UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa
IiNkonzo
Ezempilo
UBUME
IINKONZO
AMAPHULO
IINDABA
IINTETHO
USHICILELO
IIKOMITI
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
INKCAZELO:
Amantombazana akhulelweyo kunye nabasetyhini bathunyelwa kwiinkonzo zobunina okanye amaCandelo okuBelekisa (Ii-MOU) kwiindawo ezisezidolophini, nakwiikliniki ezixhomekeke kwezinye okanye ezisisigxina ezilalini. La maCandelo ngamacandelo okubelekisa aqhutywa ngababelekisi babaguli bezonyango kwindawo akuyo. Kucetyiswa oomama abakhulelweyo ukuba benze izicelo zokubekelwa iindawo kutyelelo lokuqala ekliniki phambi kweeveki ezingama-20 okanye nje emva kokubeleka.
Umama uye enziwe uvavanyo lokuqala olupheleleyo neengcebiso kutyelelo lwakhe lokuqala emva kokubeleka, nolukwabizwa ngokuba lutyelelo lokubekelwa indawo. Ukukhulelwa kuyaqwalaselwa ngawo onke amaxesha umama esiza kutyelelo olulandelayo. Impilo kamama nayo iyaqwalaselwa. Kuthatyathwa ubunzima bakhe, uxinzelelo lwakhe lwegazi, ze kuvavanywe nomchamo wakhe. Ukuba akukho zingxaki, umama uthi abuye kutyelelo lwakhe olulandelayo lokuqala emva kweeveki ezimbini ukuza kuva ngeziphumo zeemvavanyo ebezenziwe ngethuba lotyelelo lokubekelwa indawo. Emva koku, kufuneka abuyele ekliniki rhoqo emva kweeveki ezintandathu ukuya kwezingama-28, aphinde emva kwezingama-34, emva koko aye njengoko exelelwe ngabasebenzi basekliniki okanye abeCandelo lokuBelekisa. (Ukuphinda-phinda ngexesha elimisiweyo kuyohluka ngokweendawo).
Oomama abakhulelweyo bavavanywa kangangoko ukukhangela ukuba akukho mingcipheko kusini na ngokuphathelele kwimpilo yabo naleyo yosana olungekazalwa. Ulutsha olungamantombazana kunye nabasetyhini abangaphezulu kwama-35 eminyaka ubudala, nabakhulelweyo bathathwa njengabona bantu basemngciphekweni. Oku kuthetha ukuba ngabona bantu kufaneleke ukuba babe neengxaki ngethuba lokukhulelwa nokubeleka kwabo. Oomama abakhulelweyo nabo bangabonwa njengabantu abasemngciphekweni ukuba uxinzelelo lwabo lwegazi luye lwanyuka, ukuba baneziphazamiso zemfuzo, ukuba ukhulelwe abantwana abangaphezulu kwesinye naxa babenziwe uqhaqho ngethuba eludlileyo lokubeleka kwabo. Oomama abafunyenwe besemngciphekweni bathunyelwa kwikliniki yabaguli abasandul' ukubeleka kwizibhedlele ezikumgangatho ophezulu, apho kuthi kwenziwe uphando neemvavanyo. Oomama abaneengxaki ekukhulelweni kwabo baye bacetyiswe ukuba baye kwiikliniki zabangaliswayo abasandul' ukubeleka rhoqo njengoko kuyimfuneko.
IMIYALELO:
Ukuba utyelela okokuqala kwicandelo lezonyango, kuza kufuneka ugcwalise ifomu uze uvulelwe uqweqwe lokugcina amaphepha. Yiza nencwadana yakho yesazisi, nalo naliphi na iyeza okanye iipilisi ozisebenzisayo, kunye nekhadi lakho lasekliniki okanye elasesibhedlele, ukuba wawusele ubhalisile ngaphambili kwicandelo elo lezonyango.Abantu abangekho mngcipheweni kakhulu ekukhulelweni kwabo baye baqwalaselwe kumaCandelo okuBelekisa (amaCandelo okuBelekisa aphethwe ngababelekisi ekuhlaleni bewaqhubela abaguli bamaziko ezempilo) ezidolophini, nakwiikliniki ezixhomekeke kwezinye ezilalini. Abantu abakhulelweyo nabasemngciphekweni ngolona hlobo baye baqwalaselwe kwiikliiniki zabagula bengalaliswa kwiindawo ezisezidolophini nakwizibhedlele kwizithili ezisezilalini kwanezo zikumgangatho ophezulu.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
Le nkcazelo iyafumaneka nangesi Xhosa
YAYAMENE
Ukuthintelwa kweempawu ezibonisa ukungalungi kosana olungekazalwa ngenxa yokusetyenziswa kotywala, kunye nonyango loko. (IiNkonzo)
Ukuthintelwa Kokosulelwa Kosana Ngunina (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
