaGawulayo.
UKONDLIWA KWEENTSANA
Iingcebiso malunga nokondla ezinikezwa oomama abanentsholongwane kaGawulayo ziyafumaneka. Oomama bayakhethiswa phakathi kokuncancisa kuphela isithuba esiziinyanga ezine ukuya kwezintandathu, okanye basebenzise ubisi olungumgubo ukondla iintsana zabo. Ukuncancisa qha kuthetha ukuba usana malunikwe kuphela ubisi lwebele, hayi iti, amanzi, okanye isiselo esifunxwe kwincindi yeziqhamo. Oku kunciphisa amathuba okudluliselwa kwentsholongwane ekubisi lwebele elusaneni. Oomama abakhetha ukusebenzisa ubisi olungumgubo baya kuthi bafumane ubisi olungumgubo iinyanga ezintandathu. Baya kuthi bafumane iinkonkxa ezimbini zobisi olungumgubo ngethuba bekhululwa esibhedlele emva kokubeleka, baze bafumane iinkonkxa ezisibhozo ngenyanga kwikliniki yabantwana ekufutshane nabo.
IMPILO NOKUKHULA KOMNTWANA
Iintsana ziyavavanywa iiveki de zibe ngama-14 xa bendwendwela isibhedlele eso okwesithathu ukuza kukhangelwa ukuba abanayo kusini na le ntsholongwane. Ukuba abanayo, umntwana kuye kungabisafuneka ukuba afumane i-Co-trimoxazole. Ukuba umntwana ufunyenwe enayo le ntsholongwane, kuya kuphinda kwenziwe olunye uvavanyo xa eneenyanga ezili-18, aze aqhubeke ne-Co-trimoxazole. Ukuba umntwana uthe wabe enayo le ntsholongwane, kuya kufuneka ukuba afumane inkathalelo eyodwa ubomi bakhe bonke.
IMPILO NOKUKHULA KUKAMAMA
Intsholongwane kaGawulayo ingaphila ixesha elide (iminyaka ephakathi kwemithathu neli-10) emzimbeni kamama ngethuba yena eziva ephile qete yaye engabikwa hlaba. Kungesi sizathu ke apho oomama bakhuthazwayo ukuba baye rhoqo ekliniki ukuya kufumana amayeza esi sifo sizithathela amathuba, ukuzigcina bephilile ithuba elide. Umama uyakhuthazwa ukuba asebenzise isingxobo sokuzikhusela ngalo lonke ixesha echaphazeleka kwisenzo sokwabelana ngesondo, ukuze akhusele iqabane lakhe ukuba lingosulelwa yile ntsholongwane, okanye yena angayifumani ngakumbi le ntsholongwane ukuba bobabini banayo.
Umama uya kuthi afumane neengcebiso malunga nokukhetha ukucwangcisa emva kokufumana usana. Abasebenzi bezempilo baya kumkhuthaza umama ukuba axelele uyise wosana ukuba unale ntsholongwane, ukuze naye avavanywe. Oku kungenzeka ngoncedo lomcebisi okanye umsebenzi wezempilo. Kubalulekile ukuba umama angenele iqela eliza kumnika inkxaso nolwazi ngokutya ukutya okusempilweni nangendlela yokuzikhathalela yena nosana lwakhe. Akho amaqela asemthethweni enkxaso yaye ulwazi malunga nawo lungafumaneka kwikliniki ekufutshane nawe.
Khumbula ukuba ubukho bezifo ezosulela ngokwabelana ngesondo kwandisa umngcipheko wokosuleleka yintsholongwane kaGawulayo.
IMIYALELO:
Yiya kwiZiko Lokubelekisa kwiindawo ezisezidolophini nakwiikliniki ezisisigxina okanye ezikwiinqwelo ezihamba-hambayo nakumaziko ezempilo. Ukuba uthunyelwa kumgca ongentla, uya kuthunyelwa kwizibhedlele ezisedolophini okanye elalini yakho okanye kwizibhedlele ezikumgangatho ophezulu.
Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe, nceda uqhagamshelane naba bantu balandelayo:
I-Ofisi eyiNtloko: 021 483 5751
Abo batyelela okokuqala ekliniki okanye kwisibhedlele esiphezulu baya kuthi bacelwe ukuba bagcwalise iphetshana lesicelo, ze umguli lowo avulelwe iqweqwe lokugcina amaphepha. Yiza nencwadana yakho yesazisi. Kuza kufuneka ileta yokuthunyelwa kwakho othi uyifumane ekliniki ngethuba utyelela esibhedlele.
Inombolo yomnxeba: 021 797-3327, Ifeksi: 7973356
Inombolo yomnxeba: 021 424-1106
Inombolo yomnxeba: 021 788-3507, Ifeksi: 021 788-3726
Inombolo yomnxeba: 356 4100, Ifeksi: 339 4311
Inombolo yomnxeba: 021 465-0197
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
YAYAMENE
Ukuziyela Kuvavanyo ze Ufumane Neengcebiso (IiNkonzo)
Ukunyangwa kokosulelwa zizifo ezinamathuba athile (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
