UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
Z &gt Zintoni Iinkomfa Zeembumba Zeentsapho?
Zintoni Iinkomfa Zeembumba Zeentsapho?
UBUME
IINKONZO
AMAPHULO
IINDABA
USHICILELO
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
ISISHWANKATHELO
IiNkomfa Zeembumba Zeentsapho zezinye zeendlela zobulungisa obubuyisela kwisimo esamkelekileyo ezisetyenziselwa ukubuyisela abaphuli-mthetho abaselula eluntwini. Esi sicatshulwa sifutshane sicacisa ngeenkcukacha ezithe vetshe ukuba ziintoni na iinkomfa zeembumba zeentsapho nokuba zisebenza njani.
Inkomfa yembumba yeentsapho yindlela yobulungisa obubuyisela kwisimo esamkelekileyo esetyenziswa ziintsapho noluntu ekuhlaleni ukuzibandakanya ekufikeleleni kwizigqibo ngabantwana abatyholwa ngezenzo zolwaphulo-mthetho. Inkomfa yembumba yeentsapho ijolise kwizisombululo zeempixano ezingumvuka weentshukumo zothetha-thethwano. Yenzelwe ukunyanga ukungabikho mpilweni kobudlelwane phakathi koluntu okudalwa lulwaphulo-mthetho olugqugqisayo.
Inyathelo lokuqala kukuba umntwana kufuneka alwamkele uxanduva olungunobangela weentshukumo zakhe. Inkomfa yembumba yeentsapho ngokwayo ngumhlangano wabo bonke abantu abadlala indima ebalulekileyo ebomini bomntwana, kwanexhoba nabantu abanika inkxaso kwixhoba elo. Eyona njongo yale nkomfa kukuza nesicwangciso seyona ndlela inokulungisa umonakalo owenziwe ngaba bantwana. Bonke abantu abathabatha inxaxheba kule nkomfa bavumelana ngesiphumo abasilindeleyo. Abathabathi-nxaxheba bangavumelana, umzekelo, ekubeni umntwana lowo kufuneka angxengxeze, okanye abuyise impahla leyo ibiweyo.
Ukwenziwa kwale nkomfa kuthatyathwa njengeyona nto ibalungeleyo abaphuli-mthetho abaselula, nanjengoko ikwavumela ukungenelela kwangexesha kwinto ebinokusele iba kukuzinikela kwimpilo yolwaphulo-mthetho. Abantwana bangenziwa bazive benoxanduva futhi bengenakuyivumela imeko ethile, nto leyo iquka ukubenza bazive behlazekile ziintshukumo zabo, njengoko iingqondo zabo zisathambile futhi nabo besakhula, futhi le nkqubo ibandakanya abantu abasondeleyo kubo abafana nabazali babo kwakunye neentsapho zabo.
Apha eMzantsi Afrika, iNICRO yaqala ngokuza nalo mbono wokususwa ngokupheleleyo kwabantwana kwinkqubo yolwaphulo-mthetho eqhutywa ziinkundla zamatyala ngonyaka ka-1992, kusetyenziswa iindlela namabinzana obulungisa bokubuyisela abaphuli-mthetho eluntwini. Ngonyaka ka-1995, iKomiti Yabaphathiswa Engolutsha Olusemngciphekweni yamisela inkomfa esahlalutywayo yembumba yeetsapho ePitoli.
UMthetho Osayilwayo Ongobulungisa Kubantwana ubonelela ngenyathelo lenkomfa yembumba yeentsapho ukuba libe yindlela enokukhethwa yokugweba. Ngokwemigaqo yalo mthetho usayilwayo inkundla ingaqinisekisa, isuse okanye ilungise isiphakamiso esiphuma kwinkomfa yembumba yeentsapho. Ukuba inkundla ayisiqinisekisi eso siphakamiso, kufuneka ichaze izizathu zoko. Ukuba umntwana uthe akayithobela imiqathango yesiphakamiso njengoko iqinisekisiwe yinkundla, igosa lengqawule kufuneka lazise inkundla, futhi ke isigunyaziso sokubanjwa kuvalelwe umntwana lowo singakhutshwa.
YAYAMENE
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
