UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
I &gt Iphetshana Elinikezela Inkcazelo Ngempilo Yasemsebenzini
Iphetshana Elinikezela Inkcazelo Ngempilo Yasemsebenzini
Isebe Lemicimbi Yabasebenzi (Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
ISISHWANKATHELO
Ulwazi olufikeleleka lula kubasebenzi ngemakwenzeke xa kukho umonakalo nokwenzakala emsebenzini.
Xa ndinokuthi ndenzakale emsebenzini?
Xa ndinokuthi ndosuleleke sisifo ke?
Uthini umthetho?
Iinkcukacha zoqhagamshelwano ezilulutho
XA NDINOKUTHI NDENZAKALE EMSEBENZINI?
Amanqanaba ekufuneka elandelwe:
Yazisa umphathi wakho ngoko nangoko (ngembalelwano ukuba unakho, kodwa ngokuqinisekileyo ngaphambi kokuphela kolo suku). Fumana unyango lokuqala ukuba oko kuyimfuneko.
Umqeshi kufuneka agcwalise iphetshana elibizwa ngokuba "Yingxeloe Yomqeshi Ngengozi" ze akunike iSiqendu B salo, ekufuneka ulinike ugqirha okunyangayo.
Ugqirha okunyangayo kufuneka agcwalise "Ingxelo Yonyango Yokuqala" kwakunye ne-Akhawunti Yonyango.
Ukuba ukwenzakala kwakho kunobuzaza kakhulu futhi kuthabatha ixesha elide ukuphila, ugqirha wakho kufuneka agcwalise "Ingxelo Ngendlela Oluqhuba Unyango" rhoqo ngenyanga.
Xa isigulo sakho sichacha kuhle, ugqirha wakho uya kugcwalisa "Ingxelo Yokugqibela Yonyango
Umqeshi wakho kufuneka agcwalise "Ingxelo Yokubuyela Emsebenzini" xa ubuyela emsebenzini.
XA NDINOKUTHI NDOSULELEKE SISIFO KE?
Izigulo Zasemsebenzini zingumvuka weemeko umntu asebenza phantsi kwazo emsebenzini. Angamashumi amabini anesibhozo amanqanaba Ezigulo Zasemsebenzini ezaziwayo nguMkomishinala Ojongene Neembuyekezo (kwiCandelo 3).
Amanyathelo Ekufuneka Elandelwe:
Umsebenzi wazisa umqeshi.
Ugqirha ungenisa iingxelo zonyango (eziquka eyendlela aqhuba ngayo umsebenzi lowo kunyango kwaneyokugqibela).
Umqeshi ugcwalisa "Ingxelo Yokubuyela Emsebenzini".
UTHINI WONA UMTHETHO?
Ujongana Nempilo Nokhuseleko kwiimeko ezininzi zentsebenzo
Ujongana neembuyekezo kwiingozi nezigulo kwiindawo ezininzi zempangelo kwanakushishino lezimbiwa iphantsi Kolawulo lweSebe Lemicimbi Yabasebenzi
yona ijongana, phakathi kwezinye, nezona meko zingundoqo ekusetyenzwa phantsi kwazo
Ijongana, phakathi kwezinye izinto, nendlela obumiselwe ngayo ubudlelwane bomqeshi nabasebenzi bakhe
Iphantsi Kolawulo lweSebe Lemicimbi Yabasebenzi
IINKCUKACHA ZOQHAGAMSHELWANO EZILULUTHO
Ukuze ufumane iinkcukacha ngeMpilo Yasemsebenzini & Nokhuseleko iSebe Lemicimbi Yabasebenzi eKapa
iZiko Lesizwe Elijongene Nempilo Yasemsebenzini eRhawutini
uMbutho Ojongene Nokhuseleko Empangelweni eKapa
uMbutho Wehlabathi Ojongene Nemicimbi Yabasebenzi ePitoli
uMbutho Wehlabathi Ojongene Nempilo ePitoli
Ukuze ufumane Inkxaso yale Nkqubo, qhagamshelana noRhulumente wePhondo leNtshona Koloni kwiSebe Lezempilo eKapa
uMbutho Wabantu Abasebenza Ngokonga kwiCandelo Lempilo Yasemsebenzini
Ekonzakaleni okanye Kwizigulo Zasemsebenzini iKlinikhi Yonyango Lwezigulo Zasemsebenzini
YAYAMENE
Iinkonzo Zempilo Yasemsebenzini (IiNkonzo)
Ukunikezela Ingxelo Ngendawo Yokusebenzela Enobungozi (IiNkonzo)
Ukufaka Ibango Lembuyekezo Ngokonzakala okanye Izigulo Ozifumene Emsebenzini (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
