UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ezotyelelo & Nezohambo
Ezohambo
INKCAZELO:
Ukuzama ukunqanda ukusasazeka kwecesina emthubi, abahambi abanqumla imida yamazwe apho icesina emthubi igqugqisa khona kufuneka besigonyelwe esi sifo.
Ingaba ukhona umntu ongenakuba nayo uCesina eMthubi wenzeka ntoni xa ungenaso esi siqinisekiso?
Iingingqi zeCesina eMthubi
Icesina eMthubi yintsholongwane eza nengcongconi i-Aedes ekhokelela ekufeni kumalunga nama- 25% amaxhoba ayo. Akukho lunyango luqingqiweyo lwayo, kodwa ugonyo lusebenza kakhulu.
Umthetho Wamazwe ngamazwe ufuna abahambi abanqumla imida yamazwe apho icesina emthubi isoloko ikho. Emva kokuba ugonyiwe uya kunikwa iSiqinisekiso Sokugonyelwa iCesina eMthubi.
Isiqinisekiso esi sisebenza kuphela emva kweentsuku ezilishumi emva kogonyo yaye sisebenze iminyaka elishumi emva koko.
Ukuba ubukhe wahamba-hamba kwingingqi yeCesina eMthubi kwiintsuku ezintandathu phambi kokuba ukhanuke ukundwendwela uMzantsi Afrika, kuya kufuneka ukuba ubonise Isiqinisekiso seCesina eMthubi xa ungena ilizwe eli.
INGABA UKHO UMNTU ONOKUNGASIGONYELWA ESI SIFO?
KWENZEKA NTONI XA UNGENASO ESI SIQINISEKISO?
Ukuba ufika eMzantsi Afrika ngaphandle kwesiqinisekiso esibenzayo seCesina eMthubi, uya:
kugcinwa phantsi koqwalaselo iintsuku ezintandathu ngentlawulo ephuma engxoweni yakho, okanye kugonyelwa iCesina eMthubi ngentlawulo ephuma engxoweni yakho.
Ukuba akukho Gosa leZibuko lezeMpilo kwindawo apho eli lizwe ulingenele khona, uyakwalelwa ukungena eMzantsi Afrika.
IINGINGQI ZECESINA EMTHUBI
La mazwe alandelayo ziingingqi seCesina eMthubi:
Angola
Mali
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
YAYAMENE
Ukufaka Isicelo Sephepha-mvume Lokundwendwela uMzantsi Afrika (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
