UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente
Isebe Lezokhuselo
ISEBE LEZOKHUSELO: UBUME
UBUME
USHICILELO
UQHAGAMSHELWANO
ISebe lezoKhuselo liqumrhu elisekelezwe kwiingxaki ezingekaveli nelinegunya elisekelezwe kwilungelo eliphambili lesizwe ngasinye lokuzikhusela kuhlaselo, likhusele nokuzimela kwalo ngokunjalo. Elo gunya limiliselwe kuMgaqo-siseko laphinda lachazwa nakuMthetho wezoKhuselo.
Eyona njongo iphambili yeSANDF kukukhusela ilizwe nabantu boMzantsi Afrika ngokwemimiselo yemithetho yezizwe ngezizwe.
UMgaqo-siseko uthi iSANDF inako ukuyalelwa ukuba ikhonze ngokuthi:
ikhusele eli lizwe, ukuze kukhuseleke ukuzimela kwalo kunye nomhlaba elikuwo.
ithobele izinyanzeliso zeli lizwe ezimalunga nezizwe ngezizwe ngokubhekiselele kumaqumrhu amanye amazwe neminye imibuso.
ilondoloze ubomi, impilo nempahla ijongane nokuphathwa kweenkonzo ezingundoqo ijongane nokuthotyelwa komthetho nokugcinwa kocwangco ngokusebenzisana neeNkonzo zamaPolisa oMzantsi Afrika (SAPS), phantsi kweemeko ezichazwe emthethweni, xa iiNkonzo zamaPolisa zingen
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
