UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente
IPalamente
IPALAMENTE: UBUME
UBUME
IINDABA
USHICILELO
UQHAGAMSHELWANO
IPalamente ingazinyaswa nguye wonke ubani.
INdlu yoWiso-mthetho yeSizwe inamalungu abalelwa kuma-350 ukuya kuma-400, malungu lawo angamalungu akhethwe ngabantu ukuze abamele. Kusetyenziswa inkqubo yokumelwa ngokwenani leevoti, nto leyo ithetha ukuba inani lamalungu epalamente aphuma kwiqela lopolitiko ngalinye libalwe ngokomliganiselo omele inani leevoti ezizuzwe liqela elo xa bekuqhutywa unyulo lwabameli besizwe. INdlu yoWiso-mthetho yeSizwe inyulelwa ukusebenza iminyaka emihlanu kwaye ichotshelwa nguSomlomo kunye noSekela-Somlomo.
INdlu yoWiso-mthetho yeSizwe ijongene nale misebenzi ilandelayo:
ukunyula uMongameli ukuxoxa nokuqhuba iingxoxo-mpikiswano ngemiba ethile, oko ikwenzela esidlangalaleni.
ukuwisa imithetho ukubeka iliso kwizenzo zamacandelo olawulo (iKhabhinethi namaSebe)
I-NCOP (IBhunga lamaPhondo eSizwe) linamalungu angama-54 asisigxina nabathunywa ababodwa abangama-36 (abameli abali-10 bephondo ngalinye). Eli bhunga limela iminqweno yamaphondo kuburhulumente besizwe.
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
