UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa
IiNkonzo
Ezempilo
Ukuziyela Kuvavanyo ze Ufumane Neengcebiso
Ukuziyela Kuvavanyo ze Ufumane Neengcebiso
UBUME
IINKONZO
AMAPHULO
IINDABA
IINTETHO
USHICILELO
IIKOMITI
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
INKCAZELO:
Umntu ofuna ukuzazi ukuba wosulelwe na yiNtsholongwane kaGawulayo angaya ekliniki okanye nakweliphi na uncedo lwempilo lukawonke-wonke lokuya kuzifunela uvavanyo neengcebiso. Umntu uyazithabathela isigqibo sokuya kuvavanyo - akukho mntu unokunyanzeliswa ukuba aye kwenza uvavanyo lwentsholongwane kaGawulayo.Amanyathelo angundoqo ekufuneka ethatyathiwe kukufumana iingcebiso ngaphambi kolu vavanyo, uvavanyo buqu kwaneengcebiso ezinikezelwa emva kwalo.
Ukucetyiswa ngaphambi kovavanyo
Ukuhlolwa
Uvavanyo olwenziwa emva kokufumana iingcebiso
UKUFUMANA IINGCEBISO NGAPHAMBI KOVAVANYO
Apha e-ATIIC iingcebiso kuqala lunikezelwe iingcebiso ngaphambi kovavanyo olo lwentsholongwane kaGawulayo yingcali yempilo yengqondo ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba umntu lowo ufumana ingcaciso eyaneleyo ukuze enze isigqibo spkuba alwenze na olo vavanyo okanye hayi. Incoko ke ke yenziwayo bucala yaye iyimfihlelo, futhi ke iqulethe ulwazi ngentsholongwane kaGawulayo/ngoGawulayo kwanovavanyo olo. Emva kokufumana ezo ngcebiso ngaphambi kovavanyo umntu lowo angazithabathela isigqibo sokuba aqhubekeke na nolo vavanyo okanye hayi. Umntu ke kufuneka anikezele imvume yokwenziwa kovavanyo ngokuthi agcwalise ze atyikitye iphetshana eligunyazisa oko.
Umntu unakho nokunikezela ngelungelo lakhe lokutyikitya eli phetshana lemvume komnye umntu. Umzekelo, umzali okanye ummeli womntwana ongaphantsi kweminyaka eli-14 angavuma ukuba umntwana lowo angaluthatha uvavanyo lwentsholongwane kaGawulayo. Abantwana ke abangaphezu kweminyaka eli-14 abavumileyo ukuthatha uvavanyo kufuneka bazinikwe iziphumo zeemvavanyo zabo. Olu lwazi ke alunakudluliselwa kubazali baba bantwana ngaphandle kwemvume yabo.
UVAVANYO
Akuvumelekanga ukuvavanya abasebenzi kwindawo yabo yempangelo ngaphandle kokuba loo nto ivunywa yiNkundla Yabasebenzi, ngokuthobela iSahluko 7 somthetho i-Employment Equity, wama-55 ka-1998.
Uvavanyo lweNtsholongwane kaGawulayo luvavanyo oluchanekileyo lenzululwazi olubonisayo ukuba umntu wosulelwe yile Ntsholongwane okanye hayi kwaye lusoloko lusenziwa kwigazi lomntu. Amaziko amaninzi ovavanyo asebenzisa Indlela Ekhawulezileyo Yokuvavanya, nto leyo ke ithetha ukuba umntu uthi azifumane iziphumo zakhe kwimizuzu nje engamashumi amabini.
UKUFUMANA IINGCEBISO EMVA KOVAVANYO
Ingxelo ekhawulezileyo yovavanyo inikwa umntu ngexesha lokufumana iingcebiso emva kovavanyo olo. Kwaneli ke ityeli lovavanyo neengcebiso likwayimfihlelo eyaziwa ngumvavanywa nomvavanyi kuphela yaye neziphumo zaziwa nguye kuphela, kuba kungekho mthethweni into yokunika umntu ingxelo zakhe nokuba unayo nokuba akanayo ungayifumenanga imvume yalo mntu, ubegqiba kwenza olo vavanyo. Ukuba umntu akachatshazelwanga yile ntsholongwane uza kucetyiswa ngengozi zokwabelana ngesondlo ezikhuselekileyo aphinde afundiswe nangokusebenzisa ntsilathi. Xa umntu kufumaniseke ukuba unayo, uza kucetyiswa ngendlela amakazamkele ngayo ezi ndaba, anikwe nengcaciso ngokwabelana ngesondo okukhuselekilyo nangokutya okunika impilo ekufuneka ekutyile. Umntu anganikwa iingcebiso eziqhubekekayo okanye athunyelwe kwiqela lenkxaso okanye kumbutho. Umama ekufumaniseke ukuba unayo uza kuthunyelwa ukuba azimanye neNkqubo Yokuthintela Ukosuleleka Kosana.
Abacebisi kwiphondo baqeqeshwa liZiko loqeqesho likaGawulayo Nelengcaciso.(ATICC) elisePlumstead, eKapa. Ngamavolontiya odwa asebenza Kwimibutho engekho phantsi kukaRhulumente anokuthi acele ukuqeqeshwa.
Ezi ke ziindawo ezibalulekileyo ongadibana nazo:
IMIYALELO:
Kuyimfuneko ukwenza idinga lokuzisa kuvavanyo neengcebiso zakwa-ATTIC.
Uvavanyo ozifunele ngokwakho ke kwakunye neengcebiso zifumaneka kwiikliniki nakumaziko ononophelo lwempilo yoluntu. Xa ingekhoyo le nkonzo kwezi ndawo zingentla umntu lowo makathunyelwe kwiqumrhu elinazo ezi nkonzo zeengcebiso okanye kwelinye ke iziko elinazo.
Abantu abaqalayo ukutyelela loo kliniki okanye elo ziko lempilo yoluntu bayakucelwa ukuba bagcwalise iphetshana elifuna iinkcukacha zabo ukuze umntu ngamnye enzelwe noxwebhu lwakhe. Kufuneka umntu eze nencwadi yakhe yesazisi.
Inombolo Yomnxeba: 021 763 5320/1/2/3.
Amaxesha okuvavanya e-ATICC ngala alandelayo:
ngoMvulo:
ngoLwesibini:
La mabakala amaziko:
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
Yenziwa simahla.
Le nkcazelo iyafumaneka nangesi Xhosa
YAYAMENE
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
