UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente
UBUME
IINKONZO
USHICILELO
UQHAGAMSHELWANO
I-Stats SA ijolise ekwaziseni ngophuhliso loqoqosho loluntu nasekunikezeleni ngolwazi olusemgangathweni ngokuthi inikezele ngezibalo ezingcono, indlela engcono yokufikelela kulwazi kwanolawulo olungcono.
Isoloko ifuneka: inikezele ngeenkcukacha, ulwazi nophicotho olufunekayo ukuqinisekisa ukusebenza nokubekwa kweliso kwisicwangciso-qhinga sokukhula nokuphuhla kwesizwe.
Ithembakale: ngokuvelisa iziphumo zezibalo ezinamagunya ngokwemigaqo efanelekileyo eyiqwalasela kakhulu imiba yokwahluka kweenkcubeko zabemi beli.
Ihambelane nobume besizwe: ukuba ngumbutho ohambelana namanani abemi beli lizwe ngokobuhlanga, isini ngokobudoda nobukhosikazi kwanokukhubazeka ngokwasenyameni.
Isoloko inempendulo: ukumelana neemfuno zezibalo zabantu ejongene nabo kurhulumente wesizwe, abamaphondo nabeedolophu, ezabasebenzi nolawulo, amaqumrhu angekho phantsi kukarhulumente ncam namaziko ophando, uluntu ngokubanzi kwanamaqela athi abe nomdla kwimiba ekhethekileyo.
Ukuthatha izibalo nophando olusesikweni ngokwamanani abemi beli, olwezoqoqosho nololuntu jikelele
Ukushicilelwa nokusasazwa kweengxelo nokunye okukhutshiweyo
Ukuhlanganisa ii-akhawunti zesizwe nezikarhulumente
Ukunikezela ngeengcebiso zezibalo kurhulumente namanye amaqumrhu
Ukuphicotha uphando nemizekelo ukuqinisekisa ukuba akukho zimpazamo futhi nokuthi iziganeko zilandelelana ngendlela eyiyo.
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 25 uNovemba 2004
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
