UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ulwaphulo-mthetho, uMthetho NobuLungisa
Amalungelo
INKCAZELO:
Abantu abanentsholongwane kaGawulayo banamalungelo afanayo nawabanye abantu bonke.
Unelungelo lokwenza ezakho izigqibo ngonyango. Umzekelo, awunakunyanzelwa ukuba uye kuvavanyo lwentsholongwane kaGawulayo.
Ilungelo lakho lokuba nemfihlo lithetha ukuba unelungelo lokugcina isaziwa nguwe kuphela inyaniso yokuba unentsholongwane kaGawulayo. Umqeshi okanye ugqirha wakho akanakukunyanzela ukuba umxelele isimo sakho ngoku yaye engenako nokukunyanzela ukuba uye kwenza uvavanyo lwale ntsholongwane.
Unokuzikhethela uhlobo lomsebenzi ofuna ukuwenza. Umzekelo, awunakwalelwa ukuba ube yititshala okanye umsebenzi kwezonyango kuba unale ntsholongwane.
Awunakwalelwa ncedo-lwamali okanye mboleko-mali yokuba uzithengele indlu kuba unentsholongwane kaGawulayo okanye unoGawulayo. Akukho mthethweni ukukugxotha ekhayeni lakho ngenxa yesimo sempilo yakho.
Izibhedlele okanye abantu bezonyango abanakwala ukukunyanga.
Unelungelo lenkam-nkam yokukhubazeka ukuba ugula kangangokuba ude ungakwazi nokuzisebenzela okanye usebenzele usapho lwakho.
IMIYALELO:
Ukuba unentsholongwane kaGawulayo okanye unoGawulayo, unelungelo lokuphila ubomi bakho ngentlonipho, isidima ze ukhululeke ekuphathweni kakubi nasekugxekweni.
Ukuba unayo nayiphi na imibuzo ngentsholongwane kaGawulayo okanye uGawulayo, unokutsalela umnxeba nangaliphi na ixesha kwinombolo engahlawulelwayo ethi 0800-012-322
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
IQumrhu yeLifa leMveliso loMzantsi Afrika
YAYAMENE
Umqulu Wamalungelo Ezigulana (IiNkcukacha Zoluntu)
Umqulu Wamalungelo (Isahluko 2: soMgaqo-siseko woMzantsi Afrika) (UMgaqo-siseko) (File type: pdf)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
