UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Amaziko
Ezempilo
Amaziko Awodwa Ononophelo Lwempilo iZiko Leetuthuzelo laseNtshona Koloni iZiko Leetuthuzelo laseNtshona Koloni
INKCAZELO:
Ukuphehlelelwa kweZiko Zeetuthuzelo laseNtshona Koloni
Eli Ziko llihlangeneyo ke sele liliziko elikumgangatho ophezulu eliqhutywa ziingcali ekubuyiseleni abantu kwiimo zengqondo nezomphefumlo zesiqhelo elijongana nokwamkela abantu abathunyelwe ngawo onke amanqanaba eenkonzo zeentuthuzelo (kwinqanaba lesithathu, elesibini, elezithili kwaneenkonzo zenqanaba lokuqala). Izigulana nazo sizenokuzithumela kwiklinikhi yezigulana ezingalaliswayo leli Ziko ukuze zifumane ukuhlolwa ngeenjongo zolawulo.
Iinkonzo
Amanye Amaziko
Iziphumo
iZiko iWCRC le lizinikele ekuthuthuzelweni nasekubuyiselweni kwimeko yesiqhelo kwabantu abakhubazeke ngokwasenyameni ngokuthi:
Linikezele ngenkonzo yentuthuzelo neyobuyisela kwimo yesiqhelo nejolise ekubuyeni neziphumo ngendlela enika inkxaso nekhuselekileyo
Likwenze oko lisebenzisa indlela yokusebenzisana kwamacandelo ahlukeneyo
Libe nabasebenzisa abanezakhono nabazinikeleyo emsebenzini wabo
Lixhobise ngezakhono ze lakhe namatyathanga entsebenziswano noluntu ngokubanzi
Ukusikwa Kwelungu Lomzimba (ukuthuthuzelwa ukuze ube nokumelana nokususwa kwelungu elithile lomzimba wakho)
Iimvavanyo zasekhayeni okanye kwindawo yokusebenzela
Iklinikhi Yesigulo sethambo lomqolo
Iiklinikhi ezikumgangatho ophezulu wobungcali wokuhlaliswa kwizitulo zabantu abakhubazekileyo ezihambayo
Iiklinikhi zamagxa, zezandla nezijongene nomchamo.
Ngokweemfuno zabantu beli phondo, iWCRC le iya kulungiselela uluntu olufikelela ku-485,950. Oku ke kuthethe ukuba ibhedi nganye iya kusetyenziswa ngabantu aba-3,115 kwabo bayisebenzisayo le nkonzo apha eNtshona Koloni.
I-WCRC le ikwanikezela nangesikhundla esisodwa seentshukumo zophando nezoqeqesho kuthotho lwabasebenzi becandelo lononophelo lwezempilo, basebenzi abo baquka oogqirha, abongikazi, iingcali zononophelo lwempilo yomzimba, iingcali zononophelo lwempilo yomsebenzi, iingcali zononophelo lwempilo yokuthetha, oonontlalo-ntle, njalo-njalo, ndawonye nabasebenzi abawuyelanga sikolweni umsebenzi wononophelo lwempilo abanjengabo banonophela izigulana emakhayeni azo.
IZIXHOBO EZONGEZELELEKILEYO KWIZIKO ELITSHA I-WCRC
iStepping Stones: Le ke yindawo yokuhlala yexeshana eyenzelwe abantu abakwinqanaba labo lokugqibela lale nkqubo yokubuyiselwa kwisimo sesiqhelo
iCandelo Lantsuku Zonke Lezigulana Ezingalaliswayo elenzelwe uvavanyo lokukhubazeka, uhlalutyo, inzululwazi yokulungiswa nokuthengiswa kwamachiza kwakunye neenkonzo zenkqubo yezifundo zezixhobo zokufota amalungu omzimba
IZIPHUMO EZINTLE ZELI PHULO LE-WCRC
Abantu abakhubazekileyo baye baqeshelwa ukuba babe ngamalungu eqela leenjineli ukuqinisekisa ukufezekiswa kwezidingo ezizodwa zabantu abakhubazekileyo.
Izakhiwo zengingqi erhangqe ezi ndawo zenziwe zakwazi ukumelana neemfuno zabantu abakhubazekileyo (iindawo zokuhamba abantu ezinetha, , iindawo zokuhamba ezipakini, iindawo zokungena kumaziko aneevenkile) kwakunye nokunyanzelisa ukuhamba kakuhle kwezithuthi kwenziwa ukuqinisekisa ukhuseleko lwentshukumo zabantu abakhubazekileyo.
Amagosa amaziko aseburhulumenteni nawo abonise ukuziphawula iimfuno ezizodwa zabantu abakhubazekileyo.
Umdlalo Webhola Yomnyazi Yabantu Abahamba Ngezitulo Zabakhubazekileyo
INDAWO:
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
UDIDI LWEZIKO:
Amaziko Awodwa Ononophelo Lwempilo
IINKCUKACHA ZOQHAGAMSHELWANO:
IDILESI YESITALATO:
IDILESI YEPOSI:
IMIBUZO GABALALA:
UMNXEBA:
IFEKSI:
IINKCUKACHA EZICHAZAYO:
YAYAMENE
Iinkonzo Zokunyangela Ukubuyela Kwimo Yesiqhelo (IiNkonzo)
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 6 uNovemba 2005
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
