UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa
IiNkonzo
Ezempilo
Uvavanyo Lokukhulelwa
Uvavanyo Lokukhulelwa
UBUME
IINKONZO
AMAPHULO
IINDABA
IINTETHO
USHICILELO
IIKOMITI
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
INKCAZELO:
Amakhosikazi kunye neentombi eziya exesheni emva kweveki okanye nangaphezulu kwelo lesiqhelo bayacetyiswa ukuba baye kwenziwa uvavanyo lokukhulelwa. Ezi mvavanyo zenziwa mahala kwiindawo zoncedo lwezempilo. Ukanti, azisoloko zisenziwa. Izixhobo zovavanyo lokukhulelwa zingathengwa ekhemesti.
Umongikazi uya kuthi afune umchamo wakho, oza kuthi uvavanywe.
Kuya kuthi xa ukhulelo luthe lwaqinisekiswa, lowo ukhulelweyo akhethiswe phakathi kwezi zinto zilandelayo. Ukuba ubani ufuna ukuqhubekeka nokhulelwa oko, uya kuthi athunyelwe kwenye yeendawo zoncedo lwezempilo ezibizwa ngokuba ngamaCandelo okuBelekisa (Ii-MOU ngamafutshane kwisiNgesi). La ke ngamacandelo aphethwe ngababelekisi kwindawo ohlala kuyo, bekwenza oku kubaguli boncedo lwezonyango. Ukuba umama akafuni ukuqhubekeka nokukhulelwa, uvumelekile ukuba abuze malunga nezinye iindlela anokuzikhetha, eziquka ukusikhupha isisu eso
IMIYALELO:
Ukuba utyelela okokuqala kwicandelo lezonyango, kuza kufuneka ugcwalise ifomu uze uvulelwe uqweqwe lokugcina amaphepha. Yiza nencwadana yakho yesazisi, nalo naliphi na iyeza okanye iipilisi ozisebenzisayo, kunye nekhadi lakho lasekliniki okanye elasesibhedlele, ukuba wawusele ubhalisile ngaphambili kwicandelo elo lezonyango.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
Iimvavanyo zenziwa mahala kumaCandelo kaRhulumente ezonyango kodwa qala uqinisekise ukuba ayafumaneka, ingakumbi ezilalini.
Le nkcazelo iyafumaneka nangesi Xhosa
YAYAMENE
Ukukhutshwa Kwesisu (IiNkonzo)
Iinkonzo Zokubeleka (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
