UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa
IiNkonzo
Ezempilo
Uncedo Lokubuyisela Kwisimo Sesiqhelo
Iinkonzo Zokunyangela Ukubuyela Kwimo Yesiqhelo
Iinkonzo Zokunyangela Ukubuyela Kwimo Yesiqhelo
UBUME
IINKONZO
AMAPHULO
IINDABA
IINTETHO
USHICILELO
IIKOMITI
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
INKCAZELO:
Abantu abakhulu nabantwana abakhubazeke ngokomzimba, bangancediswa ukuba bahlale bekwimo yomzimba, yovakalelo, yobukrelekrele, yengqondo nezentlalo entle nesemgangathweni.
Ezi nkonzo zonyango zijoliswe kubantu abathwaxwa zizigulo ezidinga uncedo kuqhaqho, emva kwentlungu, iintungu zamathambo kwakunye nezinye izigulo. Ezi zigulo ziquka, umzekelo ukutsha, ukonzakala entloko, ukuxhozula, iintlungu, ukonzakala esandleni, ukusikwa ilungu lomzimba, ezokuphefumla, ezesifuba nezinye nje izigulo.
Le nkonzo ibaluleke kakhulu koko ayinabanga kangako ngenxa yokunqongophala kwezinto eziluncedo. Uninzi lweenkonzo zoluntu zifumaneka ezibhedlele nakwizikolo zabaneengxaki ezizodwa, zimbalwa kakhulu iinkonzo ezifumaneka ekuhlaleni. Uninzi lwezi nkonzo lufumaneka kwiindawo zasezidolophini kwaye ngabasebenzi beenkqubo zokubuyisela kwimo yesiqhelo abangaphantsi kwe-19% abasebenza kwiindawo ezisemaphandleni ngaphandle kwemida yeNqila yeKapa.
Iinkonzo Ezifumanekayo:
Iinkonzo Zonyango Zenqanaba Lokuqala Nezijoliswe Ezantsi
Iinkonzo Zonyango Zenqanaba Lesibini
Iinkonzo Zonyango Zenqanaba Lesithathu
Unyango Noncedo Lweengcali Nezifundiswa
IINKONZO ZONYANGO ZENQANABA LESITHATHU
Iinkonzo zonyangoZenqanaba Lokuqala zifumaneka kuphela kumaziko athile asekuhlaleni nezibhedlele zezithili. Ukuba ufuna ezinye iinkcukacha ngeenkonzo ezifumanekayo tsalela umnxeba abaphathi bemimandla bezonyango kwezi nombolo zeminxeba zilandelayo:
KwiSixeko: 021 918 1286
Kodwa zonke iikliniki ziyawuqhuba umsebenzi wokuhlola iintsana nabasaqingqayo. Xa kuthe kwakrokrelwa ukuba umntwana unokhubazeko lwengqondo okanye lomzimba umntwana lowo uya kuthunyelwa kwikliniki eyodwa kwinqanaba lesibini nenqanaba lesithathu. Kwangaxeshanye umntwana lowo uya kuthunyelwa kwingcisa lezokubuyisela kwimo yesiqhelo umz. ingcali yezomzimba, okanye ingcali yezomsebenzi kwinqanaba lokuqala lonyango ukuba lukhona. Ukongeza kwinkqubo yokuhlola okulandelwa kukuthunyelwa kwelinye iziko, ukubuyiselwa kwimo yesiqhelo kulo mgangatho ikakhulu kugxininisa ekulawulweni kwezifo ezinzima, ukuhambela amakhaya, ukuqeqeshwa kweentsapho nabancedisi bezigulane, ukuvavanyela ukufunyaniswa izibonelelo zokukhubazeka nokubonisana nee-NGOs, amaqela enkxaso, izikolo neekritshi.
IINKONZO ZONYANGO ZENQANABA LESIBINI
Iinkonzo zenqanaba lesibini zokubuyiselwa kwimo yesiqhelo zenzelwe abantu abakhubazeke nje okwethutyana/abakhubazeke phantse isigxina kwaye kubonelelwa ngazo kwizibhedlele zeenqila nezithili. ICandelo leeNgxaki zoMqolo (unyango lweengxaki ezinzima) kweli leNtshona Koloni lisusiwe kwisiBhedlele i-Conradie e-Pinelands kwiSixeko saseKapa laya kuvulwa kwisiBhedlele i-Groote Schuur.
IINKONZO ZONYANGO ZENQANABA LESITHATHU
Amacandelo ajongana nokunyanga abaguliswa ziingxaki zomsebenzi (occupational therapy), macandelo lawo ase-Tygerberg, e-Groote Schuur, e-Stikland nakwisibhedlele sase-Lentegeur abonelela ngenkonzo yokubuyiselwa kwimo yesiqhelo enxulumene nezomsebenzi. Oku ikakhulu kubandakanya ukuvavanyelwa ukuqhuba umsebenzi, vavanyo olo luzama ukufumanisa ukulungela kwabo bavavanywayo ukubuyela emsebenzini emva kokonzakala okanye kokugula. Ukuba bakulungele oko baye babe yinxalenye yabathabatha inxaxheba kwinkqubo yesibhedlele yokubalungiselela ukulungela izakhono eziphambili zokuqhuba umsebenzi. Ukuba abakakulungeli oko, abasebenzi bangacebisa ukuba basetyenziswe kwindawo yengqesho ekhuselweyo, ndawo leyo iphantsi kweSebe lePhondo leeNkonzo zeNtlalo yoLuntu neSebe leSizwe lezeMicimbi yaBasebenzi.
Azingako noko iinkonzo ezikhoyo zokunceda izigulane ezifuna ukunyangelwa iingxaki zonyango, ezangemva koqhaqho, ezangemva kokonzakala kakhulu, ezimalunga nezivamvo, ezamathambo, ezezihlunu namathambo nezinye izigulo. Ezo zigulo zibandakanya, umzekelo, ukutsha, ukonzakala entloko, ukufa kwamalungu athile omzimba, ukunqanyulwa kwamalungu athile omzimba, iingxaki zokuphefumla, ezentliziyo nezinye iingxaki.
UNYANGO LWEENGCALI NEZIFUNDISWA
Le nkonzo ibandakanya inkonzo yokubuyisela kwimo yesiqhelo eqhutyelwa ekhaya kwabo bantu bakhulu abakhubazeke ngokomzimba. Ikho ikliniki yabagulela ngaphandle yokuqhuba zonke iinkqubo zokuvavanywa kwezigulane zivavanyelwa iimfuno zokubuyiselwa kwimo yesiqhelo, ukuphinda ekliniki nokuvavanyelwa ukulungela izibonelelo zabakhubazekileyo. Igqiza eliphuma kumaziko ase-Karl Bremer libonelela ngovavanyo lokuhlangabezana neengxaki zabagulayo, vavanyo olo luqhutyelwa kwiikliniki ezisekuhlaleni kwaye lincedisa abaneengxaki ekufumaneneni izixhobo zokubancedisa kwiingxaki zabo, zixhobo ezo zifana nezitulo ezinamavili okuhamba. Eli gqiza likwanceda abasebenzi beenkqubo zokubuyisela kwimo yesiqhelo abakweminye imimandla ngokubafumanisa amava oqeqesho oluqhutyelwa emsebenzini.
Indlela yokufumana le nkonzo: Abantu abakhubazeke ngokomzimba nabakhubazeke ngokwengqondo kufuneka baqale bazame ukufumanisa ukuba ikho kusini na inkonzo yonyango ekhoyo kwinqanaba lokuqala leenkonzo zonyango. Baya kuthunyelwa kwamanye amanqanaba angaphezulu ukuba kukho imfuneko yoko.
Abaqalayo ukuya kwikliniki okanye kwisibhedlele senqanaba lesibini okanye kwisibhedlele senqanaba lesithathu baya kucelwa ukuba bagcwalise ifom baze bavulelwe ifayili. Yiza nencwadi-sazisi yakho. Xa usiya esibhedlele kuya kufuneka ukuba uze nencwadi ephuma kwikliniki ekuthumela apho esibhedlele. Isibhedlele siya kucela ukuba usinike isilipu sakho somvuzo wokugqibela/incwadana yorhafiso echaza ingeniso yakho (IRP5). Yiza nekhadi lakho lasesibhedlele ukuba wakha wabhaliswa kwisibhedlele eso.
IMIYALELO:
Iinkonzo zifumaneka simahla kumaziko onyango enqanaba lokuqala.Njengoko uMphathiswa wezeMpilo, uManto Tshabalala-Msimang, wathi wavakalisa ukusungulwa kwenkqubo yokunceda abantu abakhubazekileyo simahla ukususela ngomhla wokuqala kwinyanga yeKhala ngo-2003, le nkonzo ifanele ukufumaneka simahla. Le nto ibandakanya izigulane zangaphandle nezilaliswe esibhedlele, kwaye ibandakanya iindlela zokunceda abakhubazekileyo ngezinto ezifana nezitulo ezinamavili nezixhobo zokuva. Loo nkonzo yasimahla kufanele ibandakanye abantu abakhubazeke isigxina, kukhubazeka oko okubensiphumo sokuba kube nzima kubo ukuphila ubomi besiqhelo, abantu abakhulileyo abathatyathwa njengebagula kakhulu kunye nezigulane ezigcinwe ixesha elide kwizibhedlele zabagula ngengqondo. Iindlela yokuvavanya le nkqubo neyona ndlela ezakusetyenziswa ngayo zisaphandwa.
La mabakala amaziko:
Izikolo Zabafundi Abanezidingo Ezizodwa
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Le nkcazelo iyafumaneka nangesi Xhosa
YAYAMENE
Amacebo Okunceda Izigulane (IiNkonzo)
Iinkonzo Zokuva Nokuthetha (IiNkonzo)
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 10 uNovemba 2004
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
