UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa
IiNkonzo
Ezempilo
Imveku & Nomntwana
Unyango lwabantwana abaphethwe gadalala
Unyango lwabantwana abaphethwe gadalala
UBUME
IINKONZO
AMAPHULO
IINDABA
IINTETHO
USHICILELO
IIKOMITI
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
INKCAZELO:
Le nkonzo ijolise ekuchongeni nasekunyangeni abantwana ukusekela ekuzalweni ukuya kutsho kwiminyaka eli-14 ubudala, abebephatheke gadalala ngokwasemzimbeni, ngokwesondo nangokwasemphefumlweni, kwanabo bangahoyekanga. Abantwana ekurhaneleka ukuba bakhe baphathwa gadalala, bangasiwa kwikliniki yonyango apho baya kuxilongwa khona ukuqonda isifo abanaso, baze bafumane iingcebiso malunga naso. Umongikazi wasekliniki okanye ugqirha uya kuthi axilonge umntwana lowo ngokupheleleyo ngokwasemzimbeni aze abhale nembali yakhe. Kubalulekile ukuba umntwana ophetheke gadalala asiwe kwiziko lezempilo ngokukhawuleza okukhulu. Okona kulityaziswa, kokona kulindeleka ukuba umntwana ahlupheke ngaphezulu ngokwasemphefumlweni nangokwasengqondweni. Ukhumbule ke a ukuba abanye abantwana baphatheka gadalala kangangeminyaka emininzi, yaye basenokungafuni ukuxilongwa ngokwasemzimbeni kutyelelo lwabo lokuqala kwiziko lonyango, okanye basenokuba baphatheke gadalala ngokwasemphefumlweni kuphela, hayi ngokwesondo, kuleyo imeko baya kufuna iingcebiso baze banyangwe ngokufanelekileyo.
Ukuphathwa gadalala kwabantwana ngokwesondo
Imibutho elwa ukuphathwa gadalala kwabantwana
Uxanduva lokunikezela ingxelo ngokuphathwa gadalala kwabantwana
Iinkcukacha zoqhagamshelwano eziluncedo
UKUPHATHWA GADALALA KWABANTWANA NGOKWESONDO
Ekuphathweni kwabantwana gadalala ngokwesondo, uphando olulodwa kufuneka lwenziwe, olufana nemiboniso efuneka enkundleni ukunika ubungqina. Kananjalo, umntwana usenokuba uchaphazelekile kwiZifo ezosulela ngokwabelana ngesondo kunye noGawulayo nentsholongwane yakhe. Unyango lwezi zifo zosulela ngokwabelana ngesondo lukholisa ukunikezwa xa iziphumo zovavanyo zibonisa ukuba umntwana lowo wosulelekile.
Abazali okanye abagcini babantwana kufuneka banikwe iingcebiso malunga nobungozi obunokuba kho xa umntwana enokosuleleka yintsholongwane kaGawulayo. Umgcini womtwana kuya kuthi kucelwe kuye imvume yokuba kwenziwe uvavanyo lwentsholongwane kaGawulayo kumntwana lowo.
Ichiza elilwa noGawulayo, i-AZT (nekwabizwa ngokuba yi-Zidovudine) liya kuthi linikezelwe kumntwana lowo ukuba uthe waziswa kwiziko lezonyango kwisithuba seeyure ezingama-72 zokuphathwa gadalala ngokwesondo. Eli chiza alinampembelelo konke-konke ekuthinteleni ukudluliselwa kwentsholongwane kaGawulayo ukuba umntwana ufike emva kweeyure ezingama-72 kwiziko lonyango, emva kokuba ephethwe gadalala ngokwesondo. Abantwana abakhuselweyo luyilo loncedo lwezonyango kufuneka bafumane i-AZT eza kubagcina iintsuku ezintathu, baze emva koko bamiselwe inani lezi pilisi leentsuku ezingama-25 eziseleyo. Abo bangakhuselwanga lolu yilo loncedo lwezonyango, kufuneka banikwe isixa seepilisi esiza kuthatha iveki yonke, baze basikelwe umhla amababuye ngawo ukuza kuvavanywa kwakhona kwisithuba seveki. Bonke abantwana kufuneka babonwe emva kweveki kuvavanyo olulandelayo ukuza kufumana iziphumo zazo zonke iimvavanyo. Ezinye iipilisi kufuneka zinikezelwe kolu tyelelo (oko kukuthi isixa seeveki ezintathu). I-AZT iyafumaneka kumaziko angama-52 apho abasinde kwimpatho gadalala yabantwana bathi banyangwe khona kwiPhondo.
Abantwana abaziwayo ukuba banentsholongwane kaGawulayo kufuneka bangayifumani i-AZT. Kufuneka bafumane iingcebiso baze bathunyelwe kwiziko elifanelekileyo lezeMpilo apho kuya kuqwalaselwa khona imeko yabo yentsholongwane kaGawulayo ithuba elide.
IMIBUTHO ELWA UKUPHATHWA GADALALA KWABANTWANA
Amantombazana afikisayo asele eqalile ukuba sexesheni nakhe adlwengulwa, kufuneka avavanyelwe ukukhulelwa ukwahlula ukhulelwa ebekusele kukho phambi kokuba abe adlwengulwe. Ukuba eza kwiziko lezonyango kwisithuba seeyure ezingama-72 emva kokudlwengulwa, aya kuthi anikwe iingcebiso aze anikwe isinqandi-kukhulelwa sethuba lokuxakeka.
Ukuzama ukunqanda amaqondo aphakame ngolona hlobo nangamkelekanga okuphathwa gadalala kwabantwana kwiNtshona Kapa, iinkonzo zezeMpilo zithe zabambisana namapolisa, aboKhuseleko loLuntu, abeeNkonzo zoLuntu kunye nemibutho engeyo kaRhulumente.
Oonontlalo-ntle banendima ebalulekileyo abayidlalayo ekuncedeni umntwana ukuba aphile emva kokuba aphethwe gadalala. Unontlalo-ntle uya kuthi afundise aze anikezele ngolwazi nangeengcebiso. Ukuba unontlalo-ntle ukholelwa ukuba umntwana usemngciphekweni wokuphathwa gadalala nangaphezulu xa ethe waphuma kwiziko lezempilo, yaye ufuna ukhuselo olungxamisekileyo, bangakhupha ifomu engunombolo 4 egunyazisa ukugcinwa komntwana kwindawo ekhuselekileyo.
Kwakhona, ukuba isimo sengqondo yomntwana sifuna ukungenelela kweencutshe okanye ugqirha wezifo zengqondo, umntwana angathunyelwa kwiziko elifanelekileyo lezempilo.
UXANDUVA LOKUNIKEZELA INGXELO NGOKUPHATHWA GADALALA KWABANTWANA
Kukho imithetho emibini echaphazela ukuphathwa gadalala kwabantwana ngokwasemzimbeni okanye ngokwesondo nokungahoywa kwabo.ICandelo 15 loMthetho wesilungiso sokuKhathalelwa kwabantwana uthi nabani na onayo nantoni na yokwenza nokugcina abantwana -umzekelo ootitshala, oonontlalo-ntle, kunye noogqirha - nabathi barhane ukuba umntwana uphatheke gadalala, kufuneka bakuxele oku kwiSebe leeNkonzo zoLuntu. UMthetho ongunombolo 133 ka 1993 (iCandelo 4), oThintela ubuGebenga phakathi koSapho uthi impatho-gadalala erhanelekayo kubantwana kufuneka ixelwe kwilungu lamapolisa okanye kumsebenzi ojongene nonentlalo-ntle yabantwana okanye unontlalo-ntle.
IINKCUKACHA ZOQHAGAMSHELWANO EZILUNCEDO
Imibutho eyahlukeneyo ingaluncedo kumatyala okuphathwa gadalala kwabantwana:
Rapcan - wokunqanda ukuphathwa gadalala kwabantwana: Inombolo yomnxeba: 021 448 9034, ifeksi: 021 448 9042
IMIYALELO:
Kukho amaziko ezempilo angama-52 kwiphondo azinikele kulawulo lwabantwana nabantu abadala abakhe baphathwa gadalala. Ukuba awunakho ukuya kwelinye lala maziko, yiya kwiziko lezempilo elikufutshane nawe.Ukuba urhanela ukuba umntwana ukhe waphatheka gadalala, ungamsa ngqo kwikliniki yoncedo lwezempilo. Abantwana abaphethwe gadalala bangathunyelwa kwikliniki liCandelo loKhuseleko lwaBantwana, ipolisa okanye unontlalo-ntle.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
Le nkcazelo iyafumaneka nangesi Xhosa
YAYAMENE
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
