UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ulwaphulo-mthetho, uMthetho NobuLungisa
Amalungelo
INKCAZELO:
UMgaqo-siseko uthi awona malungelo angundoqo abo bonke abemi boMzantsi Afrika aya kukhuselwa ze ahlonitshwe. La malungelo adweliswe kuMqulu Wamalungelo kwakunye neemeko apho kungavumeleka ukuba la malungelo ancitshiswe/avinjwe khona.Amaqumrhu namaziko ahlukeneyo kaRhulumente aye asekwa ukuqinisekisa ukukhuseleka kwala malungelo.
IMIYALELO:
Ukuba amalungelo akho athe anyhashwa, unganikezela ingxelo ngoko kula maqumrhu alandelayo:
IKOMISHONI YAMALUNGELO OLUNTU YOMZANTSI AFRIKA
Le Komishoni, iSAHRC ngamafuphi, iya kukunceda ukuba naliphi na elinye lamalungelo akho aqulethwe kuMqulu Wamalungelo liye lanyhashwa okanye alahlonitshwa. Ungakhangela kuMqulu Wamalungelo ukuqinisekisa amalungelo akho aye anyhashwa okanye awahlonitswa na.
Ukuze ube nokufaka isikhalazo, kufuneka ugcwalise iphetshana lokufaka isikhalazo.
I-SAHRC ayiyi kuba nakho ukukunceda apho:
isikhalazo sakho singabandakanyi kunyhashwa kwalo naliphi na ilungelo eliqulethwe nguMqulu Wamalungelo.
ingxaki yakho yenzeke ngaphambi komhla wamashumi amabini anesixhenxe kwinyanga kaTshazimpunzi ngo-1994.
isikhalazo sakho isesolwaphulo-mthetho futhi udinga igqwetha (kwimeko ekumila kunje, nceda utsalele iBhodi Yoncedo Lwezomthetho kule nombolo: 012 401 9200 okanye ke utyelele ii-ofisi zabo kweyona Nkundla kaMantyi ikufutshane nawe).
ufunyaniswe unetyala lolwaphulo-mthetho futhi ufuna ukubhena.
Inombolo Yomnxeba: 021 426 2277
ABALAWULI ABAZIMELEYO ABAJONGENE NEZIKHALAZO
Ukuba amalungelo akho anyhashwe ngamapolisa, kufuneka uqhagamshelane Nabalawuli Abazimeleyo Abajongene Nezikhalazo.
Ukuze ube nokufaka isikhalazo, gcwalisa iphetshana lokufaka isikhalazo ngokupheleleyo nangokuchanekileyo. Ukuba akuqinisekanga nangayiphi na into kwelo phetshana lokufaka isikhalazo, nceda ulandele izikhokelo.
Inombolo Yomnxeba: 021 426 0700
Okanye ke ungasifaka isikhalazo sakho ngekhompyutha.
UMKHUSELI WOLUNTU
Ukuba ufuna ukukhalaza ngegosa lesebe likarhulumente, kufuneka uqhagamshelane noMkhuseli Woluntu.
Nabani na angasifaka isikhalazo kuMkhuseli Woluntu, oya kuthi ke yena aphande ngesi sikhalazo. Ukuba uMkhuseli Woluntu uthi afumanise ukuba esi sikhalazo simele ukuphandwa yi-ofisi yakhe, yena neqela lakhe baya kwenza konke okusemandleni ukuza nesisombululo kule ngxaki, sisombululo eso siquka ukuza neziphakamiso ngeenguqu emazenziwe kuloo nkqubo ikungcungcuthekisileyo.
Ukuba akubanga nakho ukufikelela kwisisombululo ngokuthi uthetha-thethane negosa elo nomphathi walo, kuya kufuneka ubhalele uMkhuseli Woluntu. Ezi nkcukacha zilandelayo kufuneka uzifake kule ncwadana yembalelwano iya kuMkhuseli Woluntu:
Ukumila kwesikhalazo.
Imvelaphi nembali yesikhalazo.
Izizathu zakho ngokuba kutheni ucinga ukuba esi sikhalazo masiphandwe nguMkhuseli Woluntu nje.
Amanyathelo osele uwathabathile wena ukusombulula le ngxaki.
Unikezele ngeenkcukacha ezithe ngqo - amagama amagosa, imihla, njalo-njalo.
Iikopi zayo nayiphi imbalelwano phakathi kwakho nala magosa.
Iinkcukacha zakho zoqhagamshelwano.
Kwezinye iimeko, uMkhuseli Woluntu, unokufuna unikezele ubungqina phantsi kwesifungo phambi kokuba aqalise ngophando lwakhe.
Ukuba udinga uncedo ngesikhalazo sakho, ungatsalela iOfisi yoMkhuseli Woluntu. Kukho abasebenzi abaqeqeshiweyo apho nabaya kuphula-phula isikhalazo eso, sisincinci sisikhulu, ze benze uphando.
Inombolo Yomnxeba: 021 423 8644
IKOMISHONI YOXOLELWANISO, UKUNGENELELA NOKULAMLA IIMBAMBANO ZEMIBA YABASEBENZI
Ukuba umqeshi wakho unyhashe amalungelo akho, kufuneka uqhagamshelane neKomishoni Yoxolelwaniso, Ukungenelela Nokulamla Iimbambano Zemiba Yabasebenzi (iCCMA ngamafuphi), emva kokuba uzamile ukuyisombulula le nyewe emsebenzini.
Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe, nantsi idilesi:
Inombolo Yomnxeba: 021 469 0111
Ukuba wawukhe wasengelwa phantsi (oko ke kukuthi, waphathwa kakubi) ngenxa yesini sakho (ubudoda nobukhomokazi) kuya kufuneka uqhagamshelane neKomishoni Engokulingana Ngesini.
Xa ufaka isikhalazo sakho, kufuneka uzame kangangoko unakho ukunikezela ngazo zonke iinkcukacha zaso. Izikhalazo ziyimfihlelo egqibeleleyo.
Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, nantsi idilesi:
Inombolo Yomnxeba: 021 426 4080/3
Usenakho nokusifaka ngekhompyutha isikhalazo sakho.
La mabakala amaziko:
Ubugcisa Nenkcubeko
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
IKomishoni Yamalungelo Abantu yoMzantsi Afrika
YAYAMENE
Umqulu Wamalungelo (Isahluko 2: soMgaqo-siseko woMzantsi Afrika) (UMgaqo-siseko) (File type: pdf)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
