Imo yezoqoqosho kwilizwe jikelele ikwimeko emaxongo ukodlula iminyaka edlulileyo. Ingcaciso ephuma kwiziko i International Labour Organisation ithi, bangaphaya kwe 18 miliyoni abantu abanokulahlekelwa yimisebenzi kulo nyaka. Eli ziko likwathi, elinani lisenokonyuka ukuba izinto azibingcono. Onke amazwe omhlaba ayachaphazelwa yile ngxaki. Inkcazelo ephuma kumazwe afana ne Melika, iNgilane ne Fransi iyothusa. Umzantsi afrika wona awuchaphazeleki kakhulu yile meko yaye urhulumente uzama ukuba izinto zihlale zikwimeko encumisayo. Kananjalo urhulumente ufuna ukwenza izinto zibe ngcono ukuze akwazi ukuhlala ehlangabezana nemfuno zoluntu jikelele.
Umzantsi afrika ke awahlukanga kwamanye amazwe kuba amandla okukhula kwezo qoqosho aphantsi kakhulu. Nathi sijongene nengxaki yabantu abaphelelwa yimisebenzi yaye abaninzi abakwazi nokubhatala amatyala abo njengesiqhelo. Xa imeko yezoqoqosho ikhula kancinci oorhulumente nabo baqokelela irhafu encinci. Lo nto ke ithetha ukuba urhulumente kufuneka aboleke imali ukuze akwazi ukuqinisekisa ukuba uyakwenza konke afanele ukuba akwenze. Inkcitho karhulumente ngakumbi kwinkonzo ezinceda abantu abasokolayo, nee nkqubo zemisebenzi ka wonke-wonke zisezakuqhubekeka. Urhulumente uzakuchita imali engaphaya kwebhiliyoni eziyi 780 kule minyaka mithathu izayo, esakha izinto ezifana neendlela, imizila yoo loliwe, izindlu nee nkonzo zokuzisa amanzi eluntwini. Singurhulumente-sizaku sebenzisana nemibutho yabasebenzi kunye noo somashishini ukuzama ukugcina izinga lokulahlekelwa kwabantu yimisebenzi liphantsi.
Amazwe amaninzi akakwazi ukuzenza ezi zinto, kanti thina apha emzantsi afrika siyakwazi ukuzikhusela yaye sikhusele nabantu abahluphekayo kuba kwiminyaka engaphambili, ngexesha imeko yethu yezoqoqosho ibintle sayigcina yaye sayiphatha ngendlela encomekayo imali yethu.
Ezona ndawo zizakufumana imali ethe chatha kolu lwabiwo mali zezi:
bhiliyoni yongezelwe amaphondo ukuzama ukuphucula ezemfundo, ezempilo, iindlela nokuphucula iilali bhiliyoni yeyokwakha izindlu, ukuzisa amanzi ebantwini, inkonzo zangasese kunye nokuphucula inkonzo zomasipala bhiliyoni izakukhawulelana nokuphucula iinkonzo zokulwa ubundlobongela bhiliyoni iya kwezothutho lukawonke-wonke, iindlela kunye nemizila yoo loliwe
Kuzakuba nzima kurhulumente ukuhlangabezana nengxaki zomntu wonke nangona ezama kangangoko anako. Abasebenzi baka rhulumente kufuneka bahlale bekhumbula ukuba, wonke umntu unelungelo kwizinto zase mzantsi afrika. Sonke sinendima esingayidlala ekuqinisekiseni ukuba imali ayimoshwa ngabasebenzi bakarhulumente. Kufuneka sisebenzisane ukuze sikwazi ukuphucula imeko yeli yezoqoqosho.
Bonke abantwana abaneminyaka elishumi elinesihlanu nanga­phantsi abanabazali abamkela imali engaphantsi kwe R2 300 ngenyanga banelungelo lokufumana inkam-nkam. Abantu abango tata abane-
Enye yezinto ezashiywa lucalucalulo yindlela izixeko ezakhiwe ngayo, ngoba abasebenzi bahlala kude kunendendawo abaxelenga kuzo. Ukuzama ukulungisa oku, urhulumente utyala iibhiliyoni eziliqela ekuphuculeni ezothutho luka wonke-wonke.
Olu tyalo mali luzakunceda ekwakheni imizila yoololiwe, ukuthenga oololiwe abatsha, lwangeze iibhasi, yaye luqinisekise ukuba azikho ezindleleni iitaxi ezingekho mgangathweni.
Olu lwabiwo mali luquka nemali ebekelwe ukuphucula iindlela zasezilalini.
minyaka engaphezulu kwama­shumi amathandathu anesithathu kunye noo mama abaneminyaka engaphezulu kumashumi ama­thandathu nabo bafumana inkam­nkam ukuba bamkela ngaphantsi kwe mali ethile ngenyanga.
Abantu abongelwa ekhaya, iinkqubo zasekuhlaleni kunye nezempilo
Ulwakhiwo nokuphucula ezendalo
Inkqubo ezintsha eziphethwe zicawe, amaziko asekuhlaleni namaziko angafumani mbuyekezo ngomsebenzi wawo.
Urhulumente uzimisele ukudala amathuba emisebenzi engaphaya kwe 400 000 ngonyaka ka 2014 ukuze akwazi ukulwa ukunqaba kwemisebenzi nentlupheko.
Isibonelelo sabantu abagcina abantwana abangengobabo sona sinyuka nge R30 lo nto ithethe ukuba ngoku siza kuba yi R680
