UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa
IiNkonzo
Ezempilo
Impilo Yokuzala Yamadoda
Impilo Yokuzala Yamadoda
UBUME
IINKONZO
AMAPHULO
IINDABA
IINTETHO
USHICILELO
IIKOMITI
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
INKCAZELO:
Ucwangciso-ntsapho Nokuzikhusela
Impilo yokuzala iluxanduva ekwabelwana ngalo sisibibi esithandanayo. Ngoko ke, amadoda anendima ebalulekileyo ekufuneka eyidlalile yaye kufuneka enze okulindelekileyo ngoxanduva lwawo lokuthintela ukukhulelwa nokusebenzisa iintsilathi ekuthinteleni ukukhulelwa okungacwangciswanga kwanokusasazeka Kwezifo Ezingumvuka Wokwabelana Ngesondo, kuquka nentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo. Amadoda namanina kufuneka ahlale phantsi namaqabane awo malunga neengcinga zokuthintela ukukhulelwa ze izibini ezo zincokole nangendlela eyamkeleke kubo bobabini yokwenza oko, nokuba ngubani na ekufuneka engoyena uyisebenzisayo le ndlela. Umzekelo, inkqubo yokwenza amadoda angaphindi afumane bantwana yinkqubo elula kakhulu ukuba angayenza amadoda.
Ngenxa yezi ngxelo zigcwele izwe lonke zamadodana athi asutywe kukufa ngenxa yokwaluswa ngendlela engakhuselekanga, la madodana kungoku nje angakhe ukugonywa simahla kwiiklinikhi zenqanaba lokuqala lonyango ukuqinisekisa ukuba basempilweni phambi kokuba baye kwiiindawo zesiko lokwaluka. Kanti la maziko ononophelo lwempilo kwinqanaba lokuqala akwanayo nenkqubo ekhuselekileyo nesempilweni yokwalusa. Le nkqubo ingenziwa kwiintsana ezingamakhwenkwana emva nje kokuzalwa kumaziko ononophelo lwempilo ohlukeneyo.
IMIYALELO:
Kufuneka uye kwiklinikhi ekufutshane nawe yononophelo lwempilo kwinqanaba lokuqala. Abantu abawatyelela okokuqala la maziko/ezi zibhedlele zononophelo lwempilo kwinqanaba lokuqala kuya kufuneka bagcwalise iphetshana yokuba ngamalungu yaye baya kuvulelwa uxwebhu. Yiza nencwadana yakho yesazisi nekhadi lakho laseklinikhi/lasesibhedlele ukuba wawukhe wabhalisa kuloo kwelo ziko.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
Inkonzo zeendawo zokuqala zogonyo lwempilo zisisimahla kubantu bonke abangekho ngaphantsi koncedo lukagqirha. Ukuba uthunyelwe esibhedlele, kungakho iindleko ezikhoyo. Ixabiso liya kuxhomekeka kumvuzo wakho nakubungakanani babantu abaphantsi kwakho, ng
Le nkcazelo iyafumaneka nangesi Xhosa
YAYAMENE
Ukuthintela Ukukhulelwa (Ucwangciso-ntsapho) (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
