UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
Iindaba
INdlela Eyenye Endaweni ka-N2 Ohlawulelwayo: iNkulumbuso, uMphathiswa weZothutho wePhondo kwaneQumrhu leeNdlela zoMzantsi Afrika bahlangana Nabahlali
Kucacile ukuba lo ngumbandela ongenazimpendulo zilula. Ngokwembali enabileyo ukusuka phaya emva kwisithuba seminyaka engaphezulu kwama-30 eyadlulayo, kananjalo neemvakalelo ezizikileyo kuluntu lwale ndawo, izicwangciso zokwenza inxalenye kuhola wendlela uN2 onqumla kwiindawo ezimeleneyo iHelderzicht/Paardevlei, zenze kwafuneka ukuba kukhuselwe isidima soluntu njengoko ezi ndawo zikwamele uqoqosho." La ngamazwi eNkulumbuso yeNtshona Koloni, uMarthinus van Schalkwyk, xa wayethetha noluntu olwaluxhalabile lwaseHelderberg ngoLwesibini.
Siyayiqonda into yokuba lo hola wendlela uN2 ucetywayo yinto edala inkxalabo enkulu" itshilo iNkulumbuso, "Sikwayiqonda nento yokuba isenokukhokelela ekubeni kususwe izindlu ezithile kwanezinye zezakhiwo, kananjalo ize kwaneengxaki ezizezinye ezifana nokhuseleko lwabahambi-ngeenyawo, ingxolo kunye nokwahlula-hlulwa koluntu yindlela. Le miba asimicimbi ingenamsebenzi - kwaye noRhulumente weli Phondo uzimisele ukuqinisekisa ukuba iqwalaselwa ngamandla imeko yalo, kwaye inikwa ingqalelo ngaphambi kokuba kwenziwe naluphi na uphuhliso."
INkulumbuso yoleke ngathi: "Kusekuninzi okusafuneka kwenziwe. I-SANRAL kufuneka igqibe ekubeni izichaze iinjongo zayo zokuba yenze le ndlela irhafelwayo, khon' ukuze wonke umntu kuzo zonke iindawo zoluntu ezichaphazelekayo afumane ithuba lokuzibhalisa ngokusesikweni naziphi na izinto ezimxhalabisayo. I-SANRAL kuya kufuneka idibane noRhulumente wethu wePhondo kunye neSixeko saseKapa, kanti nathi siya kubhalisa izinto ezisixhalabisayo. Kuya kuba semva kokuba ezi zinto sele ziqwalaselwe apho uMphathiswa weSizwe aya kukwazi ukwenza isigqibo ngokupheleleyo malunga nokuba azivume okanye azikhabe na ezi zicwangciso. Ukuba ngaba uthe wazivuma, kuya kumemelelwa iziphakamiso zokubiza amaxabiso (tender) - kwaye oku kuya kwenzeka kuphela ngokweemeko ezichaziweyo ukuhlangabezana nezo zinto zixhalabisayo."
Kubalulekile ke ngoko, ukuba abantu baseHeldericht/Paardevlei basebenzise eli thuba ukuvakalisa okubaxhalabisayo xa abe-SANRAL begqibe ekubeni bayichaze eyona njongo yabo ngokwenza le ndlela ihlawulisayo, "itshilo iNkulumbuso. "Imibandela efana neebhlorho ezizizo zabahamba ngeenyawo nezezithuthi, imigqala ethintela ingxolo, imbonakalo-mhlaba efanalekileyo, kwaneendawo engenangxolo ekufuneka izikolo zalo mmandla zibhaliswe kuzo, kuba ezi zezona zinto zixhalabisayo zisemthethweni eziya kufuneka ziqwalaselwe ngulowo uya kube engumbizi-maxabiso. Kwicala likaRhulumente wePhondo siya kubhalisa izinto ezixhalabisayo esithe sazaziswa - ekungabalulwa kuzo uqinisekiso lweendleko eziya kuza nolu lwenziwo lwale ndlela ihlawulelwayo, ingakumbi kwiinkalo zeendleko ezongezelelekileyo zokuphinda kwenziwe indlela ukuba aziyi kunyanzeliswa kubasebenzisi-ndlela, ngokuthi bahlawule amaxabiso axhome ngaphezu kweqondo. Njengoko kubalulekile ukuba andiswe uhola wendlela uN2, kufuneka siyibaleke nenkqubo eya kubabeka entlungwini abantu bendawo leyo iza kunqumla kuyo indlela le."
Iselula: 083 778 9923
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
