UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ezothutho
Iziqinisekiso, Amaphepha-mvume & Neziqinisekiso Zoqeqesho
IZicelo Zokusebenzisa iNdlela kaWonkewonke Ngeenjongo Zokwenza iMiboniso-bhanyabhanya
IZicelo Zokusebenzisa iNdlela kaWonkewonke Ngeenjongo Zokwenza iMiboniso-bhanyabhanya
INKCAZELO:
Uluntu lungazifaka izicelo zokwenza imibniso-bhanyabhanya ezindleleni zikawonkewonke. Ukuvunywa kwesicelo kuya kuxhomekeka ekubeni indlela leyo iphantsi komaspala okanye kwephondo na. Ungadibana neKomishini iCape Film okanye ii-ofisi zeZibonelelo zeNdlela zePhondo ukuze kubonwe ukuba ngaba indlela leyo iphantsi komaspala okanye phantsi kwephondo kusini na.
IMIYALELO:
UMaspala ujongana nezicelo zokwenziwa kwemiboniso-bhanyabhanya ezitalatweni, iindela, iindlela zabahambi ngeenyawo nasekupheleni kweendlela. Inkampani yemiboniso kufuneka iqinisekise ukuba abahambi ngeenyawo kwanezithuthi ziya kukwazi ukusebenzisa indlela leyo njengesiqhelongamaxesha onke ngaphandle kwelo lalo mboniso-bhanyabhanya, ngaphandle kokuba kunikwe imvume yokuba kusetyenziswe ingingqi ethile. Ngokubanzi, ukuba ngaba indlela leyo kufuneka ivalwe, kufuneka kuvulwe enye.
Inombolo yomnxeba: 021 483 9060
IINDLELA ZEPHONDO
Izicelo zokusebenzisa indlela yephondo ngeenjongo zokwenza umboniso-bhanyabhanya kufuneka zenziwe kwiSebe lezoThutho kwanakwiCandelo loLawulo leZothutho neMisebenzi yoLuntu zingedlulanga iiveki ezimbini ngaphambi kokuba iqaleumboniso bhanya-bhanya lo.
Isicelo kufuneka sibe nezi nkcukacha zilandelayo:
Iindlela ongathanda ukuzisebenzisa kwaneyona yona ndawo ufuna ukuyisebenzisa kwezi ndlela
Amaxesha nemihla yokwenza umboniso lowo
Imeko okanye ubhalo lomdlalo lowo kujongwe ukwenziwa umboniso bhanya-bhanya ngawo
Zinto zini eziya kusetyenziswa ekwenzeni lo mboniso bhanya-bhanya
Inani labasebenzi kunye nezithuthi eziya kubandakanyeka
Ingaba zikho ezinye izinto ezinxaxhileyo kumthetho iNational Road Traffic Act, 93 of 1996 (umzekelo, ukuqhuba ngaphezu kwesantya esimiselweyo, ukuqhutywa kwesithuthi esinevili lokuqhuba elisekhohlo, ukusetyenziswa kwesithuthi kwicala elingafanelekanga lendlela).
Isicelo kufuneka sibhekiselelwe kwicandelo elichaphazelekayo lezothutho lephondo eliya kuthi linike uncedo kwezothutho ngeendleko ezimiselwe ngokoncedo lwendlela elimi ngayo icandelo lezoncedo lwezothutho. Ukuvalwa kweendlela zephondo makungaphazamisani nezithuthi ngaphezu kwemizuzu elishumi.
Uyacelwa ukuba wenze isicelo sokufumana imvume kwiPhondo xa usenza umlinganiselo wesivumelwano esibophelelayo ekwenziweni kwalo mboniso bhanya yokwenza umboniso bhanya-bhanya okanye yokuthatha imifanekiso.
Ukufumana ezinye iinkcukacha dibana.
Inombolo yomnxeba: 021 487 2795
Inombolo yomnxeba: 021 487 2977
neCandelo loLawulo lezoMthetho
Inombolo yomnxeba: 021 483 2080
Ifeksi: 021 483 2357
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
ULwenziwo lweeNdlela (Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
Irhafu yePhondo
R70 - intlawulo yezolawulo
R4000 - isicelo sokwenza umboniso bhanya-bhanya
R1000 - isicelo sokuthatha imifanekisoIndlela ezihlelwe ngayo iirhafu eziluncedo yezithuthi
Uncediso kweZothutho: R48.00 ngeyure kwigosa ngalinye
YAYAMENE
INkxaso yoRhwebo Kushishino Lwemiboniso Bhanya-Bhanya eKapa (IKomishoni Yemiboniso Bhanya-Bhanya yaseKapa) (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
