UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa
IiNkonzo
Ezemfundo
Uncedo Ngemali Yokufunda
Iinkxaso-mali Zokufunda Kwicandelo Lemicimbi Yendalo Engqongileyo & Nocwangciso Lophuhliso
Iinkxaso-mali Zokufunda Kwicandelo Lemicimbi Yendalo Engqongileyo & Nocwangciso Lophuhliso
UBUME
IINKONZO
AMAPHULO
IINDABA
IINTETHO
USHICILELO
IIKOMITI
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
INKCAZELO:
Zeziphi Iinkxaso-mali Zecandelo Lemicimbi Yendalo Engqongileyo & Nocwangciso Lophuhliso Ezinikezelwa Ngurhulumente weli Phondo?
Ingaba Yintoni Ehlawulelwayo yile Nkxaso-mali Yokufunda?
Ingaba Kuya Kufuneka Ndiyibuyise okanye Ndisebenzele Ukuyibuyias le Nkxaso-mali?
Ngubani Onokufaka Isicelo sale Nkxaso-mali?
Ndingasifaka Njani Isicelo?
Ndingalufumana Phi Ulwazi Olupheleleyo?
Zeziphi Iinkxaso-mali Zecandelo Lemicimbi Yendalo Engqongileyo & Nocwangciso Lophuhliso Ezinikezelwa Ngurhulumente weli Phondo?
iSebe Lemicimbi Yendalo & Nocwangciso Lophuhliso linikezela ngeenkxaso-mali zokufunda isigxina ezifikelela kwisihlanu ngonyaka kumacandelo apho kusafuneka izakhono. Ngo-2006, umzekelo, kubekho iinkxaso-mali zokufunda kwicandelo locwangciso-zidolophu kwanezamagosa ajongana nendalo engqongileyo.
Ingaba Yintoni Ehlawulelwayo yile Nkxaso-mali Yokufunda?
Zizifundo, iincwadi, indawo yokuhlala nokuhamba-hamba ngexesha lezi zifundo. Ezi nkxaso-mali ke zezokufunda kwelinye yeeteknioni okanye iidynvesithi ezaziwayo apha kwiNtshona Kapa Ukuba uthi utshone unyaka, kuya kufuneka uphinde ngemali yakho, ze emva kokuba uwuphumelele ke loo nyaka uzihlawulela ngawo, ibuyiswe le nkxaso-mali. Ungasifaka isicelo senye imali (yezixhobo umzekelo) ukuba ukunika isizathu soko.
Ingaba Kuya Kufuneka Ndiyibuyise okanye Ndisebenzele Ukuyibuyias le Nkxaso-mali?
Ezi nkxaso-mali ke zinikezelwa phantsi kwemeko yokuba umxhaswa lo abe uza kuyibuyisa le mali ngokuthi asebenzele eli sebe, ngamanye amazwi ke, kuya kufuneka usebenze kweli phondo isithuba seminyaka elingana naleyo uxhaswe ngayo ngezimali.
Ngubani Onokufaka Isicelo sale Nkxaso-mali?
Ukuze ube nokufaka isicelo senye yezi nkxaso-mali, kufuneka:
Ube ngummi woMzantsi Afrika okanye ke umhlali osisigxina
Ube ngummi apha kwiNtshona Kapa
Ube usuka kwindawo ebikade ihlelelekile
Ube unakho ukwamkeleka kwiziko lemfundo ephakamileyo oceba ukuya kufunda kulo
Ndingasifaka Njani Isicelo?
IMIYALELO:
Ndingalufumana Phi Ulwazi Olupheleleyo?
Inombolo Yomnxeba: 021 483 2734
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lemicimbi Yendalo Nocwangciso Lophuhliso (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
