UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Irhafu
Ukuhlawula Irhafu Yengeniso
Ukuhlawula Irhafu Yengeniso
INKCAZELO:
Yintoni iRhafu Yengeniso?
Ngubani Ekufuneka Ebhalisele Ukuhlawula Irhafu?
Amaphepha Okubhalisela Irhafu
YINTONI IRHAFU YENGENISO?
Irhafu Yengeniso yimali esuka kumvuzo wakho oyihlawula kurhulumente, uyihlawulela ukwakhiwa kwemigaqo, izikolo, izibhedlele nokunye.
Isixa serhafu oyihlawulayo sixhomekeka:
Kubungakanani bomvuzo wakho.
Kubudala bakho (ukuba ungaphantsi okanye ungaphezu kwama-65 eminyaka ubudala na).
Ekubeni ulilungu lengxowa-mali yomhlala-phantsi okanye uhlawula ingxowa-mali yomhlala-phantsi na.
Ingeniso esuka kwingqesho umzekelo, imivuzo, imali eyongezelelwe kumvuzo, ixesha elingaphaya kwelokusebenza amalungelo angaphaya komvuzo nezinye nje izixa othi uzufumane ingeniso esuka kwishishini okanye kwiintengiso ingeniso esuka kurhwebo; umzekelo; inzala; ingeniso esuka kwirente nezabelo ezisuka kumanye amazwe iingeniso zakho ozifumana ngonyaka imihlala-phantsi ingeniso esuka kwishishini lakho.
NGUBANI EKUFUNEKA EBHALISELE IRHAFU YENGENISO
Namphi na umntu owamkela umvuzo wonyaka ongaphezu kwama-R60 000 ngonyaka (umqeshwa wePAYE) - emva kweemali ezitsalwa njengemali oyifaka kwiingxowa-mali zemihlala-phantsi neemali ozifumana wakuthabatha umhlala-phantsi
Umntu owamkela ngaphantsi kwama-R60 000 ngonyaka (umqeshwa weSITE) - kuphela xa izibonelelo (ezokukhwela, ezonyango, njalo-njalo) ziqullethwe kumvuzo wakhe
Umntu owamkela imali yotyalo-zimali (oko ke kukuthi inzala) engaphezu kwe-R11 000 ngonyaka
Umntu owamkela imali ayihlawulelwa irente
Umntu owamkela imali ingeniso yeshishini
Umntu ofumana isibonelelo semali yokukhwela okanye ye-ofisi yaseburhulumenteni njengengxenye yomvuzo wakhe
Ungabhalisela ukuhlawula irhafu yengeniso kwi-ofisi yeSARS ngokuthi ugcwalise iphetshana lesicelo i-IT77. Uya kudinga ikopi yencwadana yakho yesazisi ke kwakunye nephetshana eliyi-IRP5. Ukubhalisa kwakho kuya kuqinisekiswa kwisithuba seentsuku ezingama-21 ze emva koko unikwe inombolo yakho yerhafu.
Zimbini iintlobo zerhafu ezingundoqo ezitsalwa kumvuzo womqeshwa:
Ukuba ufumana umvuzo ongaphezu kwama-R27 000 ngonyaka, uhlawula Irhafu Isite etsalwa kumvuzo wakho veki okanye nyanga zonke. Umqeshi wakho kufuneka abale ukuba yimalini na ekufuneka itsaliwe.
Ukuba ufumana umvuzo ongaphezu kwama-R60 000 ngonyaka, uya kuhlawula irhafu yeSITE kuma-R60 000 okuqala ze uhlawule iPAYE kuyo yonke into engenayo engaphezu kwama-R60 000. Isixa sePAYE osihlawulayo sixhomekeke ekubeni yimalini na umvuzo wakho yaye ibalwa ngokweetafile zerhafu ezinikezelwa liCandelo Leenkonzo Zengeniso yoMzantsi Afrika.
AMAPHEPHA OKUBHALISELA IRHAFU
Kanye ngonyaka, umqeshi wakho uya kukunika isiqinisekiso sokuhlawula irhafu u-IRP5 esibonisa sonke isixa osifumene njengomvuzo wakho kwakunye nayo yonke irhafu etsaliweyo.
Usenakho kanti nokufumana ze ungenise amaphepha akho embuyekezo yerhafu nge-internet ngokuthi usebenzise inkqubo yeSARS Yokugcina Iimpepha Kwi-internet. Le nkqubo yeSARS ibizwa ngokuba yi-eFiling ke yinkqubo yokuqhuba inkonzo yokubuyiselwa kweempepha zerhafu. Ungabhalisela ukuyifumana le nkonzo ukuba sele ubhalisile njengommhlawuli werhafu. Uya kudinga inombolo yakho yokuhlawula irhafu kwakunye nenombolo yencwadana yakho yesazisi.
Xa ubuyisela iphetshana lokubuyiswa kwerhafu yakho, iSARS iya kujongisisa ukuba uhlawule isixa esaneleyo serhafu na. Ukuba uhlawule ngaphezulu kokuba kufuneka, uya kufumana imbuyekezo. Ukuba uhlawule enganelanga uya kucelwa ukuba uhlawule leyo isaseleyo. Usenakho nokuzilanda ezi mpepha kwi-ofisi ekufutshane nawe yeSARS.
Unokohlwaywa okanye ubanjwe ukuba ufunyaniswa unetyala:
lokubaleka ukuhlawula irhafu (umzekelo, ukungayihlawuli irhafu yakho)
IMIYALELO:
Ukuze ube nokufumana ezinye iinkcukacha, tyelela iwebsite yeSARS, utsalele Iziko Elamkela Iminxeba kwiNtshona Kapa kule nombolo 0860 12 12 18 okanye ke uqhagamshelane neyona ofisi yeSARS ikufutshane nawe.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
iNkonzo Yengeniso yoMzantsi Afrika
YAYAMENE
Irhafu Yengeniso Nomntu Ngamnye (IiNkcukacha Zoluntu)
Indlela Yokugcwalisa Iphepha lakho Lokubhalisela Irhafu: 2005/6 (IiNkcukacha Zoluntu)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
