UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa
IiNkonzo
Ulwaphulo-mthetho, uMthetho NobuLungisa
Ukhuseleko Ekuhlaleni
UBUME
IINKONZO
AMAPHULO
IINDABA
IINTETHO
USHICILELO
IIKOMITI
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
INKCAZELO:
I-Hands Off Our Children Campaign (iHOOC ngamafuphi) yaphehlelelwa ngenyanga yoKwindla ngo-2002 ukunceda ekulweni ukuphathwa gadalala kwabantwana eNtshona Koloni. Eli phulo lisebenzisana noluntu ekuhlaleni ukuqnisekisa ukwaziswa koluntu ngokuphathwa gadalala kwabantwana, kuziwe namacebo okuthintela lo mkhuba nokuncedana namaxhoba. I-HOOC le ikuthabatha ukuphathwa gadalala kwabantwana njengengxaki enobuzaza nekufuneka ishukuxwe mbombo zone ngumntu wonke nkalo, zonke. Kungoko ke iinkqubo zokuthintela nezokufundisa uluntu ziqalwa ezikolweni, kwiindawo zokukhonza kwanakwamanye amaziko asekuhlaleni. Nazi ezona zicwangciso-maqhinga zokulwa nalo mkhuba:
Kucingeleka ukuba bangamakhulu amahlanu amawaka abantwana abathi baphathwe gadalala eMzantsi Afrika ngonyaka.
Lishumi elinesihlanu kuphela kwikhulu ngalinye lezehlo zokuphathwa gadalala kabantwana ezixelwayo nezidluliselwa phambili eNtshona Koloni.
Iphulo Eliluqilima Lokufundisa Ngobungozi Nokuthintelwa Kolwaphulo-mthetho Ezikolweni
Le nkqubo ifundisa abahlohli nabafundi ngamalungelo noxanduva lwabo malunga nokuphathwa gadalala kwabantwana. Abafundi bayakhuthazwa ukuba banikezele ingxelo ngeentshukumo zokuphathwa gadalala yaye bakwanikwa neenkcukacha zoqhagamshelwano zeHOOC.
Inkqubo Yokunikezela Umkhomba-ndlela Kwabazali
Le nkqubo yokunonotshelwa kwabantwana ngabazali ifundisa abazali ukuba baziphathe njani na xa benxunguphele naxa benemisindo nokuba bathethe njani na nabantwana babo ngemiba yesondo nokuphathwa gadalala.
Inkqubo Yokunikezela Inkxaso Kumaxhoba
Le nkqubo incada amaxhoba okuphathwa gadalala kwabantwana ngokuwanika inkxaso ngokomoya nokuwanceda athi abuze apho angaqondi khona.
Inkqubo Yokubonisa Iindlela Ezahlukeneyo Zokuqeqesha
Eli nyathelo lisebenzisana nootitshala, oonontlalo-ntle, amapolisa kwakunye nabatshutshisi ukuqinisekisa ukuba indlela ephucukileyo yokunxibelelana phakathi kwabo kwanokuthintela ukulibaziseka kumaziko aseburhulumenteni ekusebenzeni ngamatyala okuphathwa gadalala kwabantwana.
IMIYALELO:
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lokhuseleko loLuntu (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
