UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ingqesho
INKCAZELO:
Ukususela kwinyanga kaCanzibe ngo-2003, bonke abasebenzi basemakhitshini abasebenza iiyure ezingaphaya kwama-24 ngenyanga kufuneka babhaliselwe I-UIF. Oku kuquka abasebenza ngamaxesha athile kunye nabo basebenza isigxina.
Ukuba abasebenzi basemakhitshini ababhaliswanga kule ngxowa-mali yaye ukuba abaqeshi kunye nabasebenzi basemakhitshini abancedisi kule ngxowa-mali nyanga nganye njengoko kulindelekile, iSbebe leMisebenzi linokunyanzela ukuba bahlawule intywenka eninzi njengesohlwayo.
Ukuba umsebenzi wasemakhitshini usebenela abantu abagqithileyo kwisinye, bonke aba baqeshi kufuneka bencedisile kule Ngxowa-mali.
Ingxowa-mali le inokunikezela ngezibonelelo ezahlukeneyo
Izibonelelo zokuba ungasaphangeli - Umsebenzi wasekhitshini oncedisileyo kule ngxowa-mali yaye omsebenzi wakhe sele uphelile unokufaka ibango leenyanga ezi-6
Izibonelelo ngenxa yokugula - Umsebenzi wasemakhitshini ongasenakusebenza ngenxa yokugula unokufaka ibango leenyanga ezi-6
Izibonelelo zokuswelekelwa - ukuba umsebenzi wasemakhitshini oncedisileyo kule ngxowa-mali uthi asweleke, abantu okanye abantwana abaxhomekeke kuye banokufaka amabango.
Izibonelelo zokuhoyana nomntwana ocelwe kubanzali bakhe bemvelo njengelungu elitsha losapho lwakho - umsebenzi oncedisayo kwingxowa-mali le onikwe abantwana ukuba abakhulise njengomzali wabo omtsha, abantwana abo abangaphantsi kweminyaka emibini ubudala angafaka ibango ukuba uthatha ikhefu elingahlawulelwayo ukuya kuhoyana nomntwana/nabantwana abo.
Izibonelelo zokukhulelwa - Umsebenzi wasemakhitshini okhulelweyo unokufaka ibango ngokukhulelwa ngaphambi nasemva kokuba umntwana lowo ebelekiwe.
Isixa onokusibanga sixhomekeke ebudeni bexesha oyincedise ngalo ingxowa-mali le. Uya kuhlawulwa ngokweepesenti (ukuya kufika kuma-58%) yomvuzo wosuku ngeentsuku ezintndaathu oziphangeleyo ngelixa uncedisa kule ngxowa-mali.
IMIYALELO:
Ukuze uzuze kule ngxowa-mali kufuneka:
ubhalise kwingxowa-mali uhlawule ngesixa esiyintlawulo nyanga zonke ufake isicelo sezibonelelo
UKUBHALISA
Luxanduva lomqeshi ukubhalisa umsebenzi wakhe wasemakhitshini kwiNgxowa-mali Yokhuselo Lwabangasaphangeliyo.
Ngokungenisa incwadi egcwaliswe ngokupheleleyo eneenkcukacha zokungaphangeli
Ngokubhalisa ngokubatsalela umnxeba
Ngokubhalisa ngekhompyutha.
Amaphepha Okubhalisa
Ukuze ubhalise kuya kufuneka ube nenombolo yencwadi yakho yesazisi kunye neyomsebenzi wakho wasemakhitshini kwakunye nezinye iinkcukacha. Iphetshana lesicelo u-UI8D kufuneka ligcwalisiwe kunye neenkcukacha zomqeshi kwakunye nephetshana lesicelo u-UI19D kufuneka ligcwalisiwe kunye neenkcukacha zomsebenzi wasemakhiyshini.
Unokuwafaka amaphetshana esicelo agcwalisiweyo ngokuthi uwase kwiZiko leMisebenzi elikufutshane nawe
Uwathumele ngefeksi kule nombolo 012 337 1636.
La maphetshana esicelo asenokuthunyelwa kuwe ngefeksi. Cofa inombolo 086 712 2000 ze ulandele imiyalelo, emva koko amaphetshana esicelo ayakuthunyelwa kuwe. Ukuba la maphetshana uwafumama ngale ndlela, kufuneka uwathumele sele uwagcwalisile ngefeksi kule nombolo 086 713 3000.
Ukubhalisa ngomnxeba
Unokubhalisa ngokutsalela umnxeba kule nombolo 012 337 1680 ngamaxesha omsebenzi. Kuya kufuneka iinombolo zeencwadi zezazisi kumqeshwa nomqeshi.
Usenako nokubhalisa ngekhompyutha. Kuya kufuneka ukuba ugcwalise iphepha lokubhalisa elikwikhompyutha. Emva koko uya kunikwa kunikwa igama lokungena kwikhompyutha kunye negama lakho eliyimfihlo lekhompyutha. I-akhawunti negama lakho lekhompyutha eliyimfihlo ziya kwenziwa zisebenze ngeeyure ezingama-48 ubhalisile. Unako ke ngoko ukuthumela iinkcukacha ngekhompyutha.
UKUNCEDISA NGOKUHLAWULA NYANGA ZONKE
Nyanga zonke umqeshi uhlawula uncedisa I-1% yesixa asihlawula umsebenzi wakhe wasemakhitshini kwingxowa-mali le. Umsebenzi wasemakhitshihni naye uhlawula I-1%. Luxanduva lomqeshi ukuqinisekisa ukuba ezi ntlawulo ziyahlawulwa.
Ezi mali zokuncedisa kufuneka zihlawulwe phambi komhla we-7 nyanga nganye. Okanye, ezi mali zisenokuhlawulwa ngaphambi kwexesha rhoqo mhlawumbi ngeenyangaq ezi-3, ezi-6 okanye ezi-12. Abaqeshi ababhaliswe ngezizathu zokuhlawula irhafu kufuneka bazenze ezabo iintlawulo kwi-ofisi yeeNkonzo zeNgeniso yoMzantsi Afrika. Abo baqeshi bangabhaliselwanga kuhlawula rhafu kufuneka iintlawulo zabo bazenze ngqo kwi-UIF. Ukuba ungathanda ukwenza iintlawulo zakho kanye ngonyaka kunanyanga zonke, kuya kufuneka uthumele isicelo kwi-annual.upfront@labour.gov.za. Kufuneka ufake nenombolo-mbhalo yomqeshi wakho kulo myalezo.
UKUFAKA ISICELO SEZIBONELELO
Ukuba ungumsebenzi wasemakhitshini obhalisiweyo kule ngxowa-mali yaye ubusoloko uzikhupha iintlawulo ezifunwayo, unokufaka izicelo zamabango okugula, ukukhulelwa, ukufumana umntwana ngokumcela kubazali bakhe uzikhulisele njengowakho kwakunye nezibonelelo zokuxhomekeka. Xa ufaka izicelo zezi zibonelelo, kuya kufuneka ube:
Iziqinisekiso zemivuzo yakho (uya kudinga iziqinisekiso zomvuzo zibe mbini ukuba uhlawulwa kanye ngenyanga, zibe ne ukuba uhlawulwa ngeveki)
nesiqinisekiso sokusebenza esisuka kumqeshi wakho nephetshana lesicelo eligcwaliswe ngokupheleleyo nephetshana lesicelo u-UI 19 elineenkcukacha zakho.
UKUFUMANA EZINYE IINKCUKACHA
Qhagamshelana neZiko leMisebenzi elikufutshane nawe
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
YAYAMENE
Ukufaka Ibango Kwingxowa-mali Yentswela-ngqesho (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
