UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ezemfundo
Uncedo Ngemali Yokufunda
INKCAZELO:
Ingaba Zeziphi Iinkxaso-mali Zokufunda liSebe Leenkonzo Zoluntu Nokuncitshiswa Kwentlupheko?
Ziintoni Ezihlawulelwa yile Nkxaso-mali Yokufunda?
Ingaba Kuya Kufuneka Ndihlawule okanye Ndiphangelele Ukuyihlawula le Nkxaso-mali?
Ingaba Zingasetyenziswa Phi Ezi Nkxaso-mali Zokufunda?
Ngubani Onokufaka Isicelo sale Nkxaso-mali?
Ndingasifaka Njani Isicelo?
Ndingalufumana Phi Olunye Ulwazi?
Ingaba Zeziphi Iinkxaso-mali Zokufunda liSebe Leenkonzo Zoluntu Nokuncitshiswa Kwentlupheko?
iSebe Leenkonzo Zoluntu Nokuncitshiswa Kwentlupheko linikezela ngeenkxaso-mali zokufunda ezingamasghumi amane anesine kubafundi abaza kujongana nemfundo kuphela Kwezentlalo-ntle ngonyaka. Ezingamashumi amabini anesine kwezi zinikezelwa kubafundi abangamadoda abaza kwenza izifundo Zentlalo-ntle kuphela, ngelixa ezingamashumi amabini izdezokungenela izifundo Zophuhliso Loluntu yaye zikhutshwa liSebe lesizwe Lophuhliso Loluntu ngokubambisana neSETA Ejongene Nempilo Nentlalo-ntle.
Ziintoni Ezihlawulelwa yile Nkxaso-mali Yokufunda?
Iinkxaso-mali zokufunda ezinikezelwa kubafundi abangamadoda kwezentlalo-ntle zihlawula iimali zokubhalisa, eyokufunda, iincwadi kwakunye neentlawulo zeemviwo. Iinkxaso-mali kwizifundo Zophuhliso Loluntu zona zihlawula imali yokufunda, iincwadi ze, apho kufanelekileyo, nendawo yokuhlala.
Ingaba Kuya Kufuneka Ndihlawule okanye Ndiphangelele Ukuyihlawula le Nkxaso-mali?
Ezi nkxaso-mali zokufunda zinikezelwa phantsi komqathango wokuba lowo uyifumeneyo ayibuyise ngokuthi asebenze apha kwiNtshona Kapa njengonontlalo-ntle isithuba seminyaka elingana naleyo uyifumene ngayo le nkxaso-mali.
Ingaba Zingasetyenziswa Kwawaphi Amaziko Ezi Nkxaso-mali Zokufunda?
Ngubani Onokufaka Isicelo sale Nkxaso-mali?
Ukuze ube nokufaka isicelo senye yezi nkxaso-mali zokufunda, kufuneka:
ube ngummi woMzantsi Afrika okanye okanye umhlali osisigxina kweli lizwe
Ube mhlawumbi ke usuka kwingingqi eyayisa kuhleleleka ngaphambili
Ube wamkelwe kwiziko lemfundo onqwenela ukufubnda kulo
IMIYALELO:
Ndingasifaka Njani Isicelo?
Amahuba okufikelela kwiinkxaso-mali zokufunda akhutshwa njengezibhengezo kwiphepha-ndaba iSunday Times namanye asebenza kweli phondo, yaye iingxoxo ezinjongo ikukunikezela ulwazi zenziwa kumaziko emfundo ephakamileyo.
Ndingalufumana Phi Olunye Ulwazi?
Inombolo Yomnxeba: 021 483 6140
Inombolo Yomnxeba: 021 483 2640
Inombolo Yomnxeba: 021 483 5763
La mabakala amaziko:
IMfundo & Noqeqesho
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
YAYAMENE
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
