UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa
UBUME
IINKONZO
IINDABA
USHICILELO
UQHAGAMSHELWANO
OoNondyebo bePhondo balawula izipaji zePhondo leNtshona Koloni. Banoxanduva lokuqinisekisa intsebenzo eyiyo kwizimali, uhlahlo lwabiwo-mali kwanolawulo lwekhonkco lwezibonelelo yaye kufuneka beze nengcebiso ngomgaqo-nkqubo wokulawulwa kwezimali nezibonelelo ukuxhasa urhulumente ekunikezeleni ngeziphumo zomgaqo-nkqubo wakhe kwanezimvo ngemiba ezinzileyo ekusetyenzisweni kwezibonelelo, ukunika igalelo ekuphuculweni kwemigangatho yokuphila kwanomgangatho weenkonzo ezifunwa ngabemi bephondo leNtshona Koloni.
Ukwazisa
Imvelaphi Yembali
ISAZISO
OoNondyebo bePhondo, ngokwemisebenzi abayinikwe yiPublic Finance Management Act kwaneminye imithetho esondeleyo, bancedisa uMphathiswa/iCandelo loMphathiswa weZimali noPhuhliso loQoqosho ukuphuhlisa kwanokwenza banzi isiseko soqoqosho lweli Phondo.
Bakwenza oku ngoku-
phucula intsebenziwano, ukulingana kwanentsebenzo eyiyo ekunikzelweni kweenkonzo nciphisa ukungalingani ngokwezoqoqosho nangezoluntu dala amathuba engqesho ngokusetyenziswa kwezimvo ezintsha nikezela umkhomba-ndlela ngokwezibonelelo kwanamathuba kwabo bawadinga kakhulu.
Ukuphumelela kwezi nzame kuya kukhokelela ekuphunyezweni kweenjongo ezichazayo zikarhulumente weNtshona Koloni zokuhlala ethembeni, ukunikezelwa kweenkonzo kwanesidima kumntu wonke kwanokuphunyezwa kombono iKapa elihlumayo.
IIMPEPHA EZIBALULEKILEYO
UHlahlo Lwabiwo-mali lwePhondo luka-2004/2005
iKapa elihlumayo liqhinga lePhondo leNtshona Koloni lokukhawulelana neemfuno zabantu. Eyona nto ibalulekileyo kukwandisa inkxaso kwabo bahluphekileyo, ngelixa kukwaqinisekiswa ukuba abantu abaninzi banokuzuza ingeniso ngengqesho ehlawulayo.
Iinjongo zeKapa elihlumayo kukunciphisa intswela-ngqesho, intlupheko, kwanokungalingani ngokwemivuzo ngokuphuhlisa ukukhula koqoqosho kwanokuthathwa kwenxaxheba kwiphondo. Inkcitho ethe kratya kweli phondo ekuphuhlisweni kwezakhono norhwebo kwimisebenzi yezibonelelo ezinkulu iya kusetyenziswa ukutsala urhwebo lwabucala ukuphuhlisa uqoqosho. IPhondo eli liyakwayamisa eli qhinga lexesha elide kwinkxaso eyandisiweyo kwabo bahluphekileyo ngokuhlawulwa kweenkxaso-mali kwanokunikezelwa kweenkonzo ngendlela ephucukileyo.
IMVELAPHI YEMBALI
Ulonyulo lokuqala kulawulo ngentando yesininzi eMzantsi Afrika ngo-1994 lwakhokelela kwindlela entsha yopolitiko eyadala aMaphondo alithoba amatsha. Kodwa kwakungekho balawuli kuloo maphondo ukuze beze neenguqu ezidingekayo. Kwafuneka sakhe iPhondo, futhi oyena ndoqo wolu lwakhiwo yayilisebe loonondyebo elisebenzayo - kungoko ke iSebe looNondyebo beNtshona Koloni lazalwa ngomhla wokuqala kwekaTshazimpunzi ku-1995 njengengxenye yeSebe elitsha leZimali neeNkonzo Zoshishino. Lalikwanikwe noxanduva lokuqinisekisa ukuba amasebe afana neli aya kudalwa kumaphondo uMntla Koloni neMpuma Koloni.
Ulawulo lukarhulumente wephondo luxhomekeke kakhulu ekusebenzeni ngendlela eyiyo kweSebe looNondyebo bePhondo. Ukuqinisekisa ukuba iNtshona Koloni yayisebenza ngendlela eyiyo nengachithi mali ininzi, eli Sebe lazibandakanya nenkqubo yokwakhiwa ngokutsha ukuzihlanganisa neSebe leSizwe looNondyebo.
Le nkqubo yagqitywa kwisiqingatha sokuqala sonyaka u-2003 ze yabandakanya la manqanaba:
elokunikezela ulawulo lwezimali kuwo onke amasebe elokulungiselela eli Phondo ukumelana nokunikezelwa kweenkonzo kwanokulingana kwiphondo eli.
ISebe elisebenzayo neliphunyeziweyo ngoku kufuneka linikezele iinkonzo ezingcono kwiinjongo zeqhinga leSebe looNondyebo yaye liya kulinceda ukumelana nemiceli-mngeni yezoqoqosho loluntu lweli Phondo namanye amaphondo, oomaspala kwanabanye abantu okanye iinkampani ezinomdla kulo mba.
Iinjongo (zamaqhinga) zeSebe looNondyebo zezi:
Ukuphuhlisa, ukuqinisekisa ukusebenza nokunyanzelisa ukusebenza kwezithethe zolawulo lwezimali kwanemigangatho eyiyo.
Ukuqinisekisa indlela yonxibelelwano yangaphakathi neyangaphandle esebenzayo kwimiba yezimali.
Ukwenza uphicotho lweencwadi lobuxhaka-xhaka bobugcisa kwanokwenza uphicotho lweencwadi ngokuvavanya ubungakanani bomngcipheko.
Ukufumanisa nokuvavanya imida yezoqoqosho kwanezibophelelo zoqoqosho loluntu kwiphondo nakuqoqosho lwesizwe.
Ukwenza ukuncedwa ngezimali kwezibophelelo zephondo kwanokuqinisekiswa kokunikezelwa kwezibonelelo ukuphucula iimeko ezingancumisiyo zoqoqosho loluntu kweli Phondo ze, ngokwemigaqo yenkqubo yokusebenzisana koorhulumente ngezimali, linike igalelo eliluqilima ekwakhiweni kwezi mbono kwinqanaba lesizwe likarhulumente
Ukuqinisekisa ukuqhutywa kweenkonzo zezimali kwanokunikezelwa kweengxelo okuza kubonisa ngokugcweleyo ubume ngokwezimali kwanentsebenzo kaRhulumente wePhondo.
Le nkcazelo iyafumaneka nangesi Xhosa
YAYAMENE
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
