UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa
Isebe Lezempilo
Isibhedlele Somnqamlezo Obomvu Sesikhumbuzo Semfazwe Esinonophela Impilo Yabantwana
ISIBHEDLELE SOMNQAMLEZO OBOMVU SESIKHUMBUZO SEMFAZWE ESINONOPHELA IMPILO YABANTWANA: UBUME
UBUME
IINKONZO
IINDABA
USHICILELO
UQHAGAMSHELWANO
Imbali, Injongo Nombono
Ezona Mpumelelo
Abalawuli
Ingxowa-mali Yesibhedlele Sabantwana
ISIBHEDLELE SOMNQAMLEZO OBOMVU ESISISIKHMUBUZO SEMFAZWE SONYANGO LWABANTWANA: IGUGU LESIZWE
Onke la maphondo alithoba eli lizwe kwanawo onke amazwe eli lizwekazi liyi-Afrika abathumela kweli ziko abantwana ukuze bafumane iinkonzo ezigqibeleleyo zononophelo lwempilo yabantwana.
Esi sisibhedlele esinyanga abantwana abathunyelwe ngamanye amaziko -oku ke kuthethe ukuba sinyanga kuphela izigulana ezithunyelwe zezinye iiklinkhi nezinye izibhedlele ezincinanana - phambi kokuba ezo zigulana zibe zingathunyelwa kwesi sibhedlele sikwinqanaba eliphezulu. Esi sibhedlele sisebenza ngokuzinikela ekuqinisekiseni ukuba abantwana bayafikelela kunonophelo lwempilo yabo nakwiinkqubo zenkxaso kuwo wonke uMzantsi Afrika.
IZIKO LOKUGQWESA
Eli ke liziko elizibalule ngokugqwesa kumsebenzi wokuqeqesha iingcali zononophelo lwempilo yabantwana kuwo onke amabakala.
Esi Sibhedlele Somnqamlezo Obomvu Sesikhumbuzo Semfazwe Esinonophela Impilo Yabantwana sithatyathwa njengeziko eliphambili eMzantsi Afrika kwizifundo zenqanaba labo bayityekezayo kunonophelo lwempilo yabantwana noqeqesho lobuchwepheshe kuqhaqho-fakelo lwamalungu omzimba.
Esi sibhedlele ke sinabasebenzi abaliwaka elinekhulu, ukuqalela kubabahlohli kweli candelo, oogqirha nabongikazi ukuya kwezinye izifundo ezisondeleyo kwizifundo zononophelo lwempilo, oomabhalane kwakunye nabo basebenzi bangayifundelanga imisebenzi yabo. Abafundi bamaziko emfundo aphakamileyo kwizifundo zononophelo lwempilo asondeleyo kweli ziko, abasele benezidanga nabangekabi nazo, kwanabo basuka kumazwe ngamazwe ehlabathi bafumana uqeqesho namava kumagumbi ononophelo lwempilo yezigulana nakwiiklinkhi zesi sibhedlele.
Incwadana Esisikhokelo Sezigulana Ezingalaliswayo iyafumaneka ngoku
IMIBA EPHAMBILI
Ngo-2006 iSibhedlele Sabantwana Somnqamlezo Obomvu siya kube sibhiyozela iminyaka engamashumi amahlanu sisebenza! Hlala ukhangele ukuba kuya kube kusenzeka ntoni phi na.
AMAKHONKCO
Iziko Leentlungu Zomphefumlo leSibhedlele Sabantwana Somnqamlezo Obomvu ngxowa-mali Yesibhedlele Sabantwana Somnqamlezo Obomvu iDyunivesithi yaseKapa iDyunivesithi yeNtshona Koloni iDyunivesithi yaseStellenbosch
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
