UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ezemfundo
Imfundo Noqeqesho Lwamacandelo
Uqeqesho: Kwezothutho neMisebenzi yoLuntu
Uqeqesho: Kwezothutho neMisebenzi yoLuntu
INKCAZELO:
Abafundi bafumana amava oqeqesho ngeli xesha besafunda kwiSebe LeZothutho neMisebenzi yoLuntu, oko kusenziwa ngokwenkqubo yoqeqesho. Abaqeqeshwa aba baye bafakwe kwiinkalo ezithile zokuqeqeshwa befunda, baze bahlawulwe ngomsebenzi abawenzileyo.
Umqeqeshwa ngamnye uye angene kwisivumelwano kunye neSebe eli.
IMIYALELO:
Ukufaka isicelo sokuqeqeshwa ufunda, kufuneka ube ubhaliswe kwiziko lemfundo ephakamileyo kungoku nje.
Ungadibana ne-Ofisi yeMicimbi yaBafundi yeSebe leZothutho neMisebenzi yoLuntu, oko ukwenza ngokudlula kumagosa emfundo akwidyunivesithi okanye kwiteknikon okuyo.
Kufuneka uthumele inceadi yembalelwano engqinisisa ukuba ubhalisiwe ngenene kuloo nkalo yemfundo uyikhankanyileyo kunye neCV yakho.
Ukuba kukho imfuneko yokuba umfundi lowo wenza izifundo ezizodwa kwinkalo ethile yezemfundo, iSetyana elo lichaphazelekayo kufuneka lenze, futhi liqhube udliwano-ndlebe olufutshane nomfaki-sicelo ze limthathe umqeqeshwa lowo.
Umbeki-liso uye adityaniswe nomqeqeshwa ngamnye ukuze abancede aze akhangele indlela abayiqhuba ngayo imisebenzi yabo yeesivumelwano esibophelelayo.
Inombolo yomnxeba: 021 483 4203
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Imicimbi Yamaqumrhu (Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
