

Inkundla 
yamatyala
amancinci

Inkundla 
yamatyala
amancinci



Faka elakho ityala !


1. Ngubani onokufaka ityala?
 Nabanina ngaphandle kwabaqondisi bomthetho 
   njengenkampani, amaqumrhu okanye imibutho yabo.
 Umntu ongaphantsi kwe-21 yeminyaka kufuneka 
 ancedwe ngumzali wakhe okanye ngumntu wasemthe
 thweni.
2. Ngubani onokummangalela ngetyala?
 Ngaphandle korhulumente, ungamangalela nabanina uku
      quka iinkampani, ookopolotyeni, oomasipala neminye 
      imibutho engaphantsi kweenkundla zamatyala
3. Yimalini ongayifakela ityala?
 Imali engadluliyo ku R7 000
 Ukuba imali yakho iyadlula kwi R7 000, ungalifaka ityala ufune imali engaphantsi kwaleyo ukuze libenako ukumameleka ityala lakho kwinkundla yamatyala amancinci.
4. Yeyiphi imiba engamanyelwayo yilenkundla yama 
      tyala?
 Amatyala emali angaphezulu kweR7 000.
 Ukumangalelwa kuka Rhulumente.
 Amatyala amalunga nokunikezelwa kwamalungelo.
 Amatyala okubanjwa ngokungekho mthethweni, okufakwa entolongweni ngokungekho mthethweni, okungcoliswa kwegama lakho, intshutshiso embi, ukuhenda nokuphula izithembiso zomtshato.
 Amatyala okuphelisa umtshato.
 Amatyala okuqinisekisa ubunyani bomyolelo.
 Amatyala amalunga nobume bomntu ekujongeni isimo 
      sakhe sengqondo.
 Amatyala apho isenzo esithile siyafuneka kube kungekho 
      tyala lentlawulo yomonzakalo, ngaphandle kweemeko apho kunikwa ingxelo yetyala okanye ukunikezelwa kwempahla ehambayo  okanye engenakuhamba engadluliyo ngexabiso kwiR7 000.
5. Ingaba unyanzelekile ufake ityala kwinkundla yama 
      tyala amancinci?
 Hayi, ungakhetha ukuba ufuna ukulifaka ityala lakho 
      kwinkundla yamatyala amancinci okanye nakweyiphina 
      inkundla yamatyala.
6. Ummeli kwezomthetho kwakunye noncedo ekufakeni 
      ityala lakho.
 Ukumelwa ligqwetha okanye igqwetha lejaji akuvumeleka-
     nga. Kodwa ke unganako ngokunokwakho ukufuna iingcebiso kwigqwetha.
 Abacebisi kwezomthetho kwakunye noonobhala benkundla 
      encinci yamatyala bangakunceda fele-fele.
7. Iitoliki
 Naluphina ulwimi olusemthethweni eMzantsi Afrika lungasety
       enziswa enkundleni.
 Amalungiselelo etoliki kufuneka enziwe kwangethuba nonobhala  
       wenkundla ukuba ubungqina buzakukhutshwa ngolwimi omnye 
       angalaziyo okanye angalichani kakuhle.
8. Ulifaka njani ityala?
       Amanyathelo phambi kokufaka ityala
 Thetha nalowo ummangalelayo ngobuqu, okanye ngomnxeba okanye ngokubhala, umcele azalisekise ityala lakho.
 Ukuba ummangalelwa akasithobeli isicelo sakho, mbhalele (uxele 
       izizathu zetyala, nemali ekufuneka eyihlawule) umchazele azalisekise ityala lakho kwiintsuku nje eziyi-14 eyifumene imbhalelwano yakho.
 Nika ummangalelwa imbhalelwano ngesandla okanye uyithumele 
       ngeposi.
 Emva kokuphela kweentsuku eziyi-14 engekaphenduli umman 
       galelwa, chazela unobhala wenkundla ngobuqu umbonise nesiqinise
       kiso sokuba imbhalelwano yathunyelwa kummangalelwa.
       Yintoni omawuyise kunobhala wenkundla?
     Imbhalelwano yakho kunye nesiqinisekiso saseposini esibonisa  
       imbhalelwano yathunyelwa.
     Umqulu obhekiselelwe kulo ityala okanye ubungqina.
     Iinkcukacha zommangalelwa ( igama lakhe, idilesi  eyasendlini 
       nasemsebenzini  kwakunye neenombholo zakhe zomnxeba.
       Yintoni umsebenzi kanobhala wenkundla?
     Unobhala kwakunye nabacebisi bakhe kwezomthetho bazakuyifunda imiqulu yakho kwaye bakuncedise nasekuqulunqeni iisamani.
     Uyakuthi akuxelele ngomhla nexesha wokumamela ityala.
     Uyakuthi akunike iisamani ezo.
       Uzakuzithini iisamani?
     Unganako ukuzinika ummangalelwa ngokwakho 
OKANYE
     Uzinike umgwebi wesithili (Sherrif) yalapho kuhlala khona  ummangalelwa.
       Wenza ntoni ke?
     Phambi kokuba kumanyelwe ityala qiniseka ukuba bukhona  
       ubungqina beSherrif obuchazayo ummangalelwa wazifumana iisamani.
 Gcina amaxwebhu, imiqulu nobungqina obubhekiselelwe  
       kweli ityala esandleni.
     Xelela amangqina akho ngomhla nexesha elizakumanyelwa ngalo ityala kwaye wenze amalungiselelo wokuba ba.ke ngethuba enkundleni.
9. Amanyathelo anokuthatyathwa ngummangalelwa  
       emva kokufumana iisamani
     Usenokuthobela isimangalo sikammangali.
     Usenokuthumela imbhalelwano yakhe, apho azithethelela 
       khona, kunobhala wenkundla kwaye athumele nekopi yoko kummangali.
     Usenokufaka esakhe isimangali kunobhala wenkundla, 
       isimangali esibhalwe phantsi esikwaneenkcukacha ezifanayo nezo zifunekayo kwiisamani.
     Ukuba isimangali sifakiwe, inkundla izakuqhuba ngetyala.
10. Yintoni onokuyenza ukuba ummangalelwa usiza
       lisekisile isimangali sakho?
     Nika unobhala wenkundla irisiti.
     Chazela unobhala wenkundla ngokukhawuleza ukuba um
       mangalelwa usizalisekile isimangali sakho kwaye awu
       sakuqhuba netyala.
11. Yintoni onokuyenza ngomhla wokumanyelwa 
       kwetyala?
     Kufuneka ubekho enkundleni.
     Qiniseka unawo amaxwebhu aneenkcukacha ekubhek  
       ekiselelwe kuso isimangalo.
     Qiniseka akho onke amangqina akho.
     Qiniseka unabo ubungqina obuchazayo iisamani zathuny 
       elwa kummangalelwa.
12. Ukumanyelwa kwetyala
     Imigaqo yasenkundleni ilula kakhulu.
     Akho gqwetha okanye gqwetha lejaji liyakukumela.
     Umlawuli wenkundla uzakukuyalela uchaze isimangalo 
       sakho. Beka amanqaku avakalayo.
 Phendula imibuzo yomlawuli wenkundla kwaye unike ubungqina.
     Wena nommangalelwa aniyikuvunyelwa nibuzane imibuzo. 
 Ngumlawuli-nkundla oyakukuvumela ubuze ummangalelwa.
     Emva kokuba umlawuli-nkundla eniphulaphule nommangalelwa kwakunye namangqina akhoyo, inkundla iyakuwisa isigwebo.(Umlawuli-nkundla usenako noku kuchazela ngesigwebo senkundla ngembhalelwano ngelinye ithuba.)
13. Isibheno nesigxeko-ncomo
     Akho sibheno sinokufakwa kwisigwebo esiwiswe yinkundla.
     Inkqubo yasenkundleni iyakuthi isiwe kwiNkundla ePhaka- mileyo ukuze igxekwe-inconywe ngezizathu ezintathu: 
       -   ukungabikho kolawulo lwezobulungisa; uthatho-cala,  
         ulunya okanye ukunokaliswa kwezinto ngumlawuli-
  nkundla,
       -  ukuhamba kakubi kwenkqubo zenkundla.
14. Amanyathelo alandela isigwebo
       Kwiimeko apho isigwebo siwela wena
     Isigwebo senkundla asiphindwa, ngaphandle kokuba sikho isizathu sogxeko-ncomo.
     Zama ukuhlawula zonke iindleko zenkundla. Indleko oyakuthi ungene kuzo zezo zommangalelwa ngethuba ebesebenzisana neSherrif
     Thobela isigqibo senkundla
       Kwiimeko apho isigwebo siwela kummangalelwa
     Ummangalelwa kwakufuneka akuhlawule ngeendleko on 
       gene kuzo, ukuba unayo imali. Mnike irisiti ngokukha- 
       wuleza.
     Apho ummangalelwa angakwaziyo ukuhlawula iindleko  
       zesigwebo, inkundla iyakuphanda ngemeko yakhe yezemali nokuba uyakukwazi na ukusihlawula isigwebo neendleko kwaye ibone uhlobo amakahlawule ngayo.
Ukuba akakwazi ukuhlawula iindleko zesigwebo okanye umyalelo wenkundla.
Ukuba ummangalelwa akakwazi kuhlawula indleko zesigwebo okanye imiyalelo yenkundla yamatyala amancinci kwaye ufuna isigwebo senziwe, lo mcimbi usiwa kwinkundla kamantyi, njengoko oko kuchazwe kwiMithetho yeNkundla kaMantyi ka 1944 (Act 32 of 1944). Kubalulekile ufumane uncedo lwezomthetho ngalenkqubo.
15. Okubalulekileyo
    Eli phetshana likuchazela ngamanyathelo abalulekileyo  
      athi athatyathwe xa kufakwa ityala kwinkundla yamatyala    
      amancinci.
    Ukuba ufuna uncedo ngalomba, idilesi neenombholo 
      zomnxeba zikanobhala wenkundla yamatyala amancinci 
      ungaqhagamshelana ne-o.si kamantyi ekufutshane nawe.
Ikhutshwe yiPublic Education and Communication, 
Department of Justice and Constitutional Development. 
Private Bag X81, Pretoria, 0001



