UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ulwaphulo-mthetho, uMthetho NobuLungisa
Iinkundla & Neenkonzo Zomthetho
IiNkundla Zamabango Amancinci
IiNkundla Zamabango Amancinci
INKCAZELO:
IiNkundla Zamabango Amancinci zisebenza ngemiba yoluntu apho ibango lingaphantsi kwama-R7000. Zikholo ukwenza ukuba inkqubo yeenkundla ikhawuleze.
Kukho intlawulo yamalunga ne-R15 yokusebenzisa iNkundla yaye akukho ngenelelo lwamagqwetha, ngoko ke akukho zintlawulo zamagqwetha. Ukuba uyafuna, ungafumana ingcebiso yezomthetho phambi kokuba uye enkundleni. Abancedisi kwezomthetho noonobhala beNkundla Yamabango Amancinci baza kukuncedisa simahla.
Abantu abazimeleyo bangawafaka amabango kule nkundla, kodwa iinkampani zona.
Naluphi na olunye lweelwimi lungasetyenziswa kule nkundla.
Ityala alimanyelwa yiJaji okanye uMantyi, kodwa ke nguMkomishinala, omamela onke amacala ebali eli ze abuze imibuzo.
INkundla Yamabango Amancinci ayiwamameli amatyala okuchithwa komtshato.
Asikho isibheno kwisigqibo seNkundla Yamabango Amancnci. Kungenjalo, ukuba ucinga ukuba uMkomishinala ube nomkhethe okanye wenze okungalunganga, ungacela ukuba ityala liphinde livulwe kuphandisiswe.
IMIYALELO:
Ukufaka ibango kwiNkundla Yamabango Amancinci, kufuneka:
Unike omnye umntu lo umbango obhalwe phantsi umnika iintsuku ezili-14 ukuba abuyise okubangwa
Emva kweentsuku ezili-14, faka umbango nonobhala weNkundla
Bhalela lo mntu umbizele enkundleni
Ukumanyelwa kweli tyala akwenziwa ngokusesikweni yaye kulula, futhi akukho kugocwagocwa ngemibuzo. UMkomishinala uza kubuza yonke imibuzo ze xa sele eve kummangali nommangalelwa, enze isigqibo.
Ukuba, ufuna ezinye iinkcukacha iSebe LezoBulungisa linencwadana ngokufaka amabango kwiNkundla Yamabango Amancinci.
La mabakala amaziko:
INkundla Yamabango Amancinci
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
YAYAMENE
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
