UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ezemfundo
Imiba Yasekuhlaleni Echaphazela Izikolo
INKCAZELO:
Bonke abafundi kufuneka bawahloniphe amalungelo abanye abafundi nabahlohli. Izikolo kufuneka zidale indawo yokufundela engakuvumeliyo ukuxhatshazwa kwabafundi nabasebenzi abaphila nentsholongwane kaGawulayo ngokuthi:
banikezela ngolwazi oluthe ngqo nekulula ukuluqonda ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo kubo bonke abasebenzi, abafundi kwakunye nabazali.
kuqinisekiswe ukusebenza koMgaqo-nkqubo wentsholongwane kaGawulayo.
Isebe Lesizwe lezeMfundo liqulunqe umganqo-nkqubo wesizwe kulawulo lwentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo ezikolweni. Lo mgaqo-nkqubo wesizwe ujoliswe kubafundi nootitshala.
Amabhunga olawulo ezikolo kufuneka aqulunqe ze aqinisekise ukusetyenziswa kwemigaqo-nkqubo yawo, migaqo-nkqubo leyo kufuneka ihambelane nalo wesizwe. La mabhunga kufuneka akwenze oku ngentsebenziswano nabo bonke abantu namaqumrhu achaphazelekayo kulawulo lwezikolo.
Uxwebhu oluthi:'Wazi Amalungelo Noxanduva Lwakho' lunikezela ngolwazi kweyona miba iphambili nebalulekileyo kulo mgaqo-nkqubo wesizwe nokuba ungenziwa njani na umgaqo-nkqubo Wesikolo wemiba yentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo.
IMIYALELO:
Ukuze ube nokufumana ezinye iinkcukacha, qhagamshelana neNkqubo Yezakhono Zobomi Elumkisa Ngentsholongwane kaGawulayo/oGawulayo yeSebe Lezemfundo Lephondo leNtshona Kolon, uthethe no-:
Kule nombolo Yomnxeba: 021 467 2125 / 6 / 7
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Iziko Lolawulo Nophuhliso Lwemfundo kuMntla Wenqila (iSebe Lemfundo leNtshona Kapa, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Iziko Lolawulo Nophuhliso Lwemfundo Kumbindi Wenqila (iSebe Lemfundo leNtshona Kapa, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Iziko Lolawulo Nophuhliso Lwemfundo kwiMpuma Yenqila (iSebe Lemfundo leNtshona Kapa, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Iziko Lolawulo Nophuhliso Lwemfundo kuMzantsi Wenqila (iSebe Lemfundo leNtshona Kapa, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Amaziko Olawulo Nophuhliso Lwemfundo Akunxweme Olusentshona/Winelands (iSebe Lemfundo leNtshona Kapa, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
YAYAMENE
Intsholongwane kaGawulayo/uGawulayo: Wazi Amalungelo Noxanduva Lwakho (IiNkcukacha Zoluntu)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
