OKUNYINELWE INGXELO KUKHULULO OLUKHETHEKILEYO KWINKQUBO
YOXOLELO LUKAMONGAMELI NGOKUNXULUMENE NABOPHULI-MTHETHO
ABATHILE
NAKUBA kukho abantu abangabodwa abagwetyelwe ukwenza amatyala abakholwa ukuba babelandela iinjongo zezopolitiko ngokwenza oko;
KWAYE NANGONA uMongameli ethathela ingqalelo onke amagatya omthetho abandakanyekayo, akafumananga nawaphi na amanyathelo akhoyo afanelekileyo okusebenza ngomcimbi okhethekileyo okhoyo ngoku;
KWAYE NANGONA iCandelo lama-84 (j) loMgaqo-siseko weRiphabliki yoMzantsi Afrika, 1996 (umThetho we-108 ka-1996) njengoko lihlaziyiwe libonelela ngokuba uMongameli "unoxanduva lokuxolela okanye ukumisela izohlwayo abophuli-mthetho kunye nokulahlekelwa".
KWAYE NANGONA uMongameli ebhengeze ukukhululwa okukhethekileyo ngokwenza ukuba kuvalwe imicimbi enxulumene nokugwetywa kwabo Bantu kusolwa ukuba benza ulwaphulo-mthetho belandela injongo yezopolitiko.
NGAKO OKO KE NGOKU:
Ekuhlaleni kokuqala kweQela loNgqinisiso, amalungu phakathi kwawo, onyula uSihlalo oya kuchophela zonke iintlanganiso zeQela loNgqinisiso.
Ukuthathela ingqalelo isicelo ngasinye soxolelo kunye nokwenza izincomo eziya kuMongameli.
I- RG kufuneka yenze eyayo imithetho kunye neenkqubo ekuthatheleni ingqalelo isicelo ngasinye soxolelo ngenjongo zokwenza izincomo eziya kuMongameli ezisekelwe kwisicelo ngasinye.
IIMPEMBELELO ZEZIMALI
I-RG iya kuba khona ixesha eliya kusukela kwintlanganiso yokuqala ukuya kuma kumhla umsebenzi wayo ugqitywa ngawo, yomibini le mihla iqukiwe, umhla wokugqibela awuyi kuba ngaphaya kwama-30 Septemba 2008.
NGUBANI OFANELEKILEYO KUXOLELO
Ngabantu ababanjwa kwaye bagwetywa kuphela ngenxa yokuba kusolwa ukuba benze amatyala aphenjelelwa zezopolitiko phambi komhla we-16 Juni 1999; kwaye
Bethobela indlela esetyenziswayo ukukhetha emiselwe kwangaphambili kunye neenkqubo njengoko zibekiwe kifom yesicelo, abanokufaka isicelo sokuxolelwa nguMongameli ngendlela emiselweyo.
Umntu uyakufaneleka ukuba athathelwe ingqalelo yokuba axolelwe kuphela ukuba-
ityala ekubhekiselwe kulo kumhlathi (a) lenziwa ngawo okanye ngaphambi kwawo umhla wokubekwa esihlalweni kukaMongameli ngowe-16 Juni 1999; kwaye isicelo sakhe soxolelo sikhatshwa yingxelo efungelweyo emiselweyo okanye uqiniselo olungqinelwa okanye oluqiniselwe ngumntu ogunyaziswe liqela lezopolitiko okanye umbutho, iziko, umbutho wenkululeko okanye iqumrhu, apho kuqinisekiswayo ukuba isenzo okanye ukungenzi okumisela ityala ekuthethwa ngalo, kwenzeka phantsi komyalelo ka, okanye ekwenziweni komyalelo, ukuyalelwa, kolawulo, kokuxelelwa, icebo, uyilo okanye iprojekithi ka, okanye egameni lika, okanye ngokuvuma kuka, okaye ekuqhubeni, ekuphakanyisweni okanye ekuphumezeni imigaqo-nkqubo, iinjongo okanye imidla, yeqela, umbutho, iziko, umbutho wenkululeko okanye iqumrhu ekuthethwa ngalo umfaki sicelo owayeyilungu lalo, i-arhente okanye umxhasi walo.
NGUBANI ONGAFANELEKANGA KUXOLELO
Umntu akayi kufaneleka ukuba athathelwe ingqalelo kuxolelo ukuba -
ugwetyelwe ityala elinxulumene:
naso nasiphi na isenzo sezesondo;
ii naso nasiphi na isenzo nokuba sinjani sobundlobongela basekhaya, iii naliphi na ityala ekubheksielwe kulo kwicandelo le-13 lomThetho weziYobisi nokuHanjiswa kweziYobisi, 1992 umThetho we-140 ka-1992, onxulumana nokwenziwa kunye nokunikezwa kwezi zinto, ukusebenzisa kunye nokuba neziyobisi kuwe nokusebenza ngeziyobisi;
nokuba wafaka isicelo kwiKomiti yoXolelo eyasekwa phantsi komThetho we- TRC kwaye isicelo sakhe soxolelo saliwa; kwaye
AKATHOBELANGA zonke izinto ezimiselweyo ezifunekayo ngalo okanye ngaphambi "kwethuba elivulekileyo"leenyanga ezintathu sele liphelelwe.
UKUFAKWA KWESICELO
Kuphela zizicelo ezigcwaliswe ngokufanelekileyo kwaye ngokugcweleyo ngendlela emiselweyo, kuqukwa nefom emiselweyo eyilelwe le njongo yokukhululwa ngokukhethekileyo, kwixesha "lethuba elivulelekileyo, eziya kuthathelwa ingqalelo.
Kuphela sisicelo esifakwe ngumntu oyedwa esiya kuthathelwa ingqalelo. Isicelo kufuneka senziwe ngumfaki sicelo oyedwa njengoko kumiselwe size singeniswe kwi- DOJ&CD.
Kwimeko yokuba isicelo singeniswe liqela lezopolitiko egameni lomfaki sicelo; iqela lezopolitiko kufuneka:
liqinisekise ukuba isicelo sigcwaliswe ngendlela emiselweyo;
liqinisekise phantsi kwesifungo ukuba iimeko ezisolwayo ityala elenziwe phantsi kwazo zichanekileyo kwaye aziguquki kwizenzo/imisebenzi yezopolitiko iqela lezopolitiko elaliyinxenye yazo.
Zonke izincomo ezenziwa ngokunxulumene nezicelo zoxolelo kufuneka zingeniswe kuMongameli.
Isincomo esenziwe yi-RG ngokuphathelene nesicelo ngasinye soxolelo kufuneka sibonise izimvo zoninzi ngokunjalo nezegcuntswana lamalungu, ukuba kukho naziphi, ngokuphathelene nesicelo ngasinye.
AMAGUNYA OKUNIKA UXOLELO
Akukho mntu unelungelo lokuxolelwa nguMongameli.
Ukunikwa koxolelo kuye nawuphi na umntu kuyakukhokelela ekucinyweni kwesigwebo kunye nerekhodi yolwaphulo-mthetho yetyala elinxulumene nalowo unikwa uxolelo.
Imibuzo:
