UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ubugcisa Nenkcubeko
INKCAZELO:
Inkonzo yeWebPALS isebenzisana namathala eencwadi alawulwa nguRhulemente wePhondo leNtshona Koloni futhi awawaquki amathala eencwadi aphantsi kolawulo lweSixeko saseKapa.
Amalungu amathala eencwadi angayisebenzisa iinternet ukuhlaziya impahla yethala leencwadi, baphendla-phendle iincwadi ngekhompyutha, okanye ke bafumane iinkcukacha ngethala leencwadi elithile.
Ngokusebenzisa iWebPALS, ungaphendla-phendla iincwadi ezikhoyo kwelo thala leencwadi ngekhompyutha, ufumane iinombolo zamaxwebhu athile nezalathiso, usebenzisa indlela yokuphendla-phendla esisiseko nekudidi oluphezulu.
Ukuba ufikelela kwiWebPALS ngokwethala leencwadi okanye isikolo sakho, indlela yokuphendla-phendla le ibeka loo ndawo ukuyo njengendawo yokuqala ophendla-phendlela kuyo; kodwa ke onke amathala eencwadi asebenzisa le WebPALS athatyathwa njengeendawo zokuqala zokukhangela
Ukuveza iinkcukacha zakho
Ukuhlaziya usebenzisa ikhompyutha
Unhazihlaziya iincwadi osele uzijongile wazifumana.
Ukuboleka iindcwadi kumathala eencwadi ahlukeneyo
Ungazirhoxisa izicelo zokubolekwa iincwadi.
Ungabona:
ikhalenda yenyanga yeloo thala leencwadi namaxesha okusebenza iintsuku zekota okanye zesiqingatha sonyaka ithala elithile elisebenza ngazo iinkcukacha zokubolekisa zethala leencwadi elithile iinkcukacha-manani zethala leencwadi iinkcukacha-manani zamaxwebhu ethala leencwadi elo.
IMIYALELO:
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Iinkonzo Zamathala Eencwadi (iSebe Lemicimbi Yenkcubeko Nemidlalo, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
YAYAMENE
Amathala Eencwadi ePhondo leNtshona Koloni (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
