UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa
IiNkonzo
Ezezindlu
Iinkxaso-mali & Noncedo Lokuthenga Nokuzakhela Izindlu
Inkxaso-mali Yophuhliso Emaphandleni
Inkxaso-mali Yophuhliso Emaphandleni
UBUME
IINKONZO
AMAPHULO
IINDABA
IINTETHO
USHICILELO
IIKOMITI
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
INKCAZELO:
Kwiingingqi zasemaphandleni, uninzi lwabantu alunamalungelo asemthethweni kwimihlaba yabo kodwa banalo ukhuseleko olusebenzayo lokusebenzisa umhlaba. Umzekelo, ilungelo lokusebenzisa umhlaba elinikezelwe ngokwemiqathango yemithetho kunye nezithethe zesizwe, isithethe, ukusetyenziswa okanye indlela yolawulo kwingingqi ethile okanye kuluntu okanye ngoncedo lokuhlala kumhlaba kaRhulumente kangangexesha elingaphantsi kweminyaka emihlanu. Ezi ndidi zamalungelo okusetyenziswa komhlaba zikhuseleke phantsi koMthetho woKhuseleko lwaMalungelo oMhlaba Ongamiselekanga njengoko iinkqubo zokubuyiselwa ngokutsha komhlaba kuqaliswa ngazo.Nangona kunjalo, abantu abangenalo ilungelo lokusebenzisa umhlaba ngokwasemthethweni abanakuze babe nalungelo lakufumana nkxaso-mali phantsi koLungiselelo lweNkxaso-mali yoLwakhiwo-zindlu ngoko ke inkxaso-mali eyodwa ithe yaphuhliswa.
IMIYALELO:
NGUBANI ONELUNGELO LOKWENZA ISICELO SENKXASO-MALI?
Inkxaso-mali iyakuthi inikezelwe kuphela kubantu abanamalungelo angamiselekanga anokuthi angaphikiswa yaye abangafanelanga ukuba balahlekane naloo malungelo ngexesha kuqhutywa inkqubo yokubuyiselwa ngokutsha komhlaba. Ngaphezu koko umntu ngamnye kufuneka athobele yaye alungelelane neenqobo zokokuba angaselungelweni njengoko kuchaziwe kumhlathi-3.1.1 yeSikhokelo Ekulula Ukusisebenzisa Ukusisebenzisa
Ngokwemiqathango yomhlaba ophantsi kolawulo loluntu, ukuba ngaba umntu unikwe inkxaso-mali yophuhliso lwamaphandle aze alahlekane namalungelo omhlaba wakhe, inkqubo sele iqulunqiwe apho umntu anganalo ilungelo lokufumana enye inkxaso-mali.
Nangona le nkxaso-mali ibizwa njengenkxaso-mali yophuhliso emaphandleni ayiphelelanga ekusetyenzisweni kwiingingqi ezisemaphandleni kuphela, iyafumaneka kwiingingqi ezisezidolophini ngokunjalo. Olu didi lwenkxaso-mali luthatyathwa njengenkxaso-mali ekubhenelwa kuyo ekugqibeleni njengoko ibonwa njengemfuneko into yokokuba amalungelo akhuselekileyo okusebenzisa umhlaba athi anikezelwe kuzo zonke iimeko.
Inkxaso-mali inakho ukufumaneka kwimeko apho kuza kwenziwa iprojekti, kodwa akukho nani lincinane okanye likhulu labathathi-nxaxheba elithi linyanzeliswe. IiBhodi zoPhuhliso zoLwakhiwo-zindlu zePhondo ziyavunyelwa ukuba ziqinisekise iiarhente zokuqalisa umsebenzi ukuba zichonge, zicwangcise ze ziqalise iiprojekti ngokwemiqathango yale nkxaso-mali.
Inkxaso-mali evunyelweyo ihlawulwa kwii-arhente zemali ezichongwe yiBhodi yoPhuhliso loLwakhiwo-zindlu yePhondo ethi ilawule ukuhlawulwa kwezixa-mali.
Inkxaso-mali yophuhliso emaphandleni inakho ukusetyenziselwa nayiphi na injongo enxulumene nolwakhiwo-zindlu evunyelwe yiBhodi yoPhuhliso yoLwakhiwo-zindlu yePhondo.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
iCandelo Lolawulo Lwamaphulo Ezindlu (ISebe loRhulumente woMmandla nezeZindlu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Le nkcazelo iyafumaneka nangesi Xhosa
YAYAMENE
Iinkxaso-mali Zokuthenga Nokwakha Izindlu Ezayanyaniswe Namaphulo (IiNkonzo)
INkxaso-mali Yokwakhelwa Komntu Ngamnye Indlu (IiNkonzo)
Iinguqu Kwiinkxaso-mali Zokuthenga Izindlu Kubantu Abakhubazekileyo (IiNkonzo)
Iinkxaso-mali Ezimanyanisiweyo (IiNkonzo)
INkqubo Yabantu Yokwakhiwa Kwezindlu (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
