UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ubugcisa Nenkcubeko
Uncedo-mali & Nenkxaso
INKCAZELO:
EZIPHAMBILI
Iqela Eliza Kusebenza Okwexeshana
BHALISA KWESI SIKHUNDLA SOLWAZI
Yintoni ebandakanyekayo?
Iphetshana Lokufaka Isicelo
Isidingo sokuba kuhlenga-hlengiswe eli candelo lomculo sabonwa ziimvumi ezazikhathazwayo yile meko, kodwa ke zazingafumani nkxaso kurhulumente ngaphambili. Ukugula kukaMnumzana Robbie Jansen, sisthwalandwe somculo opholileyo saseKapa, wathi kwakhona waphakamisa izimvo zeemvumi. Ezi zikhalazo ke zaziquka:
amalungelo eemvumi, ukusekwa kwengxowa-mali yenkxaso, kwakunye ukungafumani mhlala-phantsi neenzuzo zonyango kweemvumi.
IMVELAPHI
Kukuseka iqela elibonakalayo kweli phondo ngokubanzi ze ngolo hlobo ube lo mbutho usondeza iimvumi eluntwini.
Kukuseka amaziko ezibonelelo zeemvumi kweli phondo ngokubanzi (kule mimandla mithandathu ifana neBoland, uNxweme oluseNtshona, i-Eden, uMbindi Karoo, i-Overberg neMetropole) inokusetyenziswa ziimvumi, amachule obugcisa, abaqashi kwicandelo lolwazi, ezemfundo, inkxaso- njalo-njalo.
Ukuseka isikhundla solwazi sabantu esinokubadinga kwicandelo lomculo apha kwiNtshona Kapa.
Ukudala nokulawula ingxowa-nmali yoncedo ngeenjongo zokunceda iimvumi nokunikezela inkxaso kwiimvumi ezithi zijamelane neenzima zemali
Ukudala izikhundla apho iimvumi kwanabanye abantu namaqela abandakanyeka emculweni banokuxhotyiswa ngokoqoqosho.
Ukuseka iindlela zokusebenza ezijonga imiba efana neentlawulo neengeniso; iindlela zokuziphatha nezokusebenza, njalo-njalo.
Ukuqeqesha kwanokuvelisa abantu abatsha abanetalente nethuba lokuba ziimvumi zangomso ezinesiphiwo?.iinkwenkwezi zoMzantsi Afrika.
AMAHLAKANI
iSebe Lemicimbi Yenkcubeko Nemidlalo iSebe Lophuhliso Loqoqosho Nokhenketho uMbutho Wexeshana Weemvumi zaseNtshona Kapa
IMIYALELO:
Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, nceda uqhagamshelane:
Inombolo Yomnxeba: 021 483 9722
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
iSebe Lemicimbi Yenkcubeko Nemidlalo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
