UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ushishino & Noqoqosho
Amacandelo Oshishino
Inkxaso Karhulumente Kumanina Akwicandelo Lokwakha
Inkxaso Karhulumente Kumanina Akwicandelo Lokwakha
INKCAZELO:
ICANDELO LONCEDO
IINDABA
IINCWADI
Eli Nyathelo Lamanina Akwicandelo Lokwakha lijolise ekuxhobiseni ngezakhono ezizizo amanina anomdla wokungena kwicandelo loshishino lokwakha. Eli nyathelo lijolise ikakhulu kumanina aqhuba amaphulo athile kwicandelo lokwakhiwa nokulungiswa kwemigaqo kwanemisebenzi nje yoluntu kwiNtshona Kapa. Likwanikezela nangeenkxaso-mali zokufunda kwanamthuba okuxhotyiswa ngezakhono kwabakhi abangekabi namava.
Njengengxenye yeli nyathelo iSebe Lezothutho Nemisebenzi Yoluntu liyakunikezela amashumi amabini anesihlanu ekhulwini azo zonke izibhambathiso zokulungiswa kwemigaqo kwaneshumi ekhulwini lazo zonke izibhambathiso zokwakhiwa kwemigaqo kubakhi abangamanina.
Ngaphezu koko, amashumi amathandathu ekhulwini ayo yonke imisebenzi Yenkqubo Enatyisiweyo Yemisebenzi Yoluntu yasekuhlaleni yokulungiswa kwemigaqo iyakunikezelwa kumanina. iSebe Lemisebenzi Yoluntu liyakunikezela amashumi amathathu emisebenzi eMama Specials Projects angamaphulo ke lawo awodwa ajoliswe kwiinkampani eziphantsi kolawulo lwamanina.
Kufuneka ube kanti ubhalisile kwiTradeworld (ukuze ube nokubonakala kwisikhundla esinoluhlu lweenkampani)
Kufuneka ube kanti unephetshana elikuhlambayo kumba wokuhlawulwa kwerhafu
Iinkxaso-mali Kwanamathuba Okunikezela Ngamava KwicandELO Lokwakha iCandelo Lezibonelelo Zemigaqo leSebe Lezothutho Nemisebenzi Yoluntuliyakunikezela ngamathuba okunikezela ngamava kubafundi abahlanu basetyhini. Kuyakunikezelwa kwanamanye amathuba angama-250 eennkxaso-mali zokufunda kubafundi abakumaziko emfundo ephakamileyo kumacandelo obunjineli, elezicwqangciso zokwakha kwakunye nezinuye izifundo ezinento yokwenza necandelo lokwakha.
Imbasa Yomntu Wasetyhini Ogqwesileyo kulo Nyaka Kwicandelo Lokwakha
Le mbasa inikezelwa minyaka ijonga imisebenzi yempumelelo eyodwa ethe yenziwa ngamanina akwicandelo lokwakha. Mahathu ke amabakala okukhuphisana: inqanaba lokuqala, eliphakathi kwanelo labanamava. Oomaspala , amasebe karhulumente kwakunye nemibutho engekho phantsi kolawulo lukarhulumente iyamenywa ukuba ifake amagama amanina ewachongela olu khuphiswano de kube sekupheleni kwenyanga yeKhala minyaka le.
IMIYALELO:
Ukuze ufumane olunye ulwazi nceda uqhagamshelane:
neCandelo Loncedo Lamanina Akwicandelo Lokwakha
Inombolo Yomnxeba: 0800 778 226
Inombolo Yomnxeba: 021 387 4878
Ukuze ufumane olunye ulwazi ngamathuba okunikezelwa kwezakhono namava qhagamshelana:
Inombolo Yomnxeba: 021 483 8301
Ngolwazi ngeenkxaso-mali zokufunda nceda utsalele kule:
Nombolo Yomnxeba: 021 483 5851
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
