UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
UMBHALI: iSebe lezempilo
ISISHWANKATHELO
Apha ke sichazela amanina abudala buyiminyaka engaphezu kwamashumi amathathu ngokuba ziintoni na ezi pap smear, nokuba kufuneka zenziwe nini futhi zisenzelwa ntoni na.
WONKE UMNTU WASETYHINI ONGAPHEZU KWAMASHUMI AMATHATHU EMINYAKA UBUDALA KUFUNEKA EVAVANYELWE AMATHUMBA AKHULA KUMNYANGO WESIBELEKO
Yintoni Uvavanyo Lwamathumba Akhula Kumnyango Wesibeleko?
Isixhobo esikhethekileyo esibizwa ngokuba si-speculum sisestyenziselwa ukubamba umphantsi kasisi uvulekile ukuze ugqirha okanye umongikazi akwazi ukuwubona lo mnyango wesibeleko.
Ezinye iiseli zisuswa kakuhle apha kumlomo wesibeleko ze zithunyelwe kwindlwana yophando lwenzululwazi ukuze zivavanywe.
Iziphumo zolu vavanyo ziya kuthunyelwa kwiklinikhi yakho ngoko ke khumbula ukubuyela kuyo ukuze uzifumane.
Ipap smear ikhangela iiseli ezingaqhelekanga ezinokuthi ekuhambeni kwexesha zibe nguMhlaza Wesibeleko.
Yintoni uMhlaza Womlomo Wesibeleko?
UMhlaza Womlomo Wesibeleko luhlobo lomhlaza oluxhaphake kakhulu kubantu basetyhini.
UMhlaza Womlomo Wesibeleko xa uthi ukhangelwe kuselithuba unganyangwa ze uphile.
Bonke abantu basetyhini basemngciphekweni wokuhlaselwa ngumhlaza womlomo wesibeleko.
Umngcipheko wokuhlaselwa ngumhlaza womlomo wesibeleko uyakhula njengokuba nawe ukhula nje.
awukho mninzi ekwabelaneni ngesondo uyeka ukuba sexesheni ngenxa yobudala sele wayeka ukuba sexesheni ngenxa yobudala awusenazinjongo zakuphinda ufumane bantwana wazikhupha isibeleko, awusenakufumana bantwana akubonisi zimpawu.
Kufuneka ulwenze uvavanyo lwepap smear ubuncinci rhoqo emva kweshumi leminyaka,uqale xa ukwiminyaka yamashumi amathathu ubudala.
Kufuneka ufumane iimvavanyo ezintathu EZISIMAHLA zepap smear, lube lunye xa ukwiminyaka yamashumi amathathu ubudala, lube lunye xa ukwiminyaka yamashumi amane ze ufumane olokugqibela xa ukwiminyaka yamashumi amahlanu ubudala.
Ezi mvavanyo ZISIMAHLA zepap smear ziyafumaneka kwiklinikhi ekufutshane nawe okanye kwiziko lakho lezempilo.
Amalungelo Akho Ezempilo
Unelungelo:
iimvavanyo ezintathu nezisimahla zepap smear ebomini bakho, lube lunye rhoqo emva kweshumi leminyaka, uqale xa ukwiminyaka yamashumi amathathu.
lokunyangwa ngesidima, intlonipho kwanemfihlelo xa usiya kuvavanyo lwakho lwepap smear.
lokucela umntu okanye iziko elikubonelela ngeenkonzo zempilo ukuba likucacisele ngenkqubo yolo vavanyo.
Uxanduva Lwakho
Kufuneka ulwamkele uxanduva lokujongana nempilo yakho.
Kufuneka uye kulo naluphi na unyango olulandela olo vavanyo ukuba ucetyiswe ukuba wenze njalo.
Kufuneka unikezele ngeenkcukacha zakho zonxibelelwano ezinyanisekileyo ukuze ube nokufumaneka xa udinga unyango olongeziweyo.
YAYAMENE
Uvavanyo Lomhlaza Wesizalo (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
