UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Amaphulo
Ezemfundo
Izixhobo Zokufunda
Khanya: Iphulo Lokusetyenziswa Kobugcisa Kwezemfundo
Khanya: Iphulo Lokusetyenziswa Kobugcisa Kwezemfundo
INJONGO:
Ekuqaleni konyaka wezifundo ka-2012, wonke umhlohli kuso sonke isikolo saseNtshona Koloni uya kuxhotyiswa ukuze abe nokusebenzisa ubugisa obufanelekileyo nobukhoyo ngelo xeshaxa befundisa kuye nawuphi na umfundi kweli phondo."
Iya kuqala ngezona zikolo zihlelelekileyo, iKhanya isebenzela ukunciphisa ukungahlangani ngokobugcisa kwanokuzuza ukulingana ngokobuhlanga nangokwesini.
Ezinye zeenjongo eziqingqiweyo zeli phulo ziquka:
ukusetyenziswa kobugcisa ukuncedana nabahlohli ukunikezela ngethuba kubafundi ukuze babe nokuzuza kwintlaninge yeetlobo zokufunda, kusetyenziswa ubugcisa ukusetyenziswa kobugcisa ukuncedana nabafundi abakhubazekileyo ukwandisa amanani abafundi abathabatha izibalo nenzululwazi kumgangatho ophakamileyo kwanokumelana nezifundo ngempumelelo ukulungiselela bonke abafundi Ixesha apho wonke umntu uyakube esazi ukucutha ukungalingani ngokobugcisa ukunika bonke abahlohli nabafundi kweli phondo idilesi ye-email
ISIQALO:
ISIPHELO:
UMGANGATHO:
INKCAZELO:
Yintoni kanye-kanye eli Phulo leKhanya?
Iinzuzo
YINTONI KANYE-KANYE ELI PHULO LEKHANYA?
Iphulo iKhanya linyathelo leSebe Lemfundo aseNtshona Koloni, nelaqala ngenyanga kaTshazimpunzi ngo-2001. Eli phulo lijongana neendlela zokusebenzisa ulwazi, unxibelelwano nobugcisa bomculo ukuphucula ukufundisa nokufunda, okanye ukunikezelwa kwezifundo ezikolweni.
Injongo kukuba wonke umhlohli waseNtshona Koloni uya kuhamba ahambe abusebenzise ubugcisa, bugcisa obo bufana neekhomyutha noomabona-kude, ekufundiseni. Oku ke kunganceda ekunciphiseni ukungoneli kwabahlohli abaqeqeshiweyo kwizikolo ezininzi. Eli phulo likwalindele ukuba abafundi baya kuba nakho ukusebenzisa iikhomyutha ngeenjongo zokufunda.
Izixhobo ezifana neekhomyutha kwakunye nokunye okufana neenkqubo zeekhompyutha ziyanikezelwa ezikolweni. Ukusetyenziswa nokunikezelwa kwazo kuxhomekeke kwiimfuno zesikolo eso.
Nangona ke zonke kuya kuthi kujoliswe kuzo zonke izikolo ekuhambeni kwexesha, eli phulo sele liqalwe apho kuyimfuneko kakhulu futhi nalapho kukhangeleka ngathi kungazuzwa khona iziqhamo.
Ngoko ke eli phulo lijolise kwizikolo eziphantsi kolawulo olusemgangathweni kwiingingqi ezihlelelekileyo ezineziphumo zemfundo ezixolisayo, apho ubugcisa obutsha buya kwenza owona mahluko kubomi babahlohli nobabafundi. Izikolo ziyamenywa ukuba zizimanye neli phulo xa abasebenzi bazo benakho ukumelana nokusebenzisa ubugcisa babufake kwindlela abahlohla ngayo.
Eli phulo sele lenze uthelekelelo ukufumanisa ukuba isikolo ngasinye sibudinga kangakanani, njani ubugcisa. Iindlela zoqhagamshelwano ngeekhompyutha zisekelwe ukukwazi ukusebenza nge-internet kwakunye nezixhobo zomculo kwizikolo ngokobunye bazo, ngendela yokuphendula kwiimfuno zazo zezixhobo zobugcisa.
IINZUZO
Izikolo ezingama-490 zithe zafumana uncedo ukuze zisebenzise ubugcisa bonxibelelwano ngendlela eyenza umahluko.
Kusetyenziswa iikhompyutha ezifikelela kuma-18,306 kungoku nje zizikolo zaseKkhayelitsha (yaye kweli nani, ama-10,561 athe afumana inkxaso-mali kwiKhanya okanye kwimibutho esebenzisana nayo, ze eziseleyo ezingama-7,745 zafunyanwa zizikolo zona ngokwazo).
Kungoku nje abahlohli abangama-13,034 baxhotyiswa ngezakhono zokusebenzisa obu bugcisa bonxibelelwano ngendlela eza kuphucula indlela abahlohla ngayo.
Abafundi abangama-432,460 kungoku sele bezibona iinzuzo zeli phulo
UKUZE UFUMANE IINKCUKACHA EZITHE VETSHE
IKhanya le ine- website egqibeleleyo nequlethe iinkcukacha ngeentshukumo zayo kwizikolo nemimandla ethile, kwakunye neempendulo kwimibuzo ebuzwa rhoqo ngephulo eli.
Okanye ke ungaqhagamshelana:
Inombolo Yomnxeba: 021 467 2223
ABATHATHI-NXAXHEBA:
Le nkcazelo iyafumaneka nangesi Xhosa
YAYAMENE
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
