UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa
IiNkonzo
Ezempilo
Ukuthintela Ukukhulelwa (Ucwangciso-ntsapho)
Ukuthintela Ukukhulelwa (Ucwangciso-ntsapho)
UBUME
IINKONZO
AMAPHULO
IINDABA
IINTETHO
USHICILELO
IIKOMITI
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
INKCAZELO:
Le nkonzo ibonelela ngamacebiso malunga neqela leendlela ezikhuselekileyo, ezisebenzayo nezamkelekileyo zokuthintela ukukhulelwa, macebiso lawo abasetyhini, amadoda, umlisela nomthinjana banokuxhamla kuwo ekuthintelweni kokukhulelwa okungadingekiyo.
Ulwazi neengcebiso
Iindlela zokunqanda ukukhulelwa
Iinkcukacha zoqhagamshelwano ezingaluncedo.
ULWAZI NEENGCEBISO
Ingcaciso ngeqela leendlela zokuthintela ukukhulelwa inikwa abantu ukuze babe nokwenza izigqibo ezifanelekileyo ngokuxhomekeke kwiingxaki abakhe banazo nokuxilongwa kwemizimba yabo. Ukuba kuthe kwabhaqwa isifo esingumvuka wokwabelana ngesondo ngendlela engakhuselekanga, eso sifo siya kunyangwa ngamayeza afumaneka kwikliniki okanye umntu lowo angathunyelwa kwikliniki eyodwa ejongene naloo mcimbi, ngokuthi anikwe incwadi yembalelwano ukuba ayinikezele kweso sibhedlele athunyelwa kuso.
Yakuba ityunjiwe loo ndlela ithile yokuthintela ukukhulelwa, lowo ubandakanyekayo uya kusoloko ekhangelwa ukuba akabi nazingxaki ngenxa yokusetyenziswa kwamachiza awanikiweyo, ngokuthi yena aquqe kwikliniki yakhe.
Nayiphi na intombazana okanye umfazi angazigqibela ngokwakhe ngendlela yokuthintela ukukhulelwa afuna ukuyisebenzisa. Akukho mfuneko yakufumana mvume yeqabane lakhe okanye yabazali bakhe. Uninzi lweekliniki lunenkonzo ejongene nolutsha ukuze abantu abatsha babe nokufumana ingcaciso ngocwangciso-ntsapho, oko kusenziwa kwindawo emeko imenza umntu azive ekhululekile.
IINDLELA ZOKUNQANDA UKUKHULELWA
Isixhobo Esifakwa Ngaphakathi Esibelekweni (iIUD) I-IUD sisixhobo esincinane esifakwa esizalweni sowasetyhini, nesifakwa ngumsebenzi wezempilo oqeqeshelwe loo msebenzi. Isixhobo i-IUD singakuthintela ukumitha kwisithuba seminyaka emihlanu ubuncinane. Olu hlobo lwendlela yokuthintela umitho ayikuthinteli ukosulelwa zizifo ezingumvuka wokwabelana ngesondo. Ukuba owasetyhini okanye iqabane lakhe linamaqabane amaninzi elilalana nawo, i-IUD le mayingabiyo ndlela iphambili ikhethwayo ngaphandle kokuba kusetyenziswa neentsilathi, ukuzikhusela ekosulelekeni zezi zifo zingumvuka wokwabelana ngesondo zifana nentsholongwane kaGwulayo/noGawulayo.
Abasetyhini kuye kufuneke ukuba baye ekliniki emva kweeveki ezintandathu i-IUD ifakiwe, ukuze ihlolwe. Iyacetyiswa neyokuba uhlolo luqhutywe qho ngonyaka. I-IUD ifumaneka kwiikliniki ezithile kuphela, kodwa ingathengwa nakwiikhemisti.
Ukuthintela Ukukhulelwa Ngokukhawulezileyo. Le ndlela yokuthintela ukukhulelwa ingasetyenziswa ngabasetyhini abafuna ukuthintela ukukhulelwa emva kokwabelana ngesondo bengazikhuselanga, emva kokudlwengulwa okanye ke mhlawumbi naxa benesikrokro sokuba indlela yokukhusela ukukhulelwa abayisebenzisileyo ayisebenzanga emva kokwabelana ngesondo ngesondo bengazikhuselanga . Iipilisi zothintelo kukhulelwa olungxamisekileyo zingasetyenziswa kwiiyure ezingama-72 (iintsuku ezintathu) emva kokwabelana ngesondo ngaphandle kokuzikhusela ukuze kuthintelwe ukukhulelwa okungafunekiyo, kodwa zisebenza kakuhle nangakumbi xa zisetyenziswe kwangoko. Ezo pilisi zifumaneka simahla kwiikliniki nasezibhedlele kwaye zingathengwa nakwiikhemisti ngaphandle kwencwadi engumyalelo kagqirha.
I-IUD ingasetyenziswa kwiintsuku nje ezintlanu emva kokwabelana ngesondo ngendlela engakhuselekanga ukuze kuthintelwe ukukhulelwa okungafunekiyo. Ukuba seligqithile ixesha lokusebenzisa ezi ndlela zokuthintela ukukhulelwa, kwaye kukho isikrokro sokuba ukhulelwe, inkqubo yokukhupha isisu ingasetyenziswa njengento yokugqibela enokwenziwa . Inkqubo i-TOP isemthethweni eMzantsi Afrika.
Uvalo-nzala: Le yindlela esigxina yokuthintela umitho kwaye ingasetyenziswa ngabasetyhini namadoda ngokunjalo. Nawuphi na umntu ominyaka ili-18 nangaphezulu nonelungelo lokwenza isigqibo unako ukuvalwa inzala ngokwesicelo sakhe. Kufuneka umntu lowo aqale acetyiswe ngaphambi kokuvalwa kwenzala. Le nto yenziwa ngotyando olungathabathi xesha lide nolulula kwaye loo nto ayiyichaphazeli imo yobomi bomntu lowo koko yenza ukuba uphelelwe lixhala lokukhulelwa okanye lokwenza umntu akhulelwe. Kungabhaliselwa ukuvala inzala kwikliniki esekuhlaleni. Lowo ufuna ukuvala inzala uya kunikwa amacebiso kwaye kuya kufuneka agcwalise ifom yokufaka isicelo. Utyando lwenziwa simahla kumaziko athile oluntu nakwizibhedlele kuwo wonke amanqanaba azo (elokuqala, elesibini nelesithathu). Ugqirha oqhuba utyando olo uya kukucela ukuba utyikitye iphetshana apho umnika imvume yokukutyanda.
Inkqubo yokutyandwa kwamadoda kuthiwa yi-vasectomy, nkqubo leyo idla ngokwenziwa ngeli xesha indoda ihleli, ngokuthi kusetyenziswe isibulali-ntlungu kufutshane nendawo leyo iza kutyandwa okanye kumzimba wonke. Kuye kwenziwe umngxunyana okanye imingxunyana emibini apha kufutshane nezingxotyana zangaphantsi. Umbobho othwala incindi yobudoda (ivas deferens) wesingxotyana ngasinye uya qhawulwa ze ubotshwe. Olu tyando alukhawulezi ukusebenza kwaye kuye kufuneke ukuba kusetyenziswe enye indlela yokuthintela ukukhulelwa kwiinyanga ezintathu emva kokutyandwa, okanye kumatyeli ali-15 ukuya kwangama-20 indoda ethi yabelane ngesondo ngawo. Kuye kufuneke ukuba kuqhutywe uvavanyo lwembewu yenzala ukuqinisekisa ukuba imbewu yenzala ayikho kwimibhobho.
Uvalo-nzala alukuthinteli ukosulelwa zizifo ezingumvuka wokwabelana ngesondo.
Inzala yabantu abagula ngengqondo ingavalwa ngokwemimiselo yoMthetho wovalo-nzala, wonyaka ka-1998. Umzali, umgcini, umlondolozi okanye iqabane lingafaka isicelo sokuvalwa kwenzala yomntu ongakwaziyo ukuzenzela izigqibo ngenxa yokukhubazeka kwengqondo. Isicelo eso kufuneka senziwe size sithunyelwe kwisibhedlele esiza kuqhuba loo mcimbi. Kuya kwenziwa idinga lokudibana negqiza leengcali ezintathu zonyango lwabagula ngengqondo, ngenjongo yokuba zivavanye lowo uza kuvalwa inzala nofanele ukuphelekwa ngulowo wenza isicelo. Ngokuxhomekeke kwiimeko ezithile, igqiza lilo eliza kugqiba ekubeni kuqhutyekekwe kusini na ngovalo-nzala olo.
IINKCUKACHA ZOQHAGAMSHELWANO EZINGALUNCEDO:
La maziko abucala alandelayo nawo angaluncedo kulo mba:
IMIYALELO:
Le nkonzo ungayifumana kuninzi lweekliniki. Ukuba indlela yokuthintela ukukhulelwa oyifunayo ayikho, cela ukuba uthunyelwe kwiziko lezempilo elinakho ukwenza oko.Ukuba uya qala ukuya kwelo ziko lezempilo, uya kucelwa ukuba ugcwalise iphetshana lesicelo wandulwe ukuvulelwa uxwebhu. Yiza nencwadi ekuthumela kwelo ziko (ukuba kukho imfuneko), nawo nawaphi na amayeza owasebenzisayo kunye nekhadi lakho lasekliniki/lasesibhedlele ukuba wawukhe wabhaliswa kwelo ziko.
La mabakala amaziko:
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
Akukho ntlawulo ifunekayo kumaziko onyango enqanaba lokuqala naxa uthunyelwa kumaziko amanye amanqanaba angaphezulu. Abantu abatyandwayo bazifumana simahla iiNkonzo zeAmbulensi.
Le nkcazelo iyafumaneka nangesi Xhosa
YAYAMENE
Impilo Yokuzala Yamadoda (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
