UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
URhulumente & Nolawulo Ngentando Yesininzi
Amanzi Nombane Asimahla
Amanzi Nombane Asimahla
INKCAZELO:
URhulumente udize iinjongo zakhe zokubonelela ngeenkonzo zamanzi kunye nezombane ezingundoqo nezisimahla kubantu bonke. Kukwakho nenyathelo lokubonelela ngeenkonzo ezisimahla zococeko.
Noxa esi isisigqibo esithathwe ngurhulumente wesizwe nje, amanzi, ezococeko nombane zibonelelwa ngoorhulumente beedolophu ngoko ke olona xanduva lokunikezela ngezi nkonzo lulele kumaspala wakho.
AMANZI ASIMAHLA
Eyona njongo kukubonelela amakhaya ahluphekileyo ngezibonelelelo ezingundoqo zeelitha ezingama-6 000 zamanzi akhuselekileyo ngenyanga simahla. Oku kunokwahluka ngokuxhomekeka koomaspala yaye kufuneka uqhagamshelane nomaspala wakho ngqo ukuze ufumanise ukuba kanye kanye la manzi asimahla angundoqo babonelela ngawo yintoni.
Kulindeleke ukuba uwahlawulele amanzi asetyenziswe ukugqitha lawo usifumana simahla.
Inombolo Yomnxeba: 021 946 3666
Iinkonzo zombane ezisimahla zijoliswe ikakhulu kumakhaya ahluphekileyo. La makhaya aya kubonelelwa ngesixa esincinci sombane simahla kodwa ke kufuneka awuhlawulele nawuphi na umbane osetyenziswe ukugqitha lowo usisibonelelo esingundoqo nesisimahla.
Abasebenzisi bombane abaneemitha zombane wamakhadi baya kuba nakho ukubona xa lowo usimahla sele bewugqibile futhi babe nakho nokuthenga omnye ngemali yabo. Abasebenzisi abaneemitha zombane ohlawulwa ngenyanga abayi kuba nakho ukubona lula xa sele bewusebenzise bawugqiba umbane wabo osimahla. Baya kutsalelwa imali yombane ogqithe kwisixa esisisibonelelo esisimahla ekupheleni kwenyanga.
Umbane Ongundoqo Ofumaneka Simahla uya kuqala ukunikezelwa ngenyanga yeKhala ku-2003, emva kokuba ooMaspala befumene iimali zabo kwiSebe looRhulumente Bamaphondo Nabeedolophu.
UMlawuli: Kwezokuphicothwa Komgaqo-nkqubo Nemimiselo Yombane
ISebe leZimbiwa Namandla
Inombolo Yomnxeba: 012 317 9519
EZOCOCEKO
Kulandela ukubonela ngempumelelo ngenkqubo Yamanzi Angundoqo Simahla, iSebe leMicimbi Yamanzi Namahlathi kungoku nje likwinkqubo yokuphuhlisa Isicwangciso-qhinga Sesizwe Sezococeko Olungundoqo Simahla. Oku kwenziwa ngokwemikhomba-ndlela esuka kwiQela Lesizwe Elinikwe Uxanduva Lokujongana Namanzi Nococeko Olungundoqo Simahla, qela elo eslisihlalo walo uyi-SALGA ze umququzeleli ibe yi-DWAF. Injongo kukuphuhlisa isicwangciso-qhinga sesizwe esijonge zonke iinkalo, futhi esigaya ulwazi namava angummangaliso asuka kwicandelo lamanzi nococeko.
Xa esi sicwangciso-qhinga sele sigqityiwe, abasemagunyeni kwiidolophu nababonelela ngeenkonzo zococeko baya kuqinisekiswa ukuba siyasebenza.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
YAYAMENE
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
